Isaziso Sabucala sakwa Paxful, Inc.

I-Paxful, Inc. (ikwabizwa ngokuba “yi-Paxful,” “thina,” “thina,” okanye “eyethu”) ithatha amanyathelo okukhusela ubumfihlo bakho. Kwesi Saziso Sabucala (“Isaziso”), sichaza iintlobo zeenkcukatha zomntu esinokuziqokelela kuwe ngokunxulumene nokusebenzisa kwakho ii-webhusayithi zethu kuquka, kodwa kungaphelelanga apho, https://paxful.com/, iwalethi ye-Paxful, iplatfomu yethu ye-intanethi yorhwebo nge-bitcoin, usetyenziso lwefowuni, amakhasi onxibelelwano, okanye ezinye iipropathi ezikwi intanethi (ngokudineneyo, “i-Webhusayithi”), okanye xa usebenzisa nayiphi na imveliso, iinkonzo, ikhontenti, iimpawu, itekhnoloji, okanye imisebenzi esinikela ngayo (ngokudibeneyo, “Iisevisi”).

Esi Saziso senzelwe ukukunceda ufumane inkcazelo malunga nezinto esizenza bucala kunye nokukunceda uqonde ukhetho lwakho lwabucala xa usebenzisa iWebhusayithi kunye neeSevisi zethu. Nceda uqaphele ukuba iinkonzo esizibonelelayo ziyahluka ngokwengingqi.

Kuzo zonke iinjongo, inguqulelo yesiNgesi yesi saziso sabucala iya kuba sisixhobo sokuqala, esilawulayo. Kwimeko apho kukho ukungavisisani phakathi kwenguqulelo kolwimi lwesiNgesi lwesi saziso sabucala kunye naluphi na uguqulelo olulandelayo kulo naluphi na olunye ulwimi, inguqulelo yolwimi lwesiNgesi iyakuba yiyo esebenzayo.

Iinkcukacha Zomntu esiziqokelelayo

Siqokelela inkcazelo enxulumene nawe (“Inkcazelo Yobuqu”) ngokunxulumene nokusebenzisa kwakho iWebhusayithi, neeSevisi zethu. okanye ngenye indlela kwimeko yobuhlobo bethu nawe. Iindidi zeNkcazelo Yobuqu esinokuzifumana kuwe zingaquka:

Inkcukacha Ngawe, ziquka:

  • Igama
  • Idilesi ye-imeyile
  • Inombolo yefowuni
  • Ilizwe
  • Idilesi Epheleleyo
  • Umhla Wokuzalwa

Iinkcukacha ze-Akhawunti ye-Paxful, ziquka:

  • Igama lomsebenzisi
  • Inkcazelo yeProfayile Yomsebenzisi kwiCandelo elithi "Inkcazelo yakho"
  • Ifoto ye-Profayile
  • Umhla Wokubhalisa
  • Ikharensi Emiselweyo
  • Ixesha Lendawo
  • Ulwimi Olumiselweyo

Ukusetyenziswa kweAkhawunti ye-Paxful, kuquka:

  • Imiyalezo Yencoko Yorhwebo (enokuqulatha inkcazelo yezezimali ukuba ulunika abathengisi)
  • Izinto Ezincanyathiselwa Kwincobo Yorhwebo
  • Ukusebenza Korhwebo
  • Imbali Ngorhwebelano
  • Igama Lehlakani
  • I-ID Yehlakani
  • Ilinki Yehlakani
  • Intengiselwano Yehlakani
  • Amaxabiso Enziweyo
  • Imimiselo Yexabiso
  • Imiyalelo Yorhwebo
  • Izaziso zeAkhawunti
  • Ubume beAkhawunti

Idatha enxulumene newalethi yeasethi zakho eziDijithali, eziquka:

  • Izitshixo Zabucala
  • Izitshixo Zikawonke-wonke
  • Ibhalansi Yewalethi
  • Intengiselwano efunyenweyo
  • Intengiselwano ethunyelweyo

Idatha eqokelelwe ngokunxibelelene Nokuthobela ”Yazi uMthengi Wakho” (YMW), kuquka:

  • I-ID ekhutshwe ngu-Rhulumente
  • Ubungqina Bedilesi
  • Iifoto, ukuba ukhetha ukusinka zona
  • Ividiyo, ukuba ukhetha ukusinika zona

