Paxful Inc. IMIMMISELO YESEVISI

ESI SIVUMELWANO SIQULATHE INKCAZELO EBALULEKE KAKHULU MALUNGA NAMALUNGELO KUNYE NEEMBOPHELELEKO ZAKHO KWAKUNYE NEMIQATHANGO, UUKULINGANISELWA NEZINTO EZINGAQUKWANGA EZINGASEBENZA KUWE. NCEDA UYIFUNDE NGONONOPHELO.

Le Mimiselo yeSevisi kunye naziphi na izilungiso kunye nokubuyiselwa kwakhona apha (“isivumelwano”) yenza isivumelwano somthetho esigubungela ukufumaneka kweesevisi ezivela ku-Paxful kuwe, kuquka ukubonelela ngendawo yentengiso ukwenza abathengi kunye nabathengisi be "Asethi eziDijithali" (eli gama ukuba lazeke ngokubanzi liquka i-kharensi ezi-dijithali ezifana ne-Bikcoin, i-Tether, kunye nezinye, ngokuxhaswa yiwalethi ye-Paxful) bakwazi ukurhwebelana (“Indawo yokuthengisa”), ibonelele ngeenkonzo zewalethi ezidijithali ezisingathwayo, ukubamba nokukhupha iiasethi ezidijithali njengoko kuyalelwa xa kugqitywa ukuthengwa iiasethi ezdijithali kunye naziphi na iisevisi ezichazwe kwesi Sivumelwano (ngokudibeneyo “Iinkonzo” na ngokukhethekileyo, “iiSevisi”) ezibonelelwa ngu-Paxful, Inc. kunye nawo onke amahlakani ayo, kuquka kodwa kungaphelelanga kwi-Paxful USA, Inc.(ngokudibeneyo, “i-Paxful” okanye “thina” okanye “thina” okanye “inkampani”) kuwe ngokwakho (ukwabizwa ngokuba “ungumsebenzisi” okanye “wena”). I-Paxful.com kunye neeSevisi ezinxulumene nayo zisebenza zikwa lawulwa yi-Paxful. Ukusebenzisa kwakho iiSevisi kuya kulawulwa sesi Sviumelwano, sihambisana ne Polisi Yabucala, Ipolisi Yeekhukhi, kunye neMvume ye-E-Sign.

LE MIMISELO IFUNA KUSETYENZISWE INKQUBO YOLAMLO UKUZE KUCONJULULWE AMABANGO ENDAWENI YOKUFAKA ISIMANGALO ENKUNDLENI.

Ngokubhalisa ukuze usebenzise i-akhawunti kwi paxful.com, okanye naziphi na iiwebhsayithi ezinxulumane nayo, ii-API, okanye izixhobo eziphathwayo, kuquka naziphi na ii-URL ezisetyenziswa yi-Paxful (ngokudibeneyo “iWebhsayithi ye-Paxful” okanye “iWebhsayithi”), uyavuma ukuba uyifunde ngocoselelo nangononophelo, uyayiqonda, kwaye uyayamkela yonke imimiselo nemiqathango equlethwe kwesi Sivumelwano kuquka iPolisi Yabucala, iPolisi yeKhukhi, kunye neMvume ye-E-Sign.

IXABISO LEE-ASETHI EZIDIJITHALI LINGEHLA OKANYE LONYUKE KWAYE KUNGABAKHO UMNGCIPHEKO OMKHULU WOKUBA UNGAPHULUKANA NEMALI UTHENGA, UTHENGISA, UBAMBILE, OKANYE UTYALA KWI ASETHI EZIDIJITHALI. KUFUNEKA UKUQWALASELISE NGONONOPHELO UKUBA UKUTHENGISA OKANYE UKUGCINA I-ASETHI EZIDIJITHALI KUKUFANELE NGOKUJONGA IMEKO YAKHO YEMALI.

Malunga ne-Paxful kunye neeNkonzo zayo

I-Paxful yindawo ekhokelayo yentengiso kumhlobo kumhlobo eququzela ukuthengwa nokuthengiswa kwee-asethi zedijithali nabathengisi abamkela iindlela ezingaphezulu kwama-300 zokuhlawula ngokutshintshiselana ngeeasethi zabo zedijithali. Iindlela zokuhlawula kuyathethathwana ngazo kwaye kutshintshiselwane ngokwenqanaba lomhlobo kumhlobo phakathi kwabathengi kwindawo yentengiso (“Abathengi”) kunye nabathengisi kwindawo yentengiso (“Abathengisi”). Abasebenzisi bethu bayavumelana ukuba zeziphi iindlela zokuhlawula ukugqiba urhwebelwano kwaye banoxanduva ngokupheleleyo lokusebenzisa ezo ndlela zokuhlawula ngendlela esemthethweni.

I-Paxful ikwanikela ngeenkonzo ezisingathiweyo zee walethi ezidijithali ngaphantsi kweenkokheli ezinikela nge walethi ze-asethi ezidijithali kwihlabathi. Abasebenzisi bethu kwihlabathi lonke bayakwazi ukuthumela intengiselwano yokuthenga okanye ukuthengisa i-Asethi ezi-Dijithali ngeendlela ezahlukeneyo ezifanelekileyo. Umdali wentengiso unoxanduva lokudwelisa imigaqo yentengiselwano, kuquka neendlela zokuhlawula uMthengisi aya kuzamkela. Nje ukuba intengiselwano ikhethiwe ngomnye umsebenzisi we Paxful, ii-Asethi ezi-Dijithali zomthengisi ziyatshixwa njengenxalenye yenkqubo zethu zorhwebelwano (esibhekisa kuyo njenge ngxowa-mali ye-Paxful) zide zonke iimeko eziyimfuneko zokugqibezela urhwebelwano zenzekile. Intengiso igqityiwe iiasethi zedijithali ziyavulwa zikhululelwe u-Mthengi ngu Mthengisi nje ukuba u-Mthengi ayigqibe imigaqo yorhwebelano kunye nentlawulo iqinisekisiwe ukuba iyasebenza kwaye ifunyenwe ngu Mthengisi. I-PAXFUL AYENZI NJENGENKQUBO YENTLAWULO. LONKE UXANDUVA LOKUTHUMELA NOKUFUMANA INTLAWULO KUNYE NOKUQINISEKISA UKUSEBENZA KORHWEBELWANO KUXHOMEKEKE PHAKATHI KOMTHENGI NOMTHENGISI. Ii-Asethi zeDijithali esizitshixelayo zibuyiselwa emva kuMthengisi ukuba uMthengi ukhetha ukurhoxisa urhwebelwano. Umthengisi akanakho ukurhoxisa urhwebelwano nangaliphi na ixesha. Umthengisi unokhetho lokuvula kuphela iiasethi zedijithali azikhululele Umthengi.Oku kwenzelwe ukhuseleko ku-Mthengi. Ukuba uMthengisi ufuna ukurhoxisa urhwebelwano ngenxa yokuba uMthengi engalandeli imiqathango yorhwebelwano, Kufuneka baqale impikiswano kwaye banike nesizathu sokwenza oko njengoko kuchaziwe kwi-Candelo lesi-8 lesi si-Vumelwano. Urhwebelwano kwi-Webhusayithi yethu luqhutywa phakathi kwa-Bathengi kunye na-Bathengisi. Ngokufanelekileyo, i-Paxful ayiyonxenye yaluphi na urhwebelwano.

Isevisi yewalethi edijithali ekwi-intanethi yindlela ekhuselekileyo yokugcina kunye nokufumana ikharensi edijithali. U-Paxful akagcini okanye abanjiswe ii-Dijital Assets. Ii-Dijital Assets zisoloko zigcinwa kwiinetwekhi okanye kwii-blockchain ezinxulumene nazo. Yonke intengiselwano yekharensi edijithali yenzeka kwinethiweki yekharensi edijithali kungekhona ku-Paxful. Akukho siqinisekiso sokuba intengiselwano iza kuproseswa kwinethiwekhi yekharensi edijithali. U-Paxful ugcina ilungelo lokungavumi ukuprosesa nayiphi na intengiselwano ukuba siyifumanisa ingayithobeli imimiselo nemiqathonge yesi Sivumelwano. Uyayamkela kwaye uyavuma ukuba uza kuba nembopheleleko yazo zonke izinto ezenziwa kusetyenziswa iwalethi yakho kwaye uyawamkela wonke umngcipheko wokufikelelwa kwiwalethi yakho ngokungagunyaziswa ngokuhambelana noko kuvunyelwa ngumthetho.

  1. NGOKUBANZI

    1. Sinelungelo lokulungisa, ukuguqula, ukutshintsha okanye sihlaziye esi Sivumelwano nangaliphi na ixesha, ngokokubona kwethu ngokupheleleyo nangokugqibeleleyo nangaphandle kwesaziso ngaphambili. Naluphi na utshintsho olunje ngokubhekisele ekusebenziseni kwakho iiSevisi luya kuqala ukusebenza xa lupostwe kwi Webhsayithi ye-Paxful kungekhona ngaphambi kokuba lupowustwe. Ukuba usinike idilesi ye-imeyile, sinokukwazisa kwange-imeyile ukuba iSivumelwano sihlaziyiwe. Ukuba awuvumelani nemimiselo yesi Sivumelwano esihlaziyiweyo, ongakwenza ngokunokwakho ngokukodwa kukuba uphelise ngokukhawuleza ukusebenzisa iiSevisi uze uvale i-akhawunti yakho.
    2. Luxanduva lwakho ukufunda iSivumelwano ngocoselelo kwaye ngamaxesha athile uhlole esi Sivumelwano njengoko sifakiwe kwiWebhsayithi ye-Paxful. Ukuqhubeka usebenzisa iiSevisi kuya kubonisa ukwamkelwa kwakho ukuba ubotshelelwe siSivumelwano esisebenza ngoku.
    3. Ukusilela okanye ukulibaziseka kuka-Paxful ekunyanzeliseni okanye ukunyanzelisa kancinane naliphi na igatya lesiSivumelwano akuyi kuthathwa njengokunikezela ngawo nawaphi na amalungelo ethu okanye izilungiso.
  2. I-AKHAWUNTI NO BHALISO

