Apha kwa-Paxful, sizama ukwenza utshintsho olubonakalayo kubomi b=obuphilwa ngabantu imihla ngemihla. Sikholelwa ukuba inkululeko yezimali lilungelo lomntu wonke ibe eyona njongo yethu kukuphumeza oko. Sijoyine kwinjongo yethu yokwenza umahluko!
Ufuna ukwazi ukuba uyintoni u-Paxful? Bukela le vidiyo ibangel'umdla!
U-Paxful wazalwa ngo 2015 ngokusuka kwiingcamango zabaseki bayo u-Ray Youssef no-Artur Schaback, abaphupha ngoquko kwezemali kuye nabani na oyinqwenelayo. Kwiimiliyoni zabantu abangakwazi ukufikelela iinkonzo zemali, kwakukho umsantsa ekwakufuneka uvingcwe. Namhlanje, u-Paxful uyenye yezona platfomu zinkulu ze-Bitcoin zomhlobo kumhlobo ehlabathini, iseva abathengi abangaphezu kwe-3 miliyoni ehlabathini jikelele. Inguquko ye-P2P ifikile.
u-Artur Schaback & u-Ray Youssef
Iqela eliphezulu lakwa-Paxful
Ukusebenza e-Paxful kuyamangalisa. Kwiiofisi ezine ezithe saa ehlabathini jikelele, amaqela ethu asoloko ezinikele. Sisebenza nzima, sidlale nzima, size sisebenze nzima nangakumbi ukuze siqiniseke ukuba sisoloko siphambili kumsebenzi wethu. Uya kuze ubone abasebenzi bakwa-Paxful bejayvela umculo, besejimini, besonwabela isinekhi, okanye begcakamele ilanga. Oku kungavakala kungakholeleki kodwa sizibiza njengosapho kuba siyathandana kwaye siyakuthanda oko sikwenzayo.
I-Tallinn kusoloko kubhekiswa kuyo njenge-“Silicon Valley” yase-Europe. Isixeko esincinane kodwa esizamayo esaziwa njengendawo yoshishino ebangel'umdla nenezakhiwo zakudala ezithi ndijonge. Umoya wobugcisa nowokuvumela ezinye iimbono kubantu balapha, wenza i-Estonia ibe yindawo entle kakhulu kwiqela lethu lokuphuhlisa imveliso ukuze liyile iimveliso ezizisa inguqu kwihlabathi, zilungise ubomi.
Isixeko sase-New York lelinye lamaziko ezemali amakhulu ehlabathini ibe yaba lukhetho lwemvelo ku-Paxful ukuze akhulise ukubakho kwakhe ngoxa etsala ubudlelwane obubanzi. Yaqala ingabantu nje ababini, kodwa iofisi yase-New York yakhawuleza yanda ngokuthi kubekho amalungu kumasebe aliqela awahlukahlukeneyo, kuquka amaqela ethu ezomthetho nawokuthobela asebenza nzima ekutyhaleleni u-Paxful kwizinga elilandelayo.
Jonga imisebenzi efumanekayoI-Hong Kong yindawo eneenkcubeko ezahlukahlukeneyo eye lakhula yaba lelinye lawona maziko oshishino awakhe axakeka emhlabeni. Iofisi yase-Hong Kong likhaya kumalungu amaqela ethu ophuhliso lwezentengiso nawoshishino, awenza amanyathelo abonakalayo ekunxulumaniseni iindidi zeemarike zaseAsia kwihlabathi lonke.
Jonga imisebenzi efumanekayoI-Manila liziko lase-Philippines loqoqosho, lepolitiki, lonxibelelwano, nelenkcubeko. Enye yezona zinto abalasele nakhula ngokukhawuleza ngayo amashishini ase-Manila lushishino lokukhutshwa kudluliselwe inkcazelo yeteknoloji (IT-BPO). Yiloo nto i-Manila yaba lukhetho olwavele lwazicacela ukuba ibe liziko lamava abathengi bethu neqela lethu lentengiso.