IDatha Yokusetyenziswa kweWebhusayithi kunye neDatha Yokusetyenziswa kweDivayisi, kuquka:

  • Iidilesi ze-IP
  • i-ID ye-Khukhi kunye/okanye ezinye izazisi zezixhobo
  • Inkcazelo enxulumene nokufikelela kwakho kwiWebhusayithi, njengeempawu zedivaysi, umhla kunye nexesha
  • Ulwimi Olukhethayo
  • Inkcazelo ngamanyathelo athathwe ngelixa kusetyenziswa iWebhusayithi

Mobile application usage data, including:

  • Session data: IP address, version of the operating system, brand and model of the device, unique identifiers of the device, browser used, information about the time the Application was accessed, name and parameters of the network connection.
  • Information about applications installed on the User’s device (metadata from applications): application name, application identifier and version, device identifier and checksum. Detecting malicious apps and protecting users from fraud are the main reasons for collecting information about installed apps.
  • Information on actions taken while using the mobile application
  • Crash and application errors diagnostics data

Indlela esiyisebenzisa ngayo idatha yakho

Iinjongo zeshishini esiqokelela kuzo, sizisebenzisa, sizigcina, kwaye sabelane ngeenkcukacha zakho zingaquka:

  • Ukubonelela ngeeSevisi ngokusebenzisa iWebhusayithi, kuquka uku:
    • Bhalisa, yenza, kwaye ugcine i-akhawunti yakho;
    • Qinisekisa isazisi sakho kunye/okanye ukufikelela kwakho kwi akhawunti, okanye uncede abathengisi baqinisekise isazisi sakho;
    • Qalisa, uququzele, uqhube okanye wenze intengiselwano;
    • Ukunxibelelana nawe malunga ne akhawunti yakho okanye naziphi na iiNkonzo ozisebenzisayo;
    • Yenza inkqubo yokujonga ukufanelekela ukunikwa ityala, KYC, okanye ezinye izimvo ezifanayo;
    • Ukuvavanya izicelo; okanye
    • Thelekisa ukuchana kwencazelo ngeenjongo zokuqinisekisa.
  • Ukulawula umngcipheko nokukhusela wena, abanye abantu, kunye neWebhusayithi neeSevisi.
  • Ukubonelela ngamava obuqu kunye nokuphumeza izinto ozikhethayo.
  • Ukwazi ngcono abathengi indlela abasebenzisa ngayo nabanxibelelana ngayo neWebhusayithi kunye neeSevisi.
  • Ukuthengisa kuwe.
  • Ukubonelela ngeeSevisi ezenzelwe wena, ukuthengiselwa kunye neentengiso kwi-Webhusayithi yethu nakwii webhusayithi zabalingani besithathu.
  • Ukubonelela ngeendlela ezikhethekileyo zendawo, ukusebenza, kunye nentengiso.
  • Ukuthobela imigaqo-nkqubo kunye noxanduva lwethu, kuquka, kodwa kungaphelelanga apho, ukubhengeza kunye neempendulo ekuphenduleni kuzo naziphi na izicelo ezivela kwabasemagunyeni abanyanzelisa ukuthotyelwa komthetho kunye/ okanye abalawuli ngokuhambelana nawo nawuphi na umthetho osebenzayo, umgaqo, ummiselo, ezomthetho okanye igunyaziso lika rhulumente, igunya lolawulo elifanelekileyo, isicelo sokufumanisa okanye inkqubo efanayo yomthetho.
  • Ukusombulula amabango, ukuqokelela imirhumo, okanye ukulungisa iingxaki.
  • Ukubonelela ngenkonzo yabathengi kuwe okanye ukunxibelelana nawe.
  • Ukulawula ishishini lethu.

Singasebenziza Inkcazelo Yobuqu kwezinye iinjongo ngokusekwe kwimvume yakho xa oko kufunwa ngumthetho osebenzayo.