    1. Ukuze usebenzise iiSevisi, kuya kufuneka ubhalise i-akhawunti kwiWebhsayithi yethu. Ngexesha lenkqubo yobhaliso, siya kukucela iinkcukacha ezithile, kuquka kodwa kungaphelelanga kwigama lakho, idilesi kunye nezinye inkcukacha zobuqu ukuqinisekisa ukuba nguwe. Singakwazi, ngokubona kwethu okupheleleyo, ukwala ukugcina iakhawunti yakho. Ngokwenjenje uyamkela kwaye uvuma ukuba: (a) uneminyaka esemthethweni kwindawo yakho ukuba ngene kwesi Sivumelwano; kwaye (b) awukaze unqunyanyiswe okanye ususwe ekusebenziseni iiSevisi zethu kwixesha elidlulileyo.
    2. Ngokusebenzisa iakhawunti yakho, uyavuma kwaye umele ukuba uya kuzisebenzisela wena iiSevisi zethu kwaye awunakusebenzisa iakhawunti yakho njengomntu ophakathi okanye umrhwebi walo naliliphi na iqela lesithathu okanye inkampani. Ngaphandle kokuba kugunyaziswe ngokucacileyo yi-Paxful, uvumeleke ukuba ube neakhawunti enye kwaye akuvumelekanga ukuba uthengise, uboleke, wabelane okanye wenze iakhawunti yakho ifumaneke okanye naziphi inkcukacha zokungena kwiakhawunti yakho zifumaneke kwabanye abantu abangenguwe. Nguwe kuphela onoxanduva lokugcina ukhuseleko olwaneleyo kunye nolawulo lawo onke amagama abasebenzisi, iidilesi ze-imeyile, ikhowudi yogunyaziso lwenyathelo lesibini okanye naziphi na iikhowudi okanye iinkcukacha ozisebenzisayo ukungena kwiiSevisi. Iakhawunti yakho iyimele ibe neenkcukacha ezilahlekisayo okanye ezobuqhetseba. Ukwenza iinkcukacha ezingeyo nyani kwiakhawunti yakho, ukuxoka ngelizwe ovela kulo okanye ukunikezela ngamaxwebhu ezazisi zobuqhetseba akuvumelekanga.
    3. Ngexesha lobhaliso lwe-akhawunti yakho, uyavuma ukusinika iinkcukacha esizicelayo ngeenjongo zokuqinisekisa isazisi sakho kunye nokufumanisa ukuthutyeleziswa kwemali ngokungekho mthethweni, ukuxhasa abanqolobi ngemali, ubuqhetseba, okanye naluphi na olunye ulwaphulo-mthetho lwezemali kwaye uyasivumela ukuba sigcine irekhodi yezi nkcukacha. Kuya kufuneka uzalisekise iinkqubo ezithile zokuqinisekisa ngaphambi kokuba uvunyelwe ukusebenzisa iiSevisi, nkqubo ezo ezinokuthi zitshintshwe ngenxa yeenkcukacha eziqokelelwe ngawe ngokuqhubekayo. Iinkcukacha esizicelayo ziquka iinkcukacha ezithile ngomntu, kodwa kungaphelelanga apho, igama lakho, idilesi, inombolo yefowuni, idilesi ye-imeyile, umhla wokuzalwa, inombolo yesazisi kunye nenombolo yesazisi yomrhafi. Ngokusinika oku okanye naziphi na iinkcukacha ezingafuneka, uyaqinisekisa ukuba zonke iinkcukacha ziyinyani, zichanekile kwaye azilahlekisi. Uyavuma ukusazisa ngokukhawuleza ukuba kubekho naluphi na utshintsho kwezi nkcukacha usinika zona. UYASIGUNYAZISA UKUBA SIBUZE IMIBUZO, NGQO OKANYE SISEBENZISA AMAHLAKANI ANGAMAQELA ESITHATHU ESIBONA EYIMFUNEKO UKUZE SIQINISEKISE UKUBA UNGUWE OKANYE SIKHUSELE WENA/THINA NXAMNYE NOBUQHETSEBA OKANYE OLUNYE ULWAPHULO LOMTHETHO OLUNGEKWEZIMALI SIZE SITHATHE AMANYATHELO ESIBONA EYIMFUNEKO NGOKUSEKELWE KWIZIPHUMO ZOLO QINISEKISO, UYAVUMA KWAYE UYAVUMELANA NOKUBA INKCAZELO YAKHO YOBUQU INGACHAZELWA IINKAMPANI EZIGCINA IINGXELO ZAMATYALA KUNYE NEZITHINTELA UBUQHETSEBA OKANYE IIARHENTE EZILWA NXAMNYE NOLWAPHULO MTHETHO OLUNGOKWEZIMALI NOKUBA EZI NDAWO ZINGASINIKA INKCAZELO EGCWELEYO KWIMIBUZO YETHU NGAWE.
    4. Ukuba usebenzisa iiSevisi zethu egameni lequmrhu elisemthethweni elifana neshishini, uyaqhubeka ukumela kwaye uqinisekisa ukuba: (i) iqumrhu elisemthethweni lisekwe ngokufanelekileyo kwaye likhona ngokusemthethweni phantsi kwemithetho esebenzayo yolawulo lombutho walo; kwaye (ii) ugunyaziswe ngokufanelekileyo ngumbutho lowo osemthethweni ukuba uwumele. Iakhawunti eqinisekisiweyo yenkampani yenzelwe kuphela elo qumrhu elisemthethweni kwaye inokusetyenziswa kuphela ngumntu oyibhalisileyo. Iiakhawunti zeeNkampani akuvumelekanga kwabelwane nabanye abantu ngeenkcukacha zazo zokungena. Iiakhawunti zeeNkampani ziyaqinisekiswa kwaye zivumelwa phantsi kwezi meko zilinganiselweyo:

      • Iakhawuthi egunyazisiweyo yeshishini ingaba nee-akhawunti eziliqela zabasebenzisi nangaliphi na ixesha ukuba zonke ziqinisekisiwe yinkampani kwaye zisetyenziswa ngabasebenzi abathile benkampani abachazwe kwangaphambili kwaye bavunywa yi- Paxful ngokokubona kwayo ngokupheleleyo;
      • Iiakhawunti zeshishini zinokufumana intengiso enye kuphela esebenzayo yorhwebelwano oluthile nangaliphi na ixesha kwaye azivumelekanga ukuba zibe neentengiso ezininzi zorhwebelwano olukwezinye iiakhawunti zabo.
    5. Unoxanduva lokwenza iphaswedi eluqilima kunye nokugcina ukhuseleko olwaneleyo kunye nolawulo lwazo zonke Izazisi, iiphaswedi, iintluva, iinombolo zokuzazisa (PINs), izitshixo ze-API okanye naziphi na iikhowudi ozisebenzisayo ukungena kwiiSeveisi zethu. Nayiphi na ilahleko okanye ukuchanabeka kwezi nkcukacha zichazwe ngentla kunye/okanye neenkcukacha zakho zobuqu kungabangela ukungena ngokungagunyaziswanga kwiakhawunti yakho ngumntu wesithathu kunye nelahleko okanye ukubiwa kwee Asethi ezidijithali kunye neemali ezayamene ne akhawunti yakho, kuquka iindlela zakho zokubhatala elikinkiweyo. Unoxanduva lokugcina iinkcukacha zakho zonxibelelwano zihlaziyekile kwi profayili ye-akhawunti yakho iinkcukacha ezinje ngedilesi ye-imeyile, inombolo yefowuni kunye nezinye ukuze ufumane naziphi na izaziso okanye izilumkiso esinokukuthumelela zona. Ungaze uvumele ungeno kwiakhawunti nge-remote access okanye wabelane ngeskrini sekhompyutha yakho nomnye umntu xa ungene kwiakhawunti yakho. Asiluthathi uxanduva lwayo nayiphi na ilahleko onokuyifumana ngenxa yokungakhuseleki kweenkcukacha zokungena kwiakhawunti kungekho mpazamo ku-Paxful okanye ukusilela kwakho ukulandela okanye wenze intshukumo kwizaziso okanye izilumkiso esinokukuthumelela zona.
    6. Ukuze usebenzise iiSevisi zethu kungafuneka ufikelele izibophelelo ezithile zomthetho kwilizwe ohlala kulo okanye ongummi kulo. Ngokwamkela le mimiselo ikwesi Sivumelwano, uyaqinisekisa ukuba uyijongisisile imithetho nemimiselo yendawo okuyo kwaye unolwazi, kwaye uyazifikelela naziphi na izibophelelo ezinjalo. Ngenxa yezithintelo ezisemthethweni okanye ezolawulo, asiboneleli ngokusetyenziswa kweeSevisi zethu kwiindawo ezithile. Ngokwamkela imimiselo ekwesi Sivumelwano, uyangqina ukuba awunguye umhlali okanye awulawulwa yimithetho nemimiselo yolawulo yezo ngingqi.
    7. Asinako ukwenza zonke iiSevisi zifumaneke kuzo zonke iintengiso nakwimimandla ethile kwaye sinokuthintela okanye singakuvumeli ukusetyenziswa kwazo zonke okanye inxenye yeeNkonzo kwimimandla ethile (“ Imimandla Ethintelweyo ”). Ngeli xesha, Imimandla Ethintelweyo iquka leyo ichaziweyo ku “ Luhlu lwethu Lwamazwe Avaliweyo ”, kunye neeNgingqi zaseWashington naseNew York. Ukongezelela, iiNkonzo azifumaneki ngokuphathelele ikharensi edijithali, iTether (USDT), kubasebenzisi abahlala kwiNgingqi yaseTexas. Awumele uzame ukusebenzisa iiSevisi zethu ukuba ukule Mimandla Ethintelweyo. Awumele uzame ukuphepha nayiphi imiqobo ebekiweyo ngezi Nkonzo, njengokufihla idilesi ye-IP okanye ukufaka inkcazelo engachananga ngokuphathelele indawo okuyo.
  3. UMTHETHO OLAWULAYO, ULAMLO & UKUNYANZELISWA KWESIVUMELWANO

    1. Esi Sivumelwano kunye nokusebenzisa kwakho iWebhusayithi neeSevisi kuya kulawulwa kwaye kuthathwe ngokuhambelana nePhondo lase Delaware, ngaphandle kokujonga imigaqo yokungquzulana kwemithetho.
    2. Ulamlo. Wena kunye ne-Paxful niyavumelana ukuba nayiphi na imbambano evelayo okanye enxulumene nesi Sivumelwano okanye iiSevisi, ekugqibeleni iya kuconjululwa kusetyenziswa ulamlo olubophelelayo, kumntu ngamnye, ngokuhambiselana nemithetho ye-American Arbitration Association yokulamla amabango anxulumene nomthengi (ifumaneka https://www.adr.org/rules). Ngokuxhomekeke kwiimfuno zomthetho olawulayo, abafaki-mabango abangabathengi (abantu urhwebelwano lwabo lwenzelwe ubuqu, usapho, okanye ukusetyenziswa ekhaya) banokukhetha ukulandela amabango abo kwinkundla yamabango amancinci endaweni yokusebenzisa umlamli nangona umcimbi wabo uhlala kwinkundla yamabango amancinci kwaye iqhubeka kuphela ngokweemeko zomntu (ibango elingafakwa ngabantu abamangala njengeqela okanye elingafakwa kusetyenziswa amagqwetha) ngamnye.

      UKUNGAMANGALI NJENGEQELA: UKUBA UMTHETHO UYAKUVUMELA OKO, ONKE AMABANGO AZA KUFAKWA NGUMNTU OMNYE KUNGEKHONA NJENGEQELA LABAMANGALI, IQELA ELIMANYENEYO OKANYE NJENGABAMELI (XA ZIDIBENE “UKUNGAMANGALI NJENGEQELA”). UMLAMLI AKAMELE ADIBANISE AMATYALA ABANTU ABANGAPHEZU KWESIBINI OKANYE ALAMLE IBANGO LABAMANGALI ABAFAKE ISIMANGALO NJENGEQELA. UYAVUMA UKUBA, XA UYAMKELA LE MIMISELO, WENA NO-PAXFUL NINIKEZELA NGELUNGLO LOKUBA ITYALA LIGWETYWE YIJURI KWAYE UYANIKEZELA NGELUNGELO LOKUTHATHA INXAXHEBA KWISIMANGALO SEQELO NXAMNYE NO-PAXFUL.

      I- Federal Arbitration Act, 9 U.S.C. §§ 1-16 uza kusebenza ngokuphelelyo xa kulamlwa. Umlamli iya kuba ngumntu omnye ongathathi cala, kwaye ulamlo luya kuqhutywa ngolwimi lwesiNgesi kwiPhondo laseDelaware okanye enye indawo ekuvunyelwana ngayo. Umlamli anganika nasiphi isigwebo ebesinokukhutshwa yinkundla, kuquka iindleko zamagqwetha ukuba umthetho uyakuvuma oko, kwaye isigqibo somlamli siya kufakwa njengesigwebo senkundla size sinyanzeliswe kuyo nayiphi na inkundla. Xa ufake isicelo, ulamlo luya kuqhutywa ngefowuni, ngokobuqu kwaye umlamli angafuna kufakwe amaxwebhu aze enze isigqibo sakhe engakhange amamele iingxoxo. Iqela eliphumeleleyo ekunyanzeliseni esi Sivumelwano liya kubhatalwa iindleko zamagqwetha.

