Imimiselo Yesevisi ye-Stablecoin ku-Paxful

Umhla wokusebenza: Matshi 4, 2021

NCEDA UFUNDE ESI SIVUMELWANO NGOKUCOKISEKILEYO. Ngokusebenzisa isevisi ka-Stablecoin eku-Paxful, uyavuma ukubotshelelwa yile Mimiselo Yesevisi ye-Stablecoin eku-Paxful" eyongezelelekileyo kwaye uyaqonda futhi uyavuma ukuba uyifunde ngokucokisekileyo nangocoselelo, wayiqonda, waze wayamkela yonke imimiselo nemiqathango equlethwe apha, eyongezelela imimiselo Yesevisi yakwa-Paxful ("isiVumelwano"). Nawaphi amabinzana abhalwe ngonoobumba abakhulu kodwa angachazwanga ngezantsi anentsingiselo echazwe kwisiVumelwano. Ukuba kungakho nakuphi na ukungavisisani phakathi kwesiVumelwano kunye ne Mimiselo Yesevisi ye-Stablecoin yakwa-Paxful ebudeni okanye ngokunxulumene nokusebenzisa kwakho inkonzo ye-Stablecoin yakwa-Paxful, oku kuza mva kuza kulawula.

Malunga ne-Stablecoin yakwa-Paxful

Isevisi ye-Stablecoin yakwa-Paxful yindlela yokudlulisela ekuvumelayo wena, njengomsebenzisi ofanelekileyo wakwa-Paxful, ukuba ungene kwintengiselwano yomhlobo kumhlobo ngenkampani yomntu wesithathu ekhethwe kwangaphambili ("iHlakani le-Stablecoin"), ekhethwe ngu-Paxful, yotshintshiselwano lwe-Bitcoin yakho ngexabiso elilingana ne-USD le-stablecoin, ukuze ubanjwe liHlakani le-Stablecoin ukuze kungenelwe wena. Ngale ndlela, i-Stablecoin sakwa-Paxful sikuvumela uphume kwisikhundla se-Bitcoin yakho uze uye kwi-stablecoin osikhethayo.

INdlela Yokudlulisela

Inkonzo ye-Stablecoin yakwa-Paxful yindlela yokudlulisela enenjongo enomda nefumaneka kwiplatfom ka-Paxful. Emva kokuba ubonise umdla wokwenza intengiselwano ye-Stablecoin yakwa-Paxful, uPaxful uza kukuthumela kwiHlakani le-Stablecoin ukuze ugqibezele lo ntengiselwano. Umele ulandele ulwalathiso olunikiweyo ukuze ufake imimiselo yexabiso kwiHlakani le-Stablecoin. Ukuba iHlakani le-Stablecoin liyayamkela imimiselo yexabiso lakho, intengiselwano iza kugqitywa phakathi kwakho neHlakani le-Stablecoin. Njengakwintengiselwano eqhelekileyo eqhutywa kwiplatfom yayo, u-Paxful akayi kuba nenxaxheba, ulawulo, amandla, ukugqiba, okanye igunya kwiintengiselwano ze-Stablecoin yakwa-Paxful ozingenileyo okanye eziye zazanywa phakathi kwakho neHlakani le-Stablecoin. U-Paxful akayi kugcina naziphi na ii-stablecoins aze acebise okanye ayalele nawuphi na umsebenzisi wakwa-Paxful ukuba afumane ii-stablecoins.

IHlakani le-Stablecoin linganemimiselo nemiqathango yalo yentengiselwano yesevisi ye-Stablecoin yakwa-Paxful, kwaye isevisi ye-Stablecoin yakwa-Paxful ingahluka ngokwexabiso lotshintsho lwekharensi, isantya sotshintshiselwano, kunye neminye imimiselo nemiqathango ebekwe liHlakani le-Stablecoin ("iMimiselo yeHlakani le-Stablecoin"). Ngokungena kwintengiselwano kunye neHlakani le-Stablecoin uyavuma ukubotshelelwa yiMimiselo yeHlakani le-Stablecoin. IMimiselo yeHlakani le-Stablecoin iyasebenza kuzo zonke iimeko ngaphandle kwaxa iphikisana okanye isaphula isiVumelwano, le Mimiselo Yesevisi ye-Stablecoin yakwa-Paxful, ayikho mthethweni, ayikho sengqiqweni okanye kunzima ukuyithobela (njengoko kubonisiwe kwisigqibo se-Paxful sokuzimela nesakho ngokupheleleyo), okanye ukuba wena neHlakani le-Stablecoin nivumelene ekutshintsheni iMimiselo yeHlakani le-Stablecoin. YIMBOPHELELEKO YAKHO UKUYIFUNDA NGOKUCOKISEKILEYO IMIMISELO YEHLAKANI LE-STABLECOIN UZE UYILANDELE NJENGOKUBA INJALO. UKUBA AWUYILANDELI IMIMISELO YEHLAKANI LE-STABLECOIN, INTENGISELWANO YAKHO INGANGAVUNYWA. UNGAZE UNGENELE INTENGISELWANO YENKONZO YE-STABLECOIN YAKWA-PAXFUL NGAPHANDLE KOKUBA UTHOBELE YONKE IMIMISELO NEMIQATHANGO EBALULEKILEYO EDWELISIWEYO. UKUBA AWUYILANDELI IMIMISELO NEMIQATHANGO, U-PAXFUL ANGANGAKWAZI UKUKUNCEDA KWINKQUBO YEBANGO UKUZE UFUMANE IIMALI ZAKHO.