Jonga imisebenzi efumanekayoInjongo yethu yinkululeko yoqoqosho sisebenzisa izimali zomhlobo kumhlobo. Ngeplatfomu ekhuselekileyo, nefundisayo enabathengi abaqinisekisiweyo, injongo yethu kukuba ngumwezi kwezemali kumhlaba wonke nomguquleli wemali wendawo yonke. Sibeka imfundo kwindawo yokuqala, iqela lethu lifuna ukunceda abantu ehlabathini jikelele banxibelelane baze bakhe ulwalamano omnye komnye, libavumela ukuba bafunde baze bakhule kunye. Ekupheleni kosuku, kukwenza umahluko obambekayo kubomi babo kwindawo yonke. Utshintsho lokwenene oluziswa ngabantu bokwenene.
Sikubonelela ngelungiselelo lesidlo sasemini nedinara yonke imihla, ukuba lilungu layo nayiphi ijim oyikhethayo, iisamplimenti ezahlukahlukeneyo zokukugcina usemandleni kwaye wondlekile, amatyelelo eemasaji nawamathambo, neziganeko zeqela ezinxulumene nempilo. Amatyelelo ezempilo nge-intanethi kunye noogqirha abaphezulu.
Ekundwendweleni iiyunivesithi zehlabathi jikelele ezibonelela ngemithombo engalinganiselwanga yoqeqesho nophuhliso lokuba yingcali, sikholelwa ukuba eyona nkqubela phambili kukuqhubeka ukhula kwaye ufunda.
Ukutshintsha ihlabathi akulula. Ngoko ukuze sibhalanse wonke umsebenzi onzima, sibonelela ngezinto ezenziwayo, iziganeko, kuquka neeholide ezibhatalelwa yinkampani ezenzelwe nje ulonwabo, amava, kunye nonxibelelwano onokulwakha kunye nabasebenzi abasebenza kwamanye amazwe.
Intliziyo ka-Paxful. Amaqela emveliso anobuchule obahlukahlukeneyo asebenza ngesantya esikhawulezayo, asoloko ephuhlisa iimveliso ezintsha, ahlaziye ezikhoyo, aze abe nombono wekamva kufikelelo lwezemali lomhlobo kumhlobo.
Amaqela emveliso anobuchule obahlukahlukeneyo asebenza ngesantya esikhawulezayo, asoloko ecinga ngeendlela ezintsha zokuphucula amava abasebenzisi bethu. Abayili, Abaphathi Bemveliso kunye Nabahlalutyi benza umsebenzi omangalisayo, wokutshintsha amacebo abe ziimveliso neefitsha ezisebenzisekayo.
Elona sebe likhulu lakwaPaxful lisasazwe phakathi kwamazwekazi awahlukahlukeneyo ukuze siqiniseke nge 24/7 yenkxaso nokucombulula amabango. La maqela asebenzela ekukhuseleni iplatfomu nabasebenzisi bethu, ayaqiniseka ukuba iimfuno zomthetho ziyalandelwa aze aqhube uhlalutyo oluhambele phambili lwenkcazelo yentengiselwano.
Aba ngabasasazi bevangeli yezemali yomhlobo kumhlobo ehlabathini jikelele. Besebenzisa kokubini okungokwemveli nangamajelo okuthengisa emidiya, eyona njongo yabo kukufikelela abantu kwihlabathi lonke ngokubafundisa, ulwaneliseko, nokwakha abantu.
La masebe ayi-oyile kumatshini wethu. Ayaqiniseka ukuba iincwadi zethu zisexesheni kwaye zonke izinto esizenzayo zisemthethweni.
Ngabantu abaqiniseka ukuba u-Paxful uhlala eyeyona ndawo yokusebenza igqibeleleyo! Balawula zonke iinzame ezenziwa ngabantu bethu, bakwalawula zonke izinto ezinxulumene nophuhliso lwenkampani, kunye nokusingatha ulawulo lweofisi neeprojekthi zolawulo ezahlukahlukeneyo.
Ukufaneleka nokufaka isicelo
Lungiselela ukufowunelwa
Udliwano-ndlebe lokuqala