      Ukuba umlamli (aba) okanye umlawuli wolamlo ukubhatalisa iindleko zokufaka ulamlo okanye ezinye iindleko, siza kukubuyisela imali yakho eya kulingana neendleko obuza kuba nazo xa ubuye enkundleni yamatyala. Ukub auye wacelam siza kubhatala nezinye iindleko okanye iimali ukuba imithetho yomlawuli wolamlo okanye imithetho esebenzayo ifuna njalo. Ngaphandle koku kuchazwe ngasentla, iqela ngalinya liza kuzibhatalalela ezinye iindleko okanye iimali ezifana neendleko zamagqwetha ekufuneka iqela liwabhatale.

    3. Ukuba umlamli okanye inkundla yaseMelika ifumanisa ukuba inxalenye yesi Sivumelwano ayisebenzi okanye ayinakunyanzeliswa enoba iphelele okanye inxalenye yayo, ukusebenza okanye ukunyanzeliswa kwamanye amacandelo ale mimiselo nemiqathango akusayi kuchaphazeleka. Naziphi izihloko eziqulethwe sesi Sivumelwano zenzelwe inkcazelo kuphela kwaye azinyanzeliseki phantsi kwezibonelelo zesi sivumelwano.
  4. IPOLISI YABUCALA & UKHUSELEKO

    1. Sizama kangangoko ukuthatha onke amanyathelo afanelekileyo ukukhusela iinkcukacha zakho zobuqu. Nangona kunjalo, asinakuqinisekisa ngokhuseleko lwayo nayiphi na idatha oyidiza kwi-Intanethi. Uyawamkela umngcipheko okhoyo wokunikezela ngeenkcukacha nokushishinaa kwi-Intanethi kwaye awuyi kusibeka tyala ngako nakuphi na ukwaphulwa kokhuseleko ngaphandle kokuba oko kungenxa yokungakhathali kwethu.
    2. Nceda ujonge ingxelo yethu yabucala esemthethweni:https://paxful.com/privacy.
  5. AKUKHO SIQINISEKISO, UMLINGANISELO WOXANDUVA KUNYE NOQIKELELO LOMNGCIPHEKO

    1. IISEVISI ZINIKEZELWA “NJENGOKO INJALO” “NANJENGOKO ZIFUMANEKA” NGAPHANDLE KWESIQINISEKISO OKANYE AMALUNGISELELO ATHILE ENOBA AXELWE NGQO, AYACINGELWA OKANYE ANGOKWASEMTHETHWENI. UKUFIKELELA KWINQANABA ELIPHEZULU ELIVUNYELWA NGUMTHETHO OSEBENZAYO, NGOKUCACILEYO I-PAXFUL AYIZIBOPHELELI NGAZO NAZIPHI IZIQINISEKISO ZEMIXHOLO, ZOKURHWEBA, UKUSEBENZISEKA INJONGO ETHILE OKANYE/KUNYE NOKUNGAPHULI MITHETHO. I-PAXFUL AYIMELI OKANYE INGENZI ZIQINISEKISO ZOKUBA UKUNGENGA KWIWEBHSAYITHI, NAKWEYIPHI INXALENYE YEESEVISI, OKANYE NAYIPHI NA IMIBA EQULATHWE KUYO, KUYA KUQHUBEKA, NGOKUNGAPHAZANYISWA, NGEXESHA, OKANYE KUNGABIKHO MPAZAMO. I-PAXFUL AYINATYALA NGAYO NAYIPHI NA IMAZAMISEKO OKANYE ILAHLEKO ENOKUGFUNYANWA NGUMSEBENZISI. UYAMKELA KWAYE UVUMA UKUBA AWUXHOMEKEKANGA KWENYE INGXELO OKANYE UKUQONDA OKUBHALIWEYO OKANYE OKUTHETHWAYO MAYELA NOKUSEBENZISA KWAKHO IISEVISI NOKUNGENA KWIWEBHUSAYITHI. NGAPHANDLE KOKUNCIPHISA OKUSELE KUTSHIWO NGAPHAMBILI, UYAMKELA KWAYE UVUMA IMINGCIPHEKO ELIQELA EKHOYO EKUSEBENZISENI IIKHARENSI EZIDIJITHALI KUQUKA UKUSILELA KWE-HARDWARE, IMIBA NGE-SOFTWARE, UKUSILELA KONXIBELELWANO KWI INTANETHI, I-SOFTWARE ENOBUNGOZI, UKUPHAZAMISA KWAMAQELA ESITHATHU OKUTHI KUKHOKELELE EKUBENI ULAHLEKELWE OKANYE UNGAKWAZI UKUNGENA KWI-AKHAWUNTI OKANYE IWALETHI YAKHO KUNYE NEDATHA YOMSEBENZISI, UKUSILELA KWESEVA OKANYE ILAHLEKO YEDATHA KODWA, KUNGAPHELELANGA APHO. IBE UYAVUMA KWAYE USAMKELA UKUBA I-PAXFUL AYINAKUBA NOXANDUVA LOKUSILELA KONXIBELELWANO, UPHAZAMISEKO, IIMPAZAMO, UPHAZANYISO, OKANYE ULIBAZISEKO ONOKULIFUMANA NALO XA USEBENZISA IINKONZO NOKUBA EZO ZINTO ZENZEKE NJANI NA.
    2. AKUKHO NASIPHI ISIGANEKO APHO U-PAXFUL, AMAHLAKINI KUNYE NABABONELELI BEENKONZO KUE OKANYE NABAPHI ABAKUMAGOSA, ABALATHISI, ABASEBENZI, ABACEBISI OKANYE ABAMELI BEYA KUBA NETYALA (A) LAYO NAYIPHI IMALI ENGAPHEZU KWEMALI OYIBHATALELA ISEVISI ENGUNOBANGELA WENYATHELO KWIINYANGA EZILISHUMI ELINAMBINI (12) EZINGAPHAMBI KOKUBAKHO KWELAHLEKO (B) NAYIPHI ILAHLEKO YEENZUZO UKUNCIPHA KWAMATHUBA OSHISHINO OKANYE NAYIPHI ILAHLEKO, UMONAKALO, URHWAPHILIZO OKANYE UKUFIKELELWA KWEDATHA OKANYE ENYE IPROPATHI ENGEYIYO EYOKOQOBO OKANYE UMONAKALO OKHETHEKILEYO, OBANGELWE, ONGANGQALANGA, ONGENGOWOKOQOBO OKANYE OBANGELWE NGOKUNGQALILEYO ENOBA USEKELWE KWISIVUMELWANO, KWISIMANGALO, KWISENZO SOKUNGAKHATHALI, EKUTHATHENI ITYALA OKANYE NGENYE INDLELA OVELA NGENXA YOKUSEBENZISA ISAYITHI OKANYE IINKONZO NGEMVUME OKANYE NGAPHANDLE KWAYO OKANYE ESI SIVUMELWANO, NOKUBA UMMELI KA-PAXFUL ONEMVUME UYE WAZISWA OKANYE EBEMELE WAYAZI UKUBA KUNGAKHO UMONAKALO ONJALO KWAYE KUNGAKHATHALISEKI UKUSILELA KWAYO NAYIPHI INDLELA YOKULUNGISA UMONAKALO OKANYE INJONGO YOKUWULUNGISE, NGAPHANDLE KWEMEKO YESIGQIBO SOKUGQIBELA ESIVELA ENKUNDLENI ESITHI LOO MONAKALO UBANGELWE KUKUNGAKHATHALI NGOKUGQITHISELEYO, UBUQHETSEBA, UKUNGAZIPHATHI KAKUHLE KWANGABOM OKANYE UKOPHULWA KOMTHETHO. EZINYE IINDAWO AZIKUVUMELI UKUNGAQUKWA OKANYE UKULINGANISELWA KOMONAKALO ONGATHANGA NGQO, NGOKO KE, OKU KULINGANISELWA KUNGANGASEBENZI KUWE.
    3. Asingobanikazi okanye singalawuli iiprotokholi ezisiseko zesoftwe ezilawula ukusebenza kwee Asethi eziDijithali. Ngokubanzi, iziseko zeeprotokholi zivulelekile kwaye nabani na angazisebenzisa, azikope, aziguqule, kwaye azisasaze. Asithathi xanduva ngokusebenza kweziseko zeeprotokholi kwaye asikwazi ukuqinisekisa ukusebenza kokhuseleko lwenethiwekhi. Ngokungqalileyo, iziseko zeeprotokholi zinokuxhomekeka kutshintsho olukhawulezileyo kwimigaqo yokusebenza (kuquka “iifolokhwe”). Nayiphi na into eyenza utshintsho olunjalo inokuchaphazela ukubakho, ixabiso, ukusebenza, kunye / okanye igama le kharensi ezidijithali ezo. I-Paxful ayilawuli ixesha kunye neempawu zezi zinto ezenza utshintsho. Luxanduva lwakho ukuhlala usazi ngeenguqulelo zokusebenza ezizayo kwaye kufuneka uqwalasele ngononophelo iinkcukacha ezifumaneka esidlangalaleni kunye neenkcukacha ezinokunikezelwa yi-Paxful ekuqinisekiseni ukuba uyaqhubeka nokusebenzisa iiSevisi. Kwimeko apho kungakho utshintsho ekusebenzeni, i-Paxful inelungelo lokuthatha amanyathelo afanelekileyo anokukhusela ukhuseleko nokusebenza kweplatfom yayo, kuquka nokumisa okwexeshana ukusebenza kweekharensi edijithali ezibandakanyekayo, kunye namanye amanyathelo afanelekileyo I-Paxful iyakusebenzisa iinzame zayo ezifanelekileyo ukukunika isaziso ngempendulo yayo kulo naluphi na utshintsho lokusebenza kwezinto; nangona kunjalo, olo tshintsho lungaphandle kolawulo lwethu kwaye lunokwenzeka ngaphandle kwesaziso kwi-Paxful. Indlela esisabela ngayo kulo naluphi na utshintsho lokusebenza kwezinto ixhomekeke kwisigqibo sethu kwaye ibandakanya ukuthatha isigqibo sokungaxhasi naliphi na icala okanye ezinye iintshukumo. Uyavuma kwaye uyayamkela imingcipheko yotshintsho ekusebenzeni kweeprotokholi kwiiAsethi eziDijithali kwaye uyavuma ukuba u-Paxful akayamenanga nolo tshintsho lukusebenza kwaye akanaxanduva lwayo nayiphi na ilahleko yexabiso onokuhlangabezana nayo ngenxa yotshintsho kwimithetho yokusebenza. Uyavuma kwaye uyamkela into yokuba i-Paxful inelungelo ngokukodwa ukugqiba ngendlela asabela ngayo kulo naluphi na utshintsho lokusebenza kwaye asinalo uxanduva lokukunceda ngekharensi engaxhaswayo okanye iiprotokholi ezingasekelwanga.
    4. Xa usebenzisa iiSevisi zethu, unokujonga ikhontenti okanye usebenzise iiSevisi ezinikezelwa ngamaqela esithathu, kuquka ii-hyperlink kwiiwebhusayithi zamaqela esithathu kunye neesevisi zala maqela (“umxholoweqela lesithathu”). Asikhuthazi, asamkeli okanye silawule nayiphi na ikhontenti yeqela lesithathu kwaye asiyikuba noxanduva nangayiphi na indlela lwekhontenti yeqela lesithathu. Ukongezelela, ukusebenzisana kwakho okanye imbalelwano namaqela esithathu luphakathi kwakho naloo maqela esithathu. Asinaxanduva ngayo nayiphi na ilahleko okanye umonakalo walo naluphi na uhlobo owenzeke ngenxa yayo nayiphi intsebenziswano kwaye uyayiqonda ukuba ukusebenzisa ikhontenti yamaqela esithathu, kunye nonxibelelwano namaqela esithathu kwenziwa ngomngcipheko wakho wedwa.
    5. Ukuze kuphetshwe amathandabuzo, i-Paxful ayinikezeli ngeengcebiso zotyalo-mali, irhafu, okanye kwezomthetho. I-Paxful ayibhaliswanga kwi-US Securities and Exchange Commission kwaye ayinikezeli ngeenkonzo zokuthenga izabelo okanye iingcebiso zotyalo mali. Yonke intengiselwano kwiPlatfomu yethu iqhutywa ngokomhlobo kumhlobo phakathi koMthengisi noMthengi, kwaye nguwe wedwa onoxanduva lokugqiba malunga nokuba utyalo mali, isicwangciso sotyalo mali okanye intengiselwano ethile ikufanele, ngokusekelwe kwiinjongo zakho zotyalo mali nokukwazi ukunyamezela umgcipheko. Kuya kufuneka unxibelelane nengcali yakho yezomthetho okanye irhafu ngokubhekisele kwimeko yakho. Kumaxesha ngamaxesha, sinokunikezela ngolwazi olufundisayo malunga neqonga lethu kunye neemveliso, ukunceda abasebenzisi ekufundeni ngakumbi ngeeSevisi zethu. Iinkcukacha zinokuquka, kodwa zingaphelelanga, okufakwe kwi-blog, amanqaku, ii-linki ukuya kwikhontenti yamaqela esithathu, amanqaku eendaba, izifundo kunye nevidiyo. Iinkcukacha ezinikelwe kwiWebhusayithi okanye nakweyiphi na isayithi yamaqela esithathu azicebisi ngeengcebiso zotyalo-mali, ingcebiso ngezemali, ingcebiso ngorhwebo, okanye naluphi na olunye uhlobo lweengcebiso, kwaye akufuneki ujonge nayiphi na ikhontenti ekwiWebhusayithi ngale ndlela. Ngaphambi kokwenza isigqibo sokuthenga, ukuthengisa okanye ukubamba naziphi na iiAsethi ezidijithali, kuya kufuneka wenze uphando lwakho kwaye uqhagamshelane nabacebisi bakho bezemali ngaphambi kokwenza nasiphi na isigqibo sotyalo-mali. I-Paxful ayiyikuba noxanduva lwezigqibo ozenzayo xa uthenga uthengisa, okanye ubamba iiAsethi ezidijithali ngokusekelwe kwii nkcukacha ezinikelwe yi-Paxful.
    6. Uyavuma ukuba asinaxanduva lokunyuka nokwehla kwamaxabiso ee-Asethi Ezidijithali. Kwimeko yokuphazamiseka kwemarike okanye imeko ye-Force Majeure (njengoko ichaziwe kwi-Candelo le-17), sinokwenza enye okanye ezingaphezulu koku kulandelayo: (a) sinqumamise ukungena kwiiSevisi; okanye (b) Sikuthintele ekugqibeni naziphi na iintshukumo ngeeSevisi. Asizukubekwa tyala ngayo nayiphi na ilahleko oyifumeneyo ngenxa yezo zenzo. Ukulandela nasiphi na isehlo esinjalo, xa iiSevisi ziqala kwakhona, uyavuma ukuba amaxabiso entengiso akhoyo asenokwahluka ngokubonakalayo kumaxabiso akhoyo phambi kwesehlo eso.
    7. Asenzi siqinisekiso sokuba iWebhsayithi, okanye iseva eyenza ukuba ifumaneke, ayinazo iivayiras okanye iimpazamo, ukuba ikhontenti ekuyo ichanekile, ukuba ayinakuphazanyiswa, okanye iziphene ziya kulungiswa. Asiyi kuba noxanduva kuwe ngayo nayiphi na ilahleko, ukusuka kwinyathelo elithathiweyo, okanye kuthathwe ngokuthembela kwizinto, okanye inkcukacha, eziqulathwe kwiWebhsayithi.
  6. UKUKHULULA NOKUNGABEKI TYALA KU-PAXFUL