Imirhumo

U-Paxful uza kuhlala eyibeka elubala imirhumo yethu. Nayiphi imirhumo iza kusebenza ekusebenziseni kwakho inkonzo ka-Paxful. Ukufumana ulwazi oluthe kratya kunye nohlaziyo kwimirhumo yokuguqula, nceda ubhekisele kwi Ziko lethu Loncedo .

Iiakhawunti Ezifanelekayo neMimandla eThintelweyo

Isevisi ye-Paxful Stablecoin yenziwe yafumaneka kuphela kubasebenzisi abayifanelekelayo le sevisi. Ukuze ukufanelekele ukusebenzisa isevisi ye-Paxful Stablecoin, umele uqinisekise iakhawunti yakho uze ubuncinci ube ne-USD $1.00 yexabiso le-Bitcoin kwiwalethi yakho yakwa-Paxful, kunye naso nasiphi isixa se-Bitcoin esifunekayo sokugubungela imirhumo enxulumeneyo. U-Paxful unelungelo lokuthintela okanye ukutshintsha isevisi ye-Paxful Stablecoin kuye namphi umsebenzisi waku-Paxful, kwaye abaNxamnye no-Stablecoin banokwala nayiphi intengiselwano kunye namphi umsebenzisi waku-Paful. Ukongeza kwiMimandla eThintelweyo njengoko kubekiwe kwiCandelo 2.7 le Imimiselo Yesevisi yethu, inkonzo ye-Paxful Stablecoin ayifumaneki kubasebenzisi abahlala kwi-State saseTexas.

AKUKHO SIQINISEKISO, UMLINGANISELO WOTYALA KUNYE NOKUTHATHA UMNGCIPHEKO

IISEVISI ZE STABLECOIN YAKWA-PAXFUL ZINIKELWA "NJENGOKO ZINJALO" KUNYE "NGOKOKUFUMANEKA" NGAPHANDLE KWEEGARANTI, UKUMELWA OKANYE IIWARANTI, NOKUBA KUNGOKUXELELWA, KUTHATHWE NGOKUNGATHI OKANYE KUMISELWE. NGOKOWONA MKHAMO USEBENZAYO UVUNYELWEYO NGUMTHETHO, U-PAXFUL UBUKHULU BECALA AKAVUMI TYALA KUZO NAZIPHI IIWARANTI EZITHENJISIWEYO OKANYE IITAYITILE, UKUKWAZI UKURHWEBA, UKUFANELEKELA INJONGO ETHILE KUNYE/OKANYE , NAZIPHI NA EZINYE IINXALENYE ZESEVISI, UKUXELA IZIPHUMO ZOKUTHIWA KWESIHLOKO, UKUTHENGISA, UKUFANELEKA KWIINJONGO EZITHILE KUNYE / OKANYE UKUNGATHOTYELWA. U-PAXFUL AKENZI MIBONISO OKANYE IIWARANTI ZOKUFIKELELA KWIWEBHUSAYITHI, NAZIPHI IINXALENYE ZESEVISI, OKANYE NAZO NAZIPHI IIMATHIRIYELI EZIQULETHWE KUZO, UYA KUQHUBEKA, ENGAPHAZANYISWA, ESEXESHENI, OKANYE ENGENAMPAZAMO. U-PAXFUL AKABOPHELELEKANGA NGAKO NAKUPHI NA UKUSILELA KWESOFTWE OKANYE IITEKNOLOJI ZOMNTU WESITHATHU, NAKUPHI NA UKUPHAZAMISEKA OKANYE NAYIPHI ILAHLEKO YOMSEBENZISI. NGOKU UYAVUMA KWAYE WENZA ISIVUMELWANO SOKUBA AWUTHEMBELANGA NGAYO NAYIPHI NA ENYE INKCAZELO OKANYE UKUQONDA, ENOBA IBHALIWE OKANYE INGOMLOMO, NGENXA YOKUSEBENZISA NOKUFIKELELA KWAKHO KWEZI NKONZO NEWEBHSAYTHI. NGAPHANDLE KOKUBEKA UMDA WOKUQHUBEKEKA, UYAVUMA KWAYE UYAYAMKELA IMINGCIPHEKO EYAHLUKENEYO EBANDAKANYEKILEYO EKUSEBENZISENI IIKHARENSI ZEDIJITHALI KUQUKA KODWA EZINGAPHELELANGA KWEZI UMGCIPHEKO WEZOMTHETHO, UKUSILELA KWEHADWE, IINGXAKI ZESOFTWE, UKUSILELA KOXOKOMEZELO LWE-INTANETHI, ISOFTWE EZIYINGOZI, UKUNGENELELA KOMNTU WESITHATHU OKUKHOKELELA EKULAHLEKENI OKANYE UKUNGAKWAZI UKUFIKELELA KWIAKHAWUNTI YAKHO OKANYE IWALETHI KUNYE NENYE INKCAZELO YOMSEBENZISI, UKUSILELA KWESEVA OKANYE UKULAHLEKA KWENKCAZELO. UYAKWAMKELA FUTHI UYAKUVUMA UKUBA AYILOXANDUVA LUKA-PAXFUL NAKUPHI UKUSILELA KUNXIBELELWANO, UKUPHAZAMISEKA, IIMPAZAMO, UKULAHLEKISA OKANYE UKULIBAZISEKA ONOKUBA NAMAVA AKO XA USEBENZISA EZI NKONZO, NOKUBA KUBANGELWE YINTONI.