Imithombo esiqokelela kuyo Inkcazelo Yobuqu

Siqokelela Inkcazelo Yobuqu kwimithombo eliqela, kuquka

  • Ngqo kuwe: Siqokelela Inkcazelo Yobuqu ngqo kuwe xa usebenzisa iWebhusayithi yethu okanye iiSevisi, unxibelelana nathi, okanye usebenzisana ngqo nathi.
  • Ukusuka kubanikezeli beenkonzo kunye/okanye abaphathi bedatha abasincedayo ekunikezeleni ngeWebhusayithi okanye iiSevisi: Singabandakanya ababoneleli beenkonzo ukusincedisa ekuququzeleleni iWebhusayithi okanye iiSevisi kuwe, ngokuyalelwa naxa zimela indawo yethu. Aba banikezeli beenkonzo banokuqokelela inkcukacha ngawe baze basinike zona.
  • Ukusuka kwabanye abasebenzisi abakwiWebhusayithi ye-Paxful okanye kumalungu anendibaniselwano ne-Webhusayithi ye-Paxful okanye iiNkonzo: Abanye abasebenzisi banokusinika inkcukacha ngawe ngokunxulumene norhwebelwano okanye ingxoxo. Amahlakani banokunikezela ngeenkcukacha kuthi ezimalunga nawe ngokunxulumene nosebenziswano okanye urhwebelano lwakho nabo balingani.
  • Ukusuka kumaqela esithathu anokusinceda siqinisekise isazisi, sithintele ubuqhetseba, kwaye sikhusele ukhuseleko lorhwebelwano.
  • Ukusuka kumaqela esithathu abanokusinceda ukuba sivavanye ukufaneleka kwakho ityala okanye ubume bakho ngokwezimali.
  • Ukusuka kumaqela esithathu abanokusinceda sihlalutye Inkcazelo Yobuqu, siphucule iWebhusayithi okanye iiSevisi okanye amava akho kuyo, bathengise imveliso okanye iinkonzo, okanye babonelele ngezisulu zentengiso kunye neminikelo kuwe.
  • Ukusuka kumaqonga onxibelelwano, ukuba unxibelelana nathi ngamaqonga onxibelelwano.

Indlela esabelana ngayo ngedatha

Phantsi kweemeko ezithile, sinokuthi sichaze Inkcazelo Yobuqu ethile kwabanye abantu. Iindidi zabantu esinokwabelana nabo ngeNkcazelo Yobuqu iquka:

  • Ababoneleli ngeenkonzo kunye/okanye abasebenzi bedatha: Singabelana ngeNkcazelo Yobuqu kunye nabanikezeli beenkonzo abangamaqela esithathu abo iinkonzo zabo kunye nemisebenzi yabo imayelana kwicala lethu nasegameni lethu. Aba banikezeli beenkonzo bangaba ngamaqela, umzekelo, bainikezela ngeeNkonzo, baqinisekisa isazisi sakho, bancedisa kwinkqubo yorhwebelwano, bathumela iintengiso zeemveliso kunye neeNkonzo zethu, okanye ukunikezela ngenkxaso kubathengi.
  • Amanye amaqela kwintengiselwano, njengabathengisi: Singabelana ngenkcukacha nabanye abathathi-nxaxheba kwintengiselwano yakho, kuquka nabanye abasebenzisi othenga kubo iiasethi zedijithali.
  • Amaziko ezezimali kunye nezinye iinkampani ezibandanyekayo ekukuncedeni ukuba wenze iintlawulo ngokunxulumene nentengiselwano
  • Amahlakani abafumana abathunyelwa kwiWebhusayithi yethu
  • Amanye amaqela esithathu ngokwenjongo zeshishini lethu okanye njengoko kuvunyelwe okanye kufunwa ngumthetho, kuquka:
    • Ukuthobela nawuphi na umthetho, ulawulo okanye uxanduva lwesivumelwano, okanye nayiphina inkqubo yomthetho okanye yolawulo (njengomyalelo wenkundla osebenzayo okanye isamani);
    • Ukumisela, ukusebenzisa, okanye ukukhusela amabango asemthethweni;
    • Ukuphendula isicelo se-arhente yaseburhulumenteni, enjengokunyanzeliswa komthetho okanye umyalelo wezomthetho;
    • Ukunyanzelisa iMimiselo Yesevisi yeWebhusayithi okanye iipolisi zethu zangaphakathi;
    • Ukuthintela ukwenzakala ngokwasemzimbeni okanye ukulahlekelwa yimali, ngokunxulumene nophando lorhaneleko okanye okwenzekayo okungekho mthethweni, okanye ukukhusela amalungelo ethu okanye abanye abantu, ipropathi, okanye ukhuseleko;
    • Ukuququzela ukuthengwa okanye ukuthengiswa kwayo yonke into okanye inxalenye yeshishini lika-Paxful. Umzekelo, ngokwabelana ngedatha nenkampani esiceba ukudibana nayo okanye ukuthengwa yiyo; okanye
    • Ukuxhasa uphicotho-ncwadi, ukuthotyelwa, kunye nemisebenzi yolawulo lwendibaniselwano.