    1. Ukuba unebango nomsebenzisi omnye okanye abaninzi beeSevisi zethu, uyabakhulula abaphathi, amahlakani kunye nababoneleli beesevisi ku-Paxful kunye namagosa, abalathisi, abasebenzi kunye nabameli ekubeni netyala okanye ekufakeni naliphi na ibango nxamnye nabo (elokwenene okanye elivela ngebhaqo) elivela ngenxa yelo bango nomsebenzisi okanye abasebenzisi. Uyavuma ukungabeki ityala kwaye uyavuma ukuba i-Paxful, amahlakani kunye negosa ngalinye lakhe, aballathisi, abasebenzi, iiarhente kunye nabameli, abayi kuchaphazeleka kumabango okanye iimfuno (eziquka iintlawulo zamagqwetha, izohlwayo, iintlawulo okanye izohlwayo ezinyanzeliswa nangeliphi na igunya lolawulo) ezivela okanye ezinxulumene nokwaphulwa kwakho esi Sivumelwano okanye ukwaphula kwakho nawuphi na umthetho, umthetho, ulawulo, okummiselo, okanye amalungelo alo naliphi na iqela lesithathu.
  7. INTENGISELWANO KWIPLATFOMU YE-PAXFUL

    IWebhsayithi ivumela abasebenzisi ukuba bacele amaxabiso okuthenga okanye ukuthengisa ii-Digital Assets.

    Xa umsebenzisi eqala intengiselwano yokuthenga okanye ukuthengisa ii-Digital Asssets intengiselwano igqityiwa ngokuhambelana nesi Sivumelwano nemimiselo eyongezelelekileyo, ukuba ikhona, icaciswe ngumsebenzisi okanye iqabane lomsebenzisi. Isikhokelo senyathelo ngenyathelo ekuthengeni nasekuthengiseni iiAseti ezdijithali kwPlatfomu ye-Paxful zingakufumaneka ku https://paxful.com/inkxaso/en-us/iindidi/360000409494-Uthenga-njani-Uthengise.

    La magama alandelayo abanzi asebenza kwintengiselwano nganye echazwe ngezantsi:

    1. Ukuthenga ii-Digital Assets ngokucela ixabiso.

      Xa uthenga ii-Digital Assets kwiplatfomu ye-Paxful:

      1. Akukho ntlawulo ye-Ngxowa-Mali ye-Paxful njengenxalenye yentengiselwano ethi ihlawulwe ngaBathengi kwindawo yeNtengiso yethu.
      2. Amaxabiso avela kubalingani be-Paxful anemimiselo nemiqathango yayo kwaye ixabiso ngalinye liya kwahluka ngokutshintsha kwemali, isantya sokutshintshiselana, kunye neminye imimiselo nemiqathango emiselwe nguMthengisi. Ngokwamkela ixabiso loMthengisi uyavuma ukuba ubotshelelwe yimimiselo nemiqathango yelo xabiso. Imimiselo nemiqathango echazwe nguMthengisi isebenza kuzo zonke iimeko ngaphandle kwaxa iphikisana okanye isaphula esiSivumelwano, ingekho semthethweni, ingekho sengqiqweni okanye kunzima ukuyithobela (njengoko kumiselwe kukuqonda ngokupheleleyo kwe-Paxful) okanye ukuba bobabini abasebenzisi bentengiselwano bayavuma ukutshintsha imimiselo nemiqathango yelo xabiso. LUXANDUVA LWAKHO UKUFUNDA NGONONOPHELO IMIMISELO NEMIQATHANGO YEXABISO LOMTHENGISI UZE UYILANDELE NGOOKUCHANEKILEYO. UKUBA AWUYILANDELI IMIMISELO NEMIQATHANGO, INTLAWULO YAKHO AYIZUKUKWAMKELWA. UNGAZE UBHATALE UKUBA AWUYITHOBELANGA YONKE IMIMISEL NEMIQATHANGO EBEKIWEYO KWIXABISO. UKUBA UYABHATALA UNGAKHANGE ULANDELE IMIMISELO NEMIQATHANGO, I-PAXFUL AYINAKUKUNCENDA KWINKQUBO YEBANGO UKUZE UFUMANE INTLAWULO YAKHO.
      3. Ukuqinisekisa intlawulo kunye nokuthumela umyalelo wokuvulela ii-Dijital Assets ukuba zikhululwe kwi-Paxful Escrow yimbopheleleko yoMthengisi kungekhona eka-Paxful. Ukuba umthengisi akazikhululi ii-Digital Assets ukuze uzifumane emva kokuba imimiselo nemiqathango yoMthengisi ilandelwe ngokuzeleyo, xela ngoko nangoko le ngxaki useebnzisa iqhosha lokufaka ibango elikwincoko yaloo ntengiselwano. Inkxaso yakwa-Paxful iza kuhlola ize ilamle ibango. Le nkqubo yokucombulula amabango ichazwe ngokugcweleyo "kwiCandelo 8 - Ukufaka Ibango Usebenzisa Inkqubo ka-Paxful Yokucombulula Amabango." Ukuba awuyilandeli le nkqubo yokucombulula amabango, u-Paxful akazukwazi ukukunceda ngalo mbandela.
    2. Ukuthengisa ii-Digital Assets

      Xa uthengisa ii-Digital Assets kwiNdawo yentengiso ka-Paxful:

      1. Abathengisi kufuneka baqinisekisi baze baprosese intlawulo kungadlulanga ixesha elide kakhulu ngokuhambelana nexesha elibekwe kwimimiselo yexabiso. Xa Umthengi ekubhatele njengoko imimiselo yexabiso, yimbopheleleko yakho kuphela ukuqinisekisa intlawulo ngokukhawuleza uze ukhulule i-Dijital Assets ezikwi-escrow ka-Paxful uze uzikhululele umthengi. Ukuba awuyilandeli imiyalelo yaxabiso, usenokungavumeleki ukuba ubuyiselwe i-Digital Assets ezitshixelwe kwi-escrow.
      2. NjengoMthengisi wamkela yonke imingcipheko kunye noxanduva lwalo nakuphi na lokophulwa kwesi Sivumelwano okwenzeke xa kuthengiswa iiAsethi eziDijithali. Unoxanduva lwazo zonke iirhafu ekufuneka zibhatalwe. I-Paxful ikuhlawulisa indleko njengoMthengisi we-Asethi ezDijithali ngokuthi itshixele iiAsethi eziDijithali kwi-Ngxowa-Mali ye-Paxful kude kube nentengiso. Ngokugqiba ngenye indlela nangokokubona kwe Paxful ngokupheleleyo nangokugqibeleleyo, i-Paxful ayiyikubuyisa nayiphi na ilahleko kuMthengisi nokuba kungenxa yokwaphulwa esi Sivumelwano, ubuqhetseba okanye enye indlela kwaye intlawulo yethu ayiyikubuyiselwa ngaphantsi kwazo naziphi na iimeko.
      3. Nayiphi na intlawulo efunyenweyo kufuneka iproseswe ngokupheleleyo kwaye iqinisekiswe njengoko ifunyenwe nguwe ngaphambi kokuvula iAsethi eziDijithali kwi-Ngxowa-Mali ye-Paxful. I-Paxful ayinaxanduva lelahleko yakho ukuba uvule ngaphambi kwexesha iiAsethi eziDijithali phambi kokuba intlawulo uyiqinisekisiile kwaye uyifumene ngokufanelekileyo. Kufuneka unikele ingqalelo kwaye uphendule kuMthengi wakho. Umele uwenze angasebenzi nawaphi na amaxabiso angasasebenziyo.
      4. Nasiphi isibhengezo sewebhsaythi yakho esibekwe nakweliphi icandelo lendawo yokuthengisa lakwa-Paxful (njengenkcazelo yakho, imimiselo yexabiso okanye incoko) ezakuthi iququzela ukuthenga okanye ukuthengisa iiDigital Assets ngaphandle kweeSevisi zakwa Paxful asivumelekanga. Kwiimeko ezilinganiselweyo, kuvumelekile ukuba wabelwane ngewebhsayithi yakho eyenzelwe kuphela uMthengisi ukuba afumane intlawulo ukuze agqibe intengiselwano (i.e. ukwenza intlawulo nge debit okanye i-credit khadi kwamaqela esithathu athembekileyo) kwimiyalelo yentengiselwano; oko kuxhomekeke ekubeni ukusetyenziswa kwezo webhsaythi zaphandle kucacisiwe kwimiqathango yexabiso kwaye ezo webhsaythi aziyi kuba nenye intengiso okanye inkcukacha zakho zoqhagamshelwano.
    3. Ukuthotyelwa

      1. U-Paxful kunye neeSevisi akalohlakani, okanye isinxulumani okanye ekhuthaza okanye exhasa naliphi na iqela langaphandle kuquka kodwa kungaphelelanga kuyo nayiphi indawo ekhupha amakhadi esipho. Amaphawu orhwebo, iibrendi kunye nezinye izazisi ziyipropathi zabo banini bazo. * U-Paxful kunye neeSevisi azibonelelayo akaxhaswam engakhuthazwa, enganxulumananga okanye elihlakani nabo banini nokuba kungayiphi na indlela.
      2. I-Paxful ayinalayisensi yokuthengisi ikhadi lesipho okanye ayinguye umthengisi ogunyazisiweyo walo naliphi na ikhadi lesipho. Nawaphi na amakhadi ezipho owafumana ngqo kumsebenzisi osebenzisa iPlatfomu ye-Paxful alawulwa yimimiselo nemiqathango yomthengisi oliqela lesithathu yena onokukubuyekeza (“Umkhuphi”). I-Paxful ayinaxanduva lwezenzo okanye ukushiywa komkhuphi (aba) okanye naziphi na iindleko, ukuphelelwa kwexesha, izohlwayo okanye imimiselo nemiqathango enxulumene nomkhuphi wekhadi lesipho elifumaneke ngokusebenzisa indawo yokuthengisa ye-Paxful. Ngokwamkela ikhadi lesipho kumsebenzisi, uyavuma ukuba uyifundile imimiselo nemiqathango yekhadi lesipho, kwaye uqinisekisa i-Paxful ukuba unelungelo lokusebenzisa lawo makhadi ezipho ngaphantsi kwemigaqo nemiqathango yoMkhuphi makhadi okanye umthetho osebenzayo.
      3. UKUBROWUKHA OKANYE UKUTHENGISA KWAKHONA KWAMAKHADI EZIPHO AKUVUMELEKANGA KWIWEBHSAYTHI YETHU NAKWIPLATFOMU YETHU. KUFUNEKA UBE NGUMNINI WEKHADI LESIPHO OSELUNGELWENI KWAYE NGOKUCELWA YI-PAXFUL UYAVUMA UKUNIKA I-PAXFUL ISIQINISEKISO SOKUBA NGUMNINI WEKHADI LESIPHO (NJENGE RISITHI). I-PAXFUL AYENZI BANGO, IMELA OKANYE SIQINISEKISO SOKUBA NAZIPHI NA IINDLELA ZENTLAWULO ZEQELA-LESITHATHU KWIWEBHSAYITHI ZIVUMELA INTENGISELWANO NGOKUSEBENZISA ISEVISI ZE-PAXFUL, OKANYE NAZIPHI NA IINDLELA ZENTLAWULO ZAMAQELA ESITHATHU KWIWEBHSAYITHI ZIXHASA OKANYE ZIXHASWA ZIISEVISI ZETHU. AKUFANELE USEBENZISE EZO NDLELA ZOKUHLAWULA ZAMAQELA ESITHATHU NE PAXFUL UKUBA ELO QELA LESITHATHU ALIYIVUMELI.
      4. UNOXANDUXA NGOKUPHELELEYO UKUTHOBELA YONKE IMITHETHO NEMIMISELO YENDAWO APHO INTENGISELWANO YENZEKA KHONA.
      5. Yonke intengiselwano mayenziwe ngaphakathi ku-Paxful. Ukwenza intengiselwano phandle kweplatfomu ye-Paxful okanye utshintshiselwano ngeEnkcukacha zonxibelelwano zangaphandle akuvumelekanga.
    4. Imilinganiselo Ngokudlulisela. Ngokubona kwethu ngokupheleleyo singanyanzelisa imilinganiselo okanye izithintelo, kubungakanani, uhlobo, okanye nayiphi na indlela ecetywayo yokudlulisa intengiselwano, njengo mlinganiselo wemali epheleleyo yeDigital Assets eziposelwe ukuthengiswa.
    5. Akukho Siqinisekiso. I-Paxful ayiqinisekisi ukuba uza kukwazi ukuthengisa iiDigital Assets kwiPlatfomu yayo. Isenzo sokuthenga okanye ukuthengisa iiDigital Assets ngePlatfomu ye-Paxful, akuqinisekisi ukuba uza kwazi ukuthenga okanye uthengise iiDigital Assets kwiPlatfomu ye-Paxful ngelinye ixesha.
    6. Ubuhlobo. Akukho nto ikwesi Sivumelwano enonjengo yokuba yenze nayiphi na intsebenziswano, ukusebenza kunye, iarhente, ukukhonsaltha okanye i-trusteeship, wena ne-Paxful nizikontraka ezizimeleyo.
    7. Ukuchaneka kweNkcazelo. Umele kwaye uqinisekisa ukuba naziphi na inkcukacha onikezela ngazo kwiSevisi zichanekile kwaye ziphelele. Uyamkela kwaye uvuma ukuba i-Paxful ayinaxanduva lazo naziphi na impazamo okanye iziphoso othi uzenze ngokunxulumene nayiphi na intengiselwano oyiqale kwiiSevisi, ngokomzekelo, xa utayipe idilesi yeWalethi ngokungachanekanga okanye unikezele ngeenkcukacha ezingezizo. Sikhuthaza ngamandla ukuba uphonononge iinkcukacha zentengiselwano ngononophelo ngaphambi kokuba uzigcwalise kwiSevisi.
    8. Akukho Rhoxiso okanye Ukuguqula; Ukusebenza kweWalethi. Zakufakwa inkcukacha zentengiselwano kwinetiwekhi ye-digital kharensi ngeeSevisi, i-Paxful ayinakukunceda ngokucima okanye uguqule ukuthengiselana kwakho. I-Paxful ayinalawulo lwayo nayiphi na inetwekhi yee-kharensi ezidijithali kwaye ayinamandla okuququzelela isicelo sokucima okanye ukuguqula. I-Paxful ayigcini naziphi na iiDigital Assets ezitshixiweyo. iiDigital Assets zibhaliswa oko kwinetwekhi zazo okanye kwi blockchains. Yonke intengiselwano ye kharensi ezidijithali yenzeka ngaphakathi kwinetiwekhi ye-kharensi ezidijithali, hayi kwi Paxful. Akukho ziqinisekiso zokuba intengiselwano iyaku proseswa kwinetwekhi yekharensi edijithali. I-Paxful inelungelo lokwala ukuprosesa nayiphi na intengiselwano ukuba oko kufunwa ngumthetho, okanye ukuba sibona intengiselwano ichasene nemimiselo nemiqathango kwesi Sivumelwano. Ngokwenjenje uyamkela kwaye uvuma ukuba uthatha uxanduva olupheleleyo ngazo zonke intshukumo ezenzekayo phantsi kweWalethi yakho kwaye usamkela yonke imingcipheko yokungena kwiWalethi yakho nangaluphi na uhlobo luuanyazisiwe okanye lungagunyaziswanga, kangangoko kuvunyelwe ngumthetho.
    9. Iirhafu. Luxanduva lwakho ukufumanisa ukuba zeziphi iirhafu ukuba zikhona, ezihambiselana nentengiselwano ofake inkcukacha zentengiselwano kwiSevisi, kwaye luxanduva lwakho ukuchaza nokubhatala irhafu echanekileyo kwigunya elifanelekileyo lerhafu. Uyavuma ukuba i-Paxful ayinaxanduva lokufumanisa ukuba zikhona iirhafu ezihambiselana nentengiso yakho yekharensi edijithali okanye ukuqokelela, ingxelo, ukubamba okanye ukuhlawula naziphi na iirhafu ezivela kwintengiselwano ye-kharensi ezidijithali.
    10. Udumo Lomsebenzisi. Xa usenza Intengiselwano, sivumela abanye abasebenzisi ukuba banike ingxelo ngentsebennziswano yabo kunye nawe. Sikwavumela abasebenzisi ukuba bafake iingxelo ukuba bakholelwa ukuba wophule esi Sivumelwano nangayiphi na indlela. Ezi ngxelo ziyimfihlo, kodwa singazisebenzisa ngokunxulumene namabango njengoko kuchaziwe kwiCandelo 8.
    11. Imbali Yentengiselwano. Unokujonga imbali yokuthengiselana kwiAkhawunti yakho. Uyavuma ukuba ukusilela kweeSevisi ukunikezela ngoqinisekiso olunjalo akuyi kuthintela okanye kwenze imimiselo yentengiselwano ingasebenzi.
    12. U Paxful Pay. I-Paxful igunyazise abathengisi abathile ukuba bamkele i-Paxful njengendlela yokubhatalela iimpahla kunye neesevisi ezithengwa kwi-intanethi (“Abathengisi Abagunyazisiweyo”). UngambhatalaIhlawulwe Umthengisi Ogunyazisiweyo ngokukhetha ukhetho oluthi “Paxful Pay” xa kufuneka ubhatale. U-Paxful Pay uza kukusa kwiPlatfomu yethu ukuze ufikelele kwiiDigital Assets ezikhoyo kwiakhawunti yakho okanye ikuqhagamshelanise noMthengisi. Ukuba uthenga iDigital Assets kuMthengisi ukugqiba intengiselwano, imimiselo ebekwe kwi-Candelo 7.1 lesi Sivumelwano iya kusebenza.
    13. Iimpahla Zomthengisi. I-Paxful ayinaxanduva lwazo naziphi na iimpahla okanye iisevisi onokuzithenga kuMthengisi oGunyazisiweyo usebenzisa iakhawunti yakho okanye i-Paxful Pay. Ukuba unebango nxamnye naye nawuphi na uMthengisi oGunyazisiweyo, kufuneka usombulule ibango ngqo naloo Mthengisi oGunyazisiweyo.
    14. Ukubuyisa, Ukubuyisa imali. Xa uthenga impahla okanye isevisi kwiqela lesithathu usebenzisa iAkhawunti yakho, ugqibile. Asibuyiseli imali okanye iimpahla. Umthengisi Ogunyazisiweyo angakunika imbuyekezo, ikhredithi yasevenkileni okanye ikhadi lesipho ngokubona kwakhe nangokuhambelana neepolisi zakhe.
    15. I-Paxful ibhatalisa iindleko ngeSevisi, iindleko ezifanelekileyo ziya kuboniswa ngaphambi kokuba usebenzise naziphi na iiSevisi apho intlawulo isebenza khona. Jonga “Iindleko ze-Paxful” ngeenkcukacha ezithe kratya. Iindleko zethu zinokutshintsha kwaye i-Paxful inelungelo lokuhlengahlengisa amaxabiso kunye neendleko nangaliphi na ixesha.
  8. UKUFAKA IBANGO NGENTENGISELWANO NGENKQUBO YOKUSOMBULULA AMABANGO E-PAXFUL.