AKUKHO MEKO APHO U-PAXFUL, IHLAKANI LAKHE NABANIKELI NKONZO BAKHE, OKANYE NAWAPHI NA AMAGOSA ANGABAMELI BAKHE, ABALATHISI, ABAMELI, ABASEBENZI, ABACEBISI, ABABONELELI OKANYE ABAMELI, ABAYA KUBOPHELELEKA (A) NGAYO NAYIPHI NA IMALI ENGAPHEZU KWEXABISO LAWO WONKE UMRHUMO OBHATELWE NGUWE NGESEVISI ENGUNOBANGELA WESENZO ESENZEKE KWIINYANGA EZILISHUMI ELINESIBINI (12) NGAPHAMBI KWESIPHAKAMISO SOKULAHLEKA OKANYE (B) NAKUPHI NA UKULAHLEKELWA YINGENISO, UKUDODOBALA KWEXABISO OKANYE KWETHUBA LESHISHINI, NAYIPHI NA ILAHLEKO, UMONAKALO, URHWAPHILIZO OKANYE UKOPHULWA KWENKCAZELO OKANYE NAYIPHI NA ENYE IPROPATI ENGABAMBEKIYO OKANYE NAWUPHI UMONAKALO OKHETHEKILEYO, OWENZEKE NGENGOZI, ONGEZANGA NGQO, ONGABAMBEKIYO OKANYE ONGUNOBANGELA, ENOBA USEKELWE KWIKHONTRAKTHI, KULWAPHULO -MTHETHO, UKUNGAKHATHALI, UKUBOPHELELEKA OKUNGQONGQO, OKANYE OKUNYE, OKUVELE NGENXA OKANYE NGOKUNXULUMENE NOKUSETYENZISWA OKUGUNYAZISIWEYO NOKUNGAGUNYAZISWANGA KWESAYTHI OKANYE IINKONZO, OKANYE KWESI SIVUMELWANO, NOKUBA UMMELI OGUNYAZISIWEYO WAKU-PAXFUL UYE WACHAZELWA OKANYE EBESAZI OKANYE EBEMELE UKUBA UYAZI UKUBA LO MONAKALO UBUNGENZEKA, KUNYE NOKUNGAKWAZI UKUMELA UKUSILELA KWAYO NAKUPHI UKUSONJULULWA OKUVUNYELWENE NGAKO KWENJONGO YAYO EBALULEKILEYO, NGAPHANDLE KOMKHAMO OFIKELELE KWISIGWEBO SOKUGQIBELA ESIGQIBAYO UKUBA UMONAKALO ONJALO UBUNGUMPHUMO WOKUNGAKHATHALI NGOKUGQITH' EMGCENI KUKA-PAXFUL, WOKURHWAPHILIZA, UKUNGAZIPHATHI NGENDLELA KWANGABOM OKANYE UKWAPHULWA KOMTHETHO KWANGABOM. AMANYE AMAGUNYA EZOMTHETHO AKAKUVUMELI UKUNGAQUKWA OKANYE OKUMISELWA UMDA KOMONAKALO ONGENGOZI OKANYE ONGOMPHUMO, NGOKO LO MDA UNGENTLA UNGANGASEBENZI KUWE.