Ukutshintshelwa kwedatha ukuya kwamanye Amazwe

Nceda uqaphele ukuba singadlulisela Idatha Yobuqu esiyiqokelelayo malunga nawe kumazwe angaphandle kwelizwe elo iinkcukacha beziqokelelwe kulo ekuqaleni. Loo mazwe angangabi nemithetho yokukhusela idatha efanayo neyelizwe apho wawunikezela khona ngeenkcukacha ekuqaleni. Xa sidlulisa Idatha yakho Yobuqu kwamanye amazwe, sithatha amanyathelo enzelwe ukuqinisekisa ukuba ukuyidlulisela kuloo mazwe kuhambelana nomthetho osebenzayo.

Iikhukhi nezibhengezo zentengiso kwi-intanethi

  • Ikhukhi yifayile encinci enamagama eye igcinwe yiwebhsyathi kwikhompyutha okanye kwidivaysi yakho xa ubutyelele iwebhsaythi.
  • IWebhsayithi yethu isebenzisa iikhukhi kunye neteknoloji yokulandelela ukuze kusebenze kwaye ufumane iintengiso ezinokubangela umdla kuwe. Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, nceda ufunde iPolisi yethu yeeKhukhi.
  • I-Paxful ingasebenza namaqela esithathu awenza intengiso ikuze izibonise kwiWebhsaythi yayo okanye kwezi webhsaythi zamaqela esithathu. Ezi webhsaythi kunye namaqela esithathu awalawulwa ngu-Paxful. Iinkampani zentengiso esisebenzisana nazo zisebenzisa iiteknoloji zedatha ukuze ziqokelele inkcazelo malunga nezinto ozenzayo kwi-intanethi ukuze zikubonelele ngeentengiso ezihambelana nomdla wakho. Ukuba awufuni le nkcazelo isetyenziselwe ukukunika iintengiso ezijoliswe kuwe, ungakwazi ukurhoxa ngokutyelela:

Nceda uqaphele ukuba oku akuthethi kuthi urhoxile kwiintengiso; uza kuqhubeka ufumana iintengiso ezingajoliswa kumdla onawo. Unokulawula ukusetyenziswa kweekhukhi ngokwenqanaba lebrawuza. Ukuba awuzamkeli iikhukhi, ungaqhubeka usebenzisa iWebhsaythi yethu, kodwa awuzukwazi ukuzisebenzisa kakuhle zonke izinto neendawo ezikhoyo.

Ugcino lwedatha

Sigcina Idatha Yobuqu kangangexesha eliyimfuneko ukuze kuphunyezwe iinjongo ebiqokelelwa yona okanye kangangelo xesha lifunwa ngumsebenzi osebenzayo. Oku kungathetha ukuba Inkcazelo Yobuqu igcinwa kangangexesha elithile emva kwentengiselwano. Siye sizame ukuyicima Inkcazelo yakho Yobuqu xa ingasafuneki ukuze kuphunyezwe iinjongo zoshishino ezichazwe ngasentla.

Ukhuseleko lwe-Datha

I-Paxful inezinto ezibekileyo ezenzelwe ukukhusela Idatha yakho Yobuqu, kuquka amanyathelo enzelwe ukuthintela ukuba Idatha Yobuqu ilahleke, isetyenziswe kakubi okanye ifikelelwe ize idizwe ngaphandle kwemvume. Sekunjalo, i-Paxful ayikwazi kuqinisekisa ukuba inkcazelo oyithumela kuthi nge-intanethi iza kukhuseleka okanye ibe yimfihlo. Kusoloko kukho imingcipheo ekuthumeleni idatha nge-intanethi nokuba u-Paxful wenze iinzame zokukhusela idatha akuba eyifumene.