    1. Ukufaka ibango Ngentengiselwano. Kumaxesha amaninzi, eyona ndlela ilula yokusombulula ibango kukuba Abathengi kunye naBathengisi banxibelelane, basebenze kunye ukufumanisa okwenzekileyo, kwaye bafikelele kwisisombululo esifanelekileyo. Xa uMthengi kunye noMthengisi engakwazi ukufikelela kwisisombululo esifanelekileyo, iqela lenkxaso le-Paxful (“Inkxaso ye-Paxful”) linganceda. Naliphi na iqela linokuqalisa inkqubo yebango (“Intengiselwano enebango” okanye “ibango”) ngokubhekisele kwintengiselwano. Amabango anokuqaliswa kuphela kwiintengiselwano eziphawulwe njengezihlawulwe ngokupheleleyo nguMthengi. Intengiselwano ezingaphawulwanga njengezihlawulwe ngokupheleleyo nguMthengi, ezirhoxisiweyo nguMthengi, ezicinywe ngokuzenzekelayo ngenxa yokuphelelwa lixesha elibekiweyo lexabiso, sele zixoxiwe kwaye zisonjululwe okanye apho uMthengisi sele ekhuphele uMthengi ii-Digital Assets ngokubanzi akunakuphikiswa, ziguqulwe, okanye zishintshwe.
    2. Inkqubo Yokusombulula Amabango. Apha ngezantsi kukho amanyathelo athatyathwa yiNkxaso yakwa-Paxful kwimeko akho kukho ibango.

      1. Ukuqalisa

        Ungaqala ibango ngokungena kwiAkhawunti yakho yakwa-Paxful, uvule intengiselwano ongathanda ukuyiphikisa ngokukhetha iqhosha "ibango". Iqhosha elithi "ibango” liza kubonakala lisebenza kuphela xa intengiselwano iphawulwe njengehlawulwe ngokupheleleyo nguMthengi. Nje ukuba uqalise ibango, uya kukhetha uhlobo lwembambano kwizinto ozikhethayo kwaye uchaze umba obangela ibango lakho

        Izinto onokukhetha kuzo xa uchaza ibango lakho ukuba unguMthengisi lolu lulandelayo:

        • I-Coinlocker (i.e. Umthengi ongaphenduliyo) - Umthengi uphawule intengiselwano njengehlawulwe ngokupheleleyo, kodwa akaphenduli kwaye akasebenzi.
        • Umba wentlawulo - Umthengi uyasebenza kwaye uzame ukubhatala, kodwa kukho ingxaki ngentlawulo.
        • Enye into - ukhetho oluvulekileyo apho ungachaza khona ukuba ngowuphi umba obangele impikiswano. Umthengi uya kuba nakho ukujonga inkcazo yakho.

        Iindlela ezichaziweyo zokukhetha ukuchaza ibango lakho ukuba unguMthengi zezi zilandelayo:

        • Umthengisi ongaphenduliyo - uhlawule, kodwa uMthengisi akaphenduli kwaye akasebenzi.
        • Ingxaki yentlawulo - ubhatele, kodwa uMthengisi uthi kukho imiba malunga nentlawulo kwaye uyala ukukhupha ii-Digital Assets.
        • Enye into - Indawo yokukhetha evulekileyo apho ungachaza ukuba ngowuphi umba obangele imbambano. Umthengisi uya kuba nakho ukujonga inkcazelo yakho.
      2. Isaziso

        Lakuba lingenisiwe ibango, Inkxaso ye-Paxful iya kunika elinye iqela isaziso nge-imeyile nangokuthumela umyalezo ngephepha lokuncokola elifumaneka kwintengiselwano kuBathengi kunye naBathengisi kwiPlatfomu, ize yazise elo qela ukuba ibango lifakiwe. Ukuba enye yentengiselwano zakho inebango, iNkxaso ye-Paxful iya kukuxelela ukuba yeyiphi na intengiselwano ebangwayo nokuba kutheni intengiselwano inebango.

      3. Impendulo

        Hlola ibango kwaye unike iNkxaso ye-Paxful ngengcaciso yento eyenzekileyo. Faka nabuphi na ubungqina onabo bokuxhasa ingcaciso yakho, njengobungqina bokuhlawula, ubungqina bobunini okanye ubungqina bokuba uyifumene okanye awuyifumenanga intlawulo.

      4. Ukuhlolwa yi-Paxful

        Intengiselwano ebangwayo iya kuphandwa yiNkxaso ye-Paxful kwaye isigqibo siyakwenziwa ngokusekelwe kubungqina obunikwe ngawo omabini amaqela. Inkxaso ye-Paxful isombulula amabango ngokuhlola iimeko ezahlukeneyo njengoko kuchaziwe apha ngezantsi kwiCandelo lesi-8.

    3. Ukuhlola Ibango. Ngexesha lokuhlolwa kwebango, Inkxaso ye-Paxful ingakunika imiyalelo ekufuneka uyilandele. Imiyalelo oyinikiweyo inokufuna ukuba unikezele ngobungqina obongezelelekileyo, obufana nokuqinisekisa kwe-ID okongezelelweyo, ubungqina bentlawulo, nayiphi na ifoto, ubungqina belizwi elishicilelweyo okanye ividiyo, okanye nawaphi na amaxwebhu abonwa yi-Paxful njengafanelekileyo kwaye kungafuneka ukuba unikezele ngobo bungqina ngexesha elimiselweyo. Ukusilela ukulandela imiyalelo kungakhokelela ekubeni ibango linganikwa wena. Inkxaso ye-Paxful iya kunikezela ngesaziso sesigqibo sayo ngokusebenzisa iqonga lokuncokola elikwiPlatfomu zingadlulanga iintsuku ezingama-30 emva kokufumana ibango, kodwa phantsi kwezinye iimeko, kunokuthatha ixesha elide.
    4. Ukungaphenduli. Xa ubandakanyeka kwintengiselwano, kubalulekile ukuba uhlale usebenza kwaye ufumaneka ukususela kwixesha lokuqalisa kwentengiselwano ukuya kwixesha apho ukuthengiselana kugqityiwe, kurhoxiswa, okanye kusonjululwa. Oku kuthetha ukuba kuya kufuneka ube nakho ukunika impendulo kwisicelo seNkxaso ye-Paxful okanye unokuthathwa njengongaphenduliyo kwaye ibango lingasonjululwa ngokuchasene nawe.
    5. Ukubhataliswa Iqela linokujamelana nemingcipheko eyongezelelweyo oko kuxhomekeke kwindlela yentlawulo esetyenzisiweyo kwintengiselwano nokuba ngaba inkqubo yokusombulula ibango ye-Paxful ifumanisa ngakwicala leqela elo. Inkqubo yokusombulula ibango echazwe kwesi Sivumelwano yahlukile nakweziphi na izilungiso Umthengi okanye Umthengisi okhe wazisebenzisa kwinkqubo yokubhatala enxulumene nentengiselwano. I-Paxful ayinyanzelekanga ukuba iqalise okanye iphathe imbuyiselo kwaye ayinaxanduva lokuba iqela liyarhoxa, libuyisela intlawulo emva, okanye liphikisa intengiselwano ngeqonga elifumaneka kwiqela ngendlela yokwenza intlawulo esetyenziswa kwintengiselwano, kuquka emva kokuba imbambano ivaliwe.
    6. Ukusonjululwa Kwebango. Intengiselwano enebango ngokuqhelelkileyo idla ngokusonjululwa yiNkxaso ye-Paxful ngokusa ii-Digital Assets ezinenbango kuMthengi okanye Umthengisi wentengiselwano enebango yakuba inkqubo yokusombulula ibango igqityiwe.

      Apha ngephantsi kukho iimeko ezikhethiweyo zokukunikezela ngendlela zokuba i-Paxful ingayisombulula njani intengiselwano enebango. Olu alumelwe lujongwe njengoluhlu olupheleleyo. Isisombululo salo naliphi ibango siya kuba nefuthe kwizinto ezithile zebango kunye nobungqina obunikezelwe ngabasebenzisi.

      Inkxaso ye-Paxful inokulisombulula ibango ngakwicala loMthengi, xa ubuncinane enye yezi mfuno zilandelayo zifikelelwa:

      • Umthengi wenze intlawulo ngokwemiyalelo yokuqala enikezelwe nguMthengisi ngokuhambelana nexabiso lentengiselwano kwaye uMthengi unike ubungqina obaneleyo bokuba intlawulo yenziwe ngokwale miyalelo. Kukwaphula esi Sivumelwano ukuba uMthengisi angafuni ukugqiba intengiselwano xa uMthengi eyonelisile yonke imimiselo kunye nemiqathango njengoko zibekiwe ngexesha uMthengi amkela ngalo kwaye ehlawula intengiselwano.
      • Umthengisi akasaphenduli kwaye akakhange anike mpendulo yaneleyo ngexesha eliceliweyo yiNkxaso ye-Paxful.
      • Intlawulo yenziwa kwiqela lesithathu kwintengiselwano okanye intlawulo yenziwa kwiakhawunti yentlawulo engabhaliswanga egameni loMthengisi.

      Inkxaso ye-Paxful inokulisombulula ibango ngakwicala loMthengisi, xa ubuncinane enye yezi mfuno zilandelayo zifikelelwa:

      • Umthengi akakabhatali, ayiphelelanga intlawulo yakhe okanye akakhange ahlawule ngokwemiyalelo yokuqala enikezelwe nguMthengisi ngokuhambelana nexabiso lentengiselwano.
      • Intlawulo eyenziwe nguMthengi ibanjiwe, inqunyanyisiwe, ifriziwe okanye imisiwe ngumboneleli wentlawulo okanye iprosesa. Oku kubandakanya iimeko apho uMthengi ebuyisele imali emva okanye ephikisa intlawulo kwibhanki yakhe okanye umkhuphi wekhadi lokuhlawula.
      • Umthengi akasaphenduli kwaye akakhange anike mpendulo yaneleyo ngexesha elibekiweyo lokucela inkxaso ye-Paxful.
      • Intlawulo yenziwa liqela lesithathu kwintengiselwano okanye intlawulo yenziwa kwiakhawunti yentlawulo engabhaliswanga egameni loMthengi.

      Ukuba uMthengi okanye uMthengisi wentengiselwano ekuphikiswana ngayo unikezela ngeenkcukacha zobuqhetseba okanye amaxwebhu obuqhetseba okanye wenza amabango obuxoki okanye ngenye indlela asebenzise amaqhinga akhohlisayo, ibango linokusonjululwa ngoko nangoko ngokuchasene nomsebenzisi onjalo kwaye iakhawunti yomsebenzisi inokumiswa kwangoko okanye inqunyanyiswe ngokokubona kweNkxaso ye-Paxful.