Abantwana abangaphantsi kweminyaka eli-18 ubudala

IWebhusayithi yePaxful ayenzelwanga abantwana abangaphantsi kweminyaka eli-18. Asiqokeleli ngabom idatha kubantwana abangaphantsi kweminyaka eli-18 ngaphandle kwemvume yomzali eqinisekisiweyo. Ukuba sifumanise ukuba siqokelele inkcazelo, equka Idatha Yobuqu, kumntu oneminyaka engaphantsi kwe-18 yeminyaka ngaphandle kwemvume yomzali eqinisekisiweyo, siza kuyisusa loo nkcazelo ngoko nangoko.

Utshintsho kwisaziso sabucala

I-Paxful inelungelo lokutshintsha esi Saziso amaxesha ngamaxesha. Siza kukwazisa ngotshintsho kwesi Saziso ngokuthumela inguqulelo ehlaziyiweyo yesi Saziso apha, nge-imeyili, okanye ngendlela yesaziso esibonakala ngokucacileyo kwiphepha lokuqala leWebhsayithi yakwa-Paxful. Sicebisa ukuba ujonge rhoqo iWebhusayithi ukuze ubone naluphi na utshintsho.

Qhagamshelana nathi

Ukuba unemibuzo malunga nesi Saziso, okanye unqwenela ukwenza ukusibuza malunga neDatha Yobuqu okanye imfihlo, nceda uqhagamshelane nathi ku: [email protected]

Isihlomelo se-EEA

Ezi zibhengezo zilandelayo zisebenza, kwaye zenzelwe ngokukhethekileyo, abantu abahlala kwi-European Economic Area (EEA).

Umlawuli weDatha

Umlawuli weDatha yakho Yobuqu ngu Paxful, Inc.

Iziseko Zomthetho zokuPhathwa kweDatha Yobuqu

  • Isiseko esisemthethweni sokuprosesa Idatha yakho Yobuqu ukuze siphumze izinto ezingaphantsi kwesivumelwano okanye izicelo ezenziwe nguwe ngokumayela nesivumelwano liGatya 6(1)(b) le-General Data Protection Regulation (“GDPR”).
  • Isiseko esisemthethweni sokuprosesa Idatha yakho Yobuqu ukuze sithobele iimfuno zomthetho ngaphantsi kwe-EU okanye Ilizwe Elilungu layo, liGatya 6(1)(c) le-GDPR.
  • Isiseko esisemthethweni sokuprosesa Idatha yakho Yobuqu ukuze sikhusele iimfuno zabantu ngabanye ngaphantsi kwe-EU okanye Ilizwe Elilungu layo, liGatya 6(1)(d) le-GDPR.
  • Isiseko esisemthethweni sokuprosesa Idatha yakho Yobuqu ukuze sihambisele phambili iinjongo zethu zezoshishino, liGatya 6(1)(f) le-GDPR. Umdla wokwenene weenjongo zezoshishino ukwicandelo elingasentla elinomxholo othi "Indlela Esiyisebenzisa Ngayo Idatha Yakho".

Amalungelo Okhuselo lwe Datha e-Yurophu

Umthetho wase-Yurophu ukunika amalungelo athile ngokubhekiselele kwiDatha Yobuqu, kuquka:

  • Ilungelo lokucela ukufikelela kunye nokulungisa iDatha Yobuqu.
  • Ilungelo lokucela ukuba i-Paxful icime Idatha Yobuqu ethile enxulumene nawe.
  • Ilungelo lokuphatheka kwedatha, kuquka ilungelo lokucela Idatha Yobuqu ethile obusinike yona ukuba isuswe kuthi iye komnye umlawuli wedatha.
  • Ilungelo lokurhoxisa nayiphi na imvume oyinike i-Paxful ukuba iqokelele, isebenzise okanye yabelane ngedatha yakho nangaliphi na ixesha. Nceda qaphela ukuba ukurhoxisa imvume akuchaphazeli ukuba semthethweni kwe-Paxful ekuphatheni Idatha yakho Yobuqu ngaphambi kokurhoxa kwakho.
  • Ilungelo lokuchasa i-Paxful ekuphatheni Idatha yakho Yobuqu, ngokusekelelwe kwizizathu ezithile ezimalunga nemeko yakho.
  • Ilungelo lokucela ukuba i-Paxful ithintele ukuphathwa kwe Datha yakhokcazelo, ukuba iimeko ezithile zomthetho zesithintelo ziyafezekiswa.
  • Ilungelo lokufaka isikhalazo kwigunya elilawulayo laseYurophu.

Nceda uqaphele ukuba umthetho osebenzayo unokuvuma ukuba kungenziwa njengesiqhelo kuwo nawaphi kula malungelo, unokuvumela i-Paxful ukuba ingasamkeli isicelo sakho okanye uvumele ukuba alandise ixesha lokuba athathe amanyathelo kwisicelo sakho. I-Paxful inokuqhagamshelana nawe ukuqinisekisa ukuba nguwe ofake isicelo, njengoko kuvunyelwa ngumthetho, ngaphambi kokuba ithathe inyathelo kwisicelo sakho. Ukusebenzisa naliphi na kula malungelo, nceda uqhagamshelane nathi njengoko kubekiwe kwicandelo elingentla elinesihloko esithi "Qhagamshelana Nathii"

Ukutshintshelwa kwamanye Amazwe

Singadlulisela Idatha Yobuqu enxulumene nabahlali be-EEA kumazwe angakhange afunyaniswe yiKhomishini yase Yurophu ukuba banikezela ngokhuseleko olufanelekileyo, kuquka i-United States. Kudluliso olunjalo, i-Paxful iphumeza ukhuseleko olenzelwe ukuqinisekisa ukuba Idatha yakho Yobuqu ifumana iqondo elifanelekileyo lokhuseleko. Ukuba uhlala e-EEA, i-Paxful iya kudlulisela Idatha yakhlo Yobuqu kuphela ukuba: ilizwe apho Idatha yakho Yobuqu iya kugqithiselwa khona linikwe isigqibo esanelisayo seKhomishini yaseYurophu; umamkeli we Datha Yobuqu uhlala e-United States kwaye uqinisekisiwe sisiKhokelo Sokhuselo Babucala-se-US-EU; i-Paxful ibeke iindlela ezifanelekileyo zokhuselo ngokubhekiselele kudluliso, umzekelo ngokungena kwi-EU Standard Contractual Clauses nomamkeli, okanye; umthetho obucala osebenzayo kwi-GDPR uyakunqanda ukudlulisa. Ukufumana ikopi yeendlela ezenziwe yi-Paxful ukuxhasa ukudluliswa kweDatha Yobuqu ngaphandle kwe-EEA, qhagamshelana nathi njengoko kubekiwe kwicandelo elingentla elithi "Qhagamshelana Nathi".

Isihlomelo saseCalifornia

Ezi zibhengezo zilandelayo zisebenza, kwaye zenzelwe ngokukhethekileyo abahlali bePhondo lase-California.

Amalungelo Akho Abucala e-California

Ngokomlinganiselo esichazela ngawo inkcazelo yakho enokukwenza waziwe kumaqabane esithathu ukuze ayisebenzisele ukumaketha ngqo kuwe, unelungelo lokucela inkcazelo engakumbi malunga nabafumani baloo nkcazelo. Ukuze usebenzise eli lungelo, nceda unxibelelane nathi njengoko kuchaziwe kweli candelo lingentla elinesihloko esithi “Qhaxibelelana nathi.”

Ukuxela Ngokungalandelelwa

IWebhsayithi yethu ayenzelwanga ukuphendula kwisiginali okanye izicelo ezithi "Musa Ukulandelela".

Iinyani Wenza ntoni uPaxful ngenkcazelo yakho yobuqu?
Kutheni?

Iinkampani zemali zikhetha ukuba zabelana njani ngenkcazelo yakho yobuqu. Umthetho karhulumente unika abathengi ilungelo lokulinganisela kodwa wokungabelani ngayo yonke. Umthetho karhulumente ufuna ukuba sikuxelele indlela esiqokelela, sabelane ngayo, kwaye sikhusele iinkcazelo yakho. Nceda ufunde esi saziso ngocoselelo ukuqonda oko sikwenzayo.

Intoni?