      Kwezinye iimeko apho kungekho qela lizifikelelayo iimfaneleko okanye ngezinye iindlela akucaci okanye akunakwenzeka ukumisela ukuba leliphi iqela elizifikeleleyo iimfuno, zenkqubo yokusombulula ibango ngokukodwa nangokubona kwe-Paxful, i-Paxful ingathatha isigqibo sokusombulula ibango ngokohlula ii-Digital Assets ngokuxhomekeke kwibango phakathi koMthengi kunye noMthengisi ngokulinganayo okanye ngokungalinganiyo.

    7. Isibheno. Ukuba ukholelwa ukuba i-Paxful isombulule ibango ngendlela engangqinelani nesi Sivumelwano, unelungelo lokucela isibheno. Ukucela isibheno, kufuneka usazise ngokukhawuleza ngembalelwano ngokunxibelelana nenkxaso yabathengi be-Paxful kungadlulanga iintsuku ezili-10 zekhalenda emva kwesaziso sesigqibo seNkxaso ye-Paxful sisiwe kuwe kwaye usinike iinkcukacha ezaneleyo kunye nobungqina obuxhasa imeko yakho yesicelo. Isibheno sakho kufuneka sichaze ngqo into ekwenza ukholelwe ukuba i-Paxful isombulule ngokungachanekanga ibango ngokwemimiselo yesi Sivumelwano kwaye unike ubungqina beso sigqibo singachanekanga.

      Nceda ukhumbule ukuba ngexesha lenkqubo yebango okanye ngokubanzi ngalo naliphi na ixesha xa usebenzisa iiSevisi zethu, unyanzelekile ukuba uthethe kakuhle uze ube nembeko kwabanye abasebenzisi kunye Nabaxhasi be-Paxful.Jonga ngokubanzi, "Icandelo 13-Ukusetyenziswa okungavumelekanga".

    8. Ekugqibeleni. Uyasivuma kwaye uyavuma ukuba isigqibo se Paxful ngokubhekisele kwibango siqinisekile, sisokugqibela kwaye siyabophelela njengoko kuchaziwe kwesi Sivumelwano. I-Paxful ayiyi kuba naxanduva kuMthengi okanye uMthengisi ngokunxulumene nezigqibo zayo.
  9. IINTLAWULO ZOKUSEBENZISA IISEVISI ZE-PAXFUL

    1. Ukwenza iWalethi kusimahla. I-Paxful iyahlawulisa nge-Sevisi, iintlawulo ezifanelekileyo ziyakuboniswa ngaphambi kokusebenzisa nayiphi na i-Sevisi apho kusebenza khona intlawulo. Bona “Indleko ze-Paxful ” ngeenkcukacha ezithe kratya. Iindleko zethu zinokutshintsha kwaye i-Paxful inelungelo lokuhlengahlengisa amaxabiso kunye neendleko nangaliphi na ixesha.
  10. AKUKHO LUNGELO LOKURHOXISA IISEVISI OKANYE IINDLEKO ZABEMBI

    1. Ukuba usebenzisa i-Sevisi apho intlawulo isebenza khona, okanye uqala intengiselwano enendleko zabembi ngeeSevisi, awuyi kufanelekela imbuyekezo okanye ukubuyiselwa imali xa uqinisekisile ukuba unqwenela ukuqhubeka neSevisi okanye intengiselwano.
  11. UKUNGAQHUBEKI KWEESEVISI

    1. Singakwazi, ngokubona kwethu kwaye ngaphandle kweendleko kuwe, kunye okanye ngaphandle kwesaziso sangaphambili nangaliphi na ixesha, siguqule okanye siyekise, okwethutyana okanye ngokusisigxina, naliphi na icandelo leeSevisi zethu.
  12. UKUNQUNYANYISWA OKANYE UKUPHELISWA KWEESEVISI KUNYE NEAKHAWUNTI; UKUNQANDA UKUFIKELELA KWIWALETHI YAKHO

    1. Ngokubona kwethu ngokupheleleyo nangokugqibeleleyo, kwangoko nangaphandle kwesaziso sangaphambili: (a) Sinqumamise, sithintele, okanye siphelise ukufikelela kwakho nakweziphi okanye kuzo zonke iiSevisi (kuquka ukunciphisa ukufikelela kwiwalethi yakho), kwaye/okanye (b) Sicime iakhawunti yakho ukuba: (i) kufuneka senze njalo ngenxa yomthetho osebenzayo, isamani ebambekayo yobuso, umyalelo wenkundla, okanye umyalelo obophelelayo wegunya likarhulumente; (ii) sikrokrela ukuba wenze okanye ungenza okuchasene nesi Sivumelwano; (iii) ukusetyenziswa kweakhawunti yakho kuxhomekeke kuso nasiphi na isimangalo esilindileyo, uphando, okanye inkqubo karhulumente kunye / okanye sibona umngcipheko ophezulu wokungathobeli umthetho olawulayo onxulumene nokusebenza kweakhawunti yakho, (iv) abalingane bethu besevisi abakwazi ukuxhasa ukusebenzisa kwakho; (v) uthatha nawaphi na amanyathelo esiwabona njengokuthintela ulawulo kunye neenkqubo zethu okanye (vi) sicinga ukuba kubalulekile ukwenza njalo ukukhusela thina, abasebenzisi bethu, kubandakanya wena, okanye abasebenzi bethu kwingozi okanye kwilahleko. Ukuba sisebenzisa amalungelo ethu ukukhawulela okanye ukwala ukufikelela kwakho kwiiSEvisi, asizukuba noxanduva lazo naziphi na iziphumo zokwala kwethu ukukunika ukufikelela kwiiSevisi, kuquka nakuphi na ukulibaziseka, ukonakala okanye ukuphazamiseka onokuthi ukufumane ngenxa yoko.
    2. Ukuba sinqumamisa okanye sivala iakhawunti yakho, siyekise ukusebenzisa kwakho ii-Sevisi nangasiphi na isizathu, okanye ukunciphisa ukufikelela kwi walethi yakho, siza kuzama ukukunika isaziso sezenzo zethu ngaphandle kokuba umyalelo wenkundla okanye enye inkqubo yomthetho iyasithintela ukuba sikunike eso saziso. UYAVUMA UKUBA ISIGQIBO SETHU SOKUBA SITHABATHE AMANYATHELO ATHILE, KUQUKA UKUNCIPHISA UKUFUKIKELELA, UKUNQUMAMISA, OKANYE UKUVALA IAKHAWUNTI YAKHO OKANYE IWALETHI, INGASEKELWA KWINKQUBO EYIMFIHLO EBALULEKILEYO KULAWULO LWETHU LOMNGCIPHEKO KUNYE NEE-PROTOKOLI ZOKHUSELEKO. UYAVUMELANA NOKUBA I-PAXFUL AYIKHO PHANTSI KO XANDUXA LOKUCHAZA IINKCUKACHA ZOLAWULO LOMNGCIPHEKO KUNYE NEENKQUBO ZOKHUSELEKO KUWE. Kwimeko apho sinqumamisa iakhawunti yakho okanye ukufikelela kwiWalethi yakho, siyakususa ukunqunyanyiswa ngokukhawuleza nje ukuba izizathu zokunqunyanyiswa zingasekho, nangona kunjalo asina sinyanzeliso sokukwazisa ukuba unqunyanyiso luya kususwa nini (ukuba kuya kuze kwenzeke).
    3. Ukuba ubambe ii-Digital Assets kwiWalethi yakho yakwa-Paxful kwaye akukho ntshukumo kwiakhawunti yakho kangangexesha elibekiweyo ngumthetho osebenzayo, kungafuneka ukuba senze ingxelo yezo Digital Assets ezisele kwiakhawunti yakho njengepropathi engabangwayo ngokungqinelana nemithetho yepropathi elahliweyo kunye nemithetho ye-escheat. Ukuba uyasilela ukuphendula kuso nasiphi na isaziso kungaphelanga iintsuku ezisixhenxe (7) zomsebenzi usifumene, okanye njengoko kufunwa njalo ngumthetho, kungafuneka sihambise naziphi na ii-Digital Assets kulawulo olufanelekileyo njengepropathi engabangwayo. Sinelungelo lokutsala intlawulo yokungasebenzisi okanye ezinye iindleko zolawulo kwii-Digital Assets ezingabangwayo njengoko kuvunyelwe ngumthetho osebenzayo.
    4. We reserve the right to reverse internally received Digital Assets to your Paxful Wallet back to the originating account if the owner of the originating account successfully demonstrates that the Digital Assets were transferred to your Paxful Wallet in error, and if there has been no activity in your account for a period of 24 months. If this occurs, we will use reasonable efforts to provide written notice to you. If you fail to respond to any such notice within 14 days, we may be required to reverse Digital Assets to the owner of the originating account.
  13. IINDLELA ZOKUSBENZISA EZITHINTELWEYO

    1. Xa ufikelela okanye usebenzisa iiSevisi, uyavuma ukuba uya kuzisebenzisa iiSevisi ngokuhambelana nemimiselo nemiqathango ekwesi Sivumelwano (kuquka iPolisi Yabucala) kwaye ungenzi nasiphi na isenzo esingekho mthethweni, kwaye unoxanduva lokuziphatha ngelixa usebenzisa iiSevisi zethu. Ngaphandle kokunciphisa umda koku kungentla, uyavuma ukuba awuyi:
      1. kusebenzisa iiSevisi zethu nangayiphi na indlela enokuthintela, iphazamise, ichaphazele kakubi okanye ithintele abanye abasebenzisi ekonwabeleli iiSevisi zethu ngokupheleleyo, okanye enokonakalisa, yenze kungasebenzi, ithwalise umthwalo ongaphezulu okanye iphazamise ukusebenza kweeSevisi zethu nangayiphi na indlela;
      2. kwenza nayiphi na into enokwaphula, okanye incedise ekwaphuleni nawuphi na umthetho, umthetho ubhaliweyo, okanye imimiselo, iinkqubo zezohlwayo ezilawulwa kumazwe apho siqhuba khona ishishini okanye imisebenzi, okanye enokubandakanya ingeniso yayo nayiphi na into engekho mthethweni; ukushicilela, usasaze okanye uhambise nayiphi na into okanye iinkcukacha ezingekho semthethweni;
      3. kuphazamisa ukufikelela okanye ukusebenzisa naziphi na iiSevisi zethu ngomnye umsebenzisi; ungcolise igama, uxhaphaze, uphange, udlakathelise, unukuneze, ugrogrise okanye waphule kwaye unyhashe amalungelo asemthethweni (njengamalungelo abucala, ukwazisa kunye nepropathi enomgangatho ophezulu ngokuqonda kodwa kungaphelanga apho) abo basebenzisi; uququzele, ugrogrise, ukhuthaze, okanye ukhuthaze intiyo, ukunganyamezelani ngokobuhlanga, okanye izenzo zobundlobongela kwabanye; ukhuphele okanye uqokelele iinkcukacha malunga nabanye abasebenzisi kwiWebhusayithi yethu;
      4. kukwenza nayiphi na into enobuqhetseba, enokungcolisa okanye enokubangela nawuphi na umonakalo kwi-Paxful okanye kubasebenzisi bethu; okanye unikezele ngeenkcukacha zobuxoki, ezingachanekanga, ezikhohlisayo okanye ezilahlekisayo kwi-Paxful okanye komnye umsebenzisi ngokunxulumene neeSevisi zethu okanye njengoko kubonelelwe ngenye indlela okanye kuceliwe ngokuhambelana nesi Sivumelwano;
      5. kuzisa naziphi na iivayirasi kwiiSevisi, iTrojan, ii-worms, iibhombu zokutshabalalisa okanye enye into enobungozi; usebenzise i-robot, i-spider, i-crawler, iscraper okanye ezinye indlela ezisebenzisa izixhobo ezizenzekelayo okanye indawo yokungena engabonelelwanga sithi ukungena kwiiSevisi zethu okanye ekufumana idatha; ukuzama ukuthintela naziphi na iindlela zokufiltha ikhontenti esizisebenzisayo, okanye uzame ukufikelela kuyo nayiphi na isevisi okanye indawo yeeSevisi zethu ongagunyaziswanga ukufikelela kuyo; okanye ukubeka iintengiso naphi na kwiPlatfomu ye-Paxful eziya kuthi ziququzelele ukuthenga okanye ukuthengisa ii-Digital Assets ngaphandle kweeSevisi ze-Paxful.
      6. kukwenza intengiselwano ebandakanya izinto ezaphula okanye eziphula naliphi na ilungelo lokushicilela, uphawu-lwentengiso, ilungelo lokwazisa uluntu okanye ukuba nemfihlo okanye naliphi na elinye ilungelo lobunini phantsi komthetho, okanye ezinye izinto ezinelayisensi ngaphandle kwemvume efanelekileyo evela kumnini wamalungelo, ukusetyenziswa kwepropathi enomgangatho ophezulu ngokuqonda, igama, okanye i-logo, kuquka ukusetyenziswa kwamaphawu esevisi ze-Paxful okanye urhwebo, ngaphandle kwemvume yangaphambili ebhaliweyo evela kuthi okanye indlela ethi yonakalise i-Paxful okanye uphawu lwe-Paxful; nasiphi na isenzo esibonisa ukuxhaswa okungeyonyani yi-Paxful okanye imanyano; okanye wenze iinkqubo ze compyutha zamaqela etithathu ezinxibelelana neeSevisi zethu ngaphandle kwemvume yethu ebhaliweyo kwangaphambili; okanye
      7. ukhuthaze okanye ukhokele nawuphina amaqela esithathu ukuba abandakanyeke kuzo naziphi na izinto ezingavumelekanga phantsi kwe Candelo le-13.
  14. AMALUNGELO OBUNINI BEMVELISO

    1. Sikunika ilayisensi elinganiselweyo, engakhethekanga, engenakutshintshelwa komnye umntu, ngokuxhomekeke kwimimiselo nemiqathango ekwesi Sivumelwano, ukufikelela nokusebenzisa iiSevisi, iWebhusayithi, kunye nekhontenti enxulumene nayo, izixhobo kunye nenkcazelo (ngokukonke, "iKhontenti") kuphela ngenjongo evunyelwe yi-Paxful kumaxesha ngamaxesha. Nakuphi ukusetyenziswa kweWebhusayithi okanye iKhontenti ngenye indlela akuvumelekanga kwaye onke amalungelo, isihloko, kunye nomdla kwii Sevisi, iWebhusayithi okanye iKhontenti ngokukhethekileyo yipropathi ye-Paxful. Uyavuma ukuba awuyi kukopa, ushicilele, uhambise, uthengise, ulayisenise, ukubuyisela usebenzise inkqubo yokubuyisela umva ikhowudi nee-aplikeyshini, uguqule, upapashe, okanye uthathe inxaxheba kugqithiso okanye kwintengiso, wenze imisebenzi ephuma kuyo, okanye nangayiphi na indlela uxhaphaze nayiphi na iKhontenti, ngokupheleleyo okanye ngokuyinxalenye ngaphandle kwemvume ebhaliweyo yangaphambili ye-Paxful. Awumele ukope, ulinganise okanye usebenzise nawaphi na amaphawu orhwebo ka-Paxful, amaphawu abhalisiweyo, iilogo okanye nayiphi na ipropathi eyilwe ngabasebenzi bakwa-Paxful ngaphandle kwemvume ebhaliweyo ye-Paxful.
    2. Nangona sizimisele ukubonelela ngenkcazelo echanekileyo nesexesheni kwiWebhusayithi ye-Paxful, iWebhusayithi yethu (kuquka, ngaphandle kokusikelwa umda, iKhontenti) isenokungasoloko ichanekile ngokupheleleyo, iphelele okanye ibe yeyangoku kwaye ingaquka ukungachaneki kokwenziwa okanye iimpazamo zokutayipa. Kwinzame zokuqhubeka nokukunikezela ngenkcazelo epheleleyo nechanekileyo kangangoko, inkcazelo inokutshintshwa okanye ihlaziywe kumaxesha ngamaxesha ngaphandle kwesaziso, kuquka ngaphandle kokusikelwa umda, inkcazelo malunga neepolisi, iimveliso kunye neeSevisi zethu. Ngenxa yoko, kuya kufuneka uqinisekise yonke iinkcazelo ngaphambi kokuthembela kuyo, kwaye zonke izigqibo ezisekelwe kwinkcazelo equlathwe kwiWebhusayithi ye-Paxful luxanduva lwakho kuphela kwaye asisayi kuba netyala ngenxa yokwenziwa kwezi zigqibo. Inkcazelo enikelwa ngamaqela esithathu yeyokudlulisela ulwazi kuphela kwaye i-Paxful ayimeli okanye iqinisekise ukuchaneka kwayo. Iilinki uziya kumaqela esithathu (kuquka ngaphandle kokusikela umda, iiwebhusayithi) zinokubonelelwa ngokulula kodwa azilawulwa sithi. Uyavuma kwaye uvumelana ukuba asinaxanduva lwalo naluphi na uhlobo lwenkcazelo, ikhontenti, okanye iiSevisi eziqulathwe nakweziphi na izinto zamaqela esithathu okanye nakweziphi na iisayithi zamaqela esithathu ezifikeleleka okanye ezidityaniswe neWebhusayithi ye-Paxful.
  15. UKUNIKA INGXELO NEZINTO EZIFAKWA NGABASEBENZISI

    1. I-Paxful ihlala ifuna ukuphucula ii-Sevisi zayo kunye neWebhusayithi. Ukuba uneembono okanye iingcebiso ngokubhekisele kuphuculo okanye ukongezwa kweeSevisi ze-Paxful okanye kwiWebhusayithi, i-Paxful ingathanda ukuziva; nangona kunjalo, nakuphi na ukungeniswa kuya kuxhomekeka kwimimiselo nemiqathango ekwesi Sivumelwano.
    2. Ngaphandle kwayo nayiphi na imeko xa kuye kwakho ukutyhilwa kwayo nayiphi ingcebiso okanye uluvo okanye kwayo nayiphi into enxulumene no-Paxful okanye nayiphi na inkampani yayo, abazali okanye iinkampani ezinxulumene nayo, okanye naliphi na igosa labo, abalawuli, abaphathi, amalungu, abanini bezabelo, abasebenzi kunye neearhente, okanye naziphi indlalifa zabo, abangena ezihlangwini zabo, abameli babo nabamiselweyo (ngamnye “enguMntu wakwa-Paxful” nangokudibeneyo, “aBantu bakwa-Paxful”) baya kuba phantsi kwayo nayiphi imbopheleleko yobumfihlo okanye ukulindelwa kwembuyekezo.
    3. Ngokufaka umbono okanye ingxelo okanye nayiphi na into enxulumeneyo, oko kuya kuba phantsi kwamalungelo epropathi omsebenzi ("Umsebenzi") kwi-Paxful okanye nakweliphi na Iqela le-Paxful; unika i-Paxful, ngokubhekisele kulo Msebenzi ungenisiweyo ilayisensi yengeniso yasimahla engakhethiyo, engapheliyo, yehlabathi lonke yokusebenzisa yonke ikhontenti yalo mibono kunye nengxelo, nokwenza nantoni na. Ngapha koko, urhoxisa nawaphi na amalungelo okuziphatha kangangoko kuvunyelweyo phantsi komthetho wase-United States ongathi ube nawo Kumsebenzi kwaye uyayimela kwaye ugunyazisa kwiqela le-Paxful ukuba uMsebenzi ngumsbenzi wakho wokuqala, nokuba akukho namnye umntu onamalungelo kulo Msebenzi kwaye onke aMaqela e-Paxful akhululekile kuwo nawuphi na umrhumo wokusebenzisa lo Msebenzi kwaye asebenzise imathiriyeli enxulumene noko ukuba anqwenela njalo, njengoko kubonelelwe okanye kuguquliwe lilo naliphi na Iqela le-Paxful, ngaphandle kokufumana imvume okanye ilayisensi kulo naliphi na iqela lesithathu.
    4. Uyamkela kwakhona ukuba i-Paxful inokuphinda inike ilayisensi kuwo nawaphi na Amaqela e-Paxful ukuba asebenzise nangayiphi na indlela uMsebenzi kunye nezinto ozingenisileyo.
    5. Sinelungelo lokususa nayiphi na into oyithumelayo kwiWebhusayithi, ngokokubona kwethu, ngaphandle kwesilumkiso okanye izizathu.
  16. INDLELA YOKUQHAGAMSHELANA NATHI

    Sicebisa ukuba undwendwele Iphepha lethu Lemibuzo Ebuzwa Rhoqo ngaphambi kokunxibelelana nathi. Kwimeko apho phepha lethu Lemibuzo Ebuzwa Rhoqo lingenazo iinkcukacha ozifunayo, i-Paxful inikezela ngenkxaso ye-24/7. Ungaqhagamshelana nathi ngewijethi yethu yenkxaso ebekwe kwiphepha Lemibuzo Ebuzwa Rhoqo.

  17. IIMEKO EZINGENAKUPHEPHEKA

    1. Asiyi kuba netyala ngenxa yokulibaziseka, ukusilela ekusebenzeni okanye ngokuphazamiseka kweeSevisi okubangelwe ngqo okanye ngokungangqalanga zizo naziphi na izenzo okanye imeko engaphaya kwamandla ethu, kuquka kodwa kungaphelelanga, ekungazinzini kwamaxabiso, nakuphi na ukulibaziseka okanye ukusilela ngenxa yaso nasiphi na isenzo seNdalo, isenzo soluntu okanye samagunya omkhosi, isenzo sabanqolobi, ukuphazamiseka eluntwini, imfazwe, ugwayimbo okanye enye imbambano yabasebenzi, umlilo, ukuphazamiseka kunxibelelwano okanye iisevisi ze-Intanethi okanye iisevisi zonikezelo lwenethiwekhi, ukusilela kwezixhobo kunye / okanye isoftware, enye intlekele okanye nasiphi na isiganeko esingaphaya kolawulo lwethu olusengqiqweni kwaye asiyi kuchaphazela ukunyaniseka nokunyanzeliswa kwawo nawaphi na amalungiselelo aseleyo.
  18. UHLOBO LWESIVUMELWANO

    1. Esi Sivumelwano senza sonke isivumelwano phakathi kwakho ne-Paxful ngokubhekisele kumbandela ophantsi kwemimiselo nemiqathango yesi Sivumelwano kwaye esi Sivumelwano sirhoxisa kwaye sithathe indawo yokuqonda ngaphambili kunye nezivumelwano phakathi kwakho ne-Paxful malunga naloo mcimbi. Awunakunikezela nawaphi na amalungelo akho okanye uxanduva phantsi kwesi Sivumelwano ngaphandle kwemvume ebhaliweyo ngaphambili.