Uhlobo lwenkcazelo yobuqu esiyiqokelelayo size sabelane ngayo ixhomekeke kwimveliso okanye inkonzo onayo nathi. Le nkcazelo ingaquka:

  • Inombolo yeSazisi okanye iibhalansi zeakhawunti
  • Imbali yentlawulo okanye imbali yentengiselwano
  • Imbali yamatyala okanye amanqaku amatyala

Xa sele ungasenguye umthengi wethu, siqhubeka nokwabelana nenkcazelo yakho njengoko kuchaziwe kwesi saziso.

Njani?

Zonke iinkampani zemali kufuneka zabelane ngenkcazelo yobuqu yabathengi ukuze baqhube ishishini labo lemihla ngemihla. Kwicandelo elingezantsi, sidwelisa izizathu iinkampani zemali ezinokwabelana ngazo nenkcazelo yobuqu yabathengi babo; izizathu zokuba u-Paxful ekhetha ukwabelana; nokuba ungakulinganisela na oku kwabelana.


Isizathu sokwabelana ngenkcazelo yakho yobuqu

Ngaba u-Paxful uyabelana?

Ngaba unokukulinganisela oku kwabelana?

Iinjongo zamihla le zeshishini lethu - njengokuqhubekeka nentengiselwano yakho, ukugcina iakhawunti yakho, ukuphendula kwimiyalelo yenkundla kunye nophando lwezomthetho, okanye ingxelo kumaziko agcina inkcazelo yamatyala

Ewe

Hayi

Iinjongo zentengiso - ukubonelela wena ngeemveliso neesevisi zethu

Ewe

Hayi

Indibaniselwano yezentengiso kunye nezinye iinkampani zezimali

Ewe

Hayi

Ukulungiselela iinjongo zeshishini lethu zemihla ngemihla -inkcazelo malunga nokuthengiselana kunye namava

Ewe

Hayi

Ukulungiselela iinjongo zeshishini lemihla ngemihla lamahlakani ethu -inkcazelo malunga nokukwazi ukuhlawula amtyala

Hayi

Asabelani

Kwabangengawo amahlakani ukuba bamakethe kuwe

Hayi

Asabelani

Imibuzo?

Yiya ku www.paxful.com

Singoobani

Ngubani onikela esi saziso?

Isaziso semfihlo sinikezelwa nguPaxful kwaye siyasebenza kwiakhawunti yakho yobuqu yakwa-Paxful.

Oko sikwenzayo

U-Paxful uyikhusela njani inkcazelo yam yobuqu?

Ukukhusela inkcazelo yakho yobuqu kufikelelo nokusetyenziswa okungagunyaziswanga, sisebenzisa amanyathelo okhuseleko ahambelana nomthetho. La manyathelo abandakanya ukukhuselwa kweekhompyutha kunye neefayile ezikhuselweyo kunye nezakhiwo.

U-Paxful uyiqokelela njani inkcazelo yam yobuqu?

Siqokelela inkcazelo yakho, umzekelo, xa

  • vula iakhawunti okanye unikezele ngenkcazelo yeakhawunti
  • sinike inkcazelo yoqhagamshelo okanye wenze udluliselo
  • sebenzisa iakhawunti yakho ye-Paxful ukuthumela okanye ukufumana imali

Sikwaqokelela inkcazelo yobuqu kwabanye, ezinjengenkcazelo yamatyala, amahlakani, kunye nakwezinye iinkampani.

Kutheni ndingenakukulinganisela konke ukwabelana?

Umthetho karhulumente ukunika ilungelo lokulinganisela kuphela

  • ukwabelana ngeenjongo zeshishini lehlakani lemihla ngemihla -inkcazelo malunga nokukwazi ukuhlawula amtyala
  • amahlakani ekusebenziseni inkcazelo yakho ukuthengisa kuwe
  • ukwabelana kokungabi lihlakani kwezentengiso nawe

Imithetho yelizwe kunye neenkampani ezizodwa zinokukunika amalungelo ongezelelweyo okwehlisa ukwabelana. Jonga apha ngezantsi malunga namalungelo akho phantsi komthetho welizwe.

Iingcaciso

Amahlakani

Iinkampani ezinxulumene ngobunini obuqhelekileyo okanye ulawulo. Zinokuba ziinkampani zemali nezingezozamali

  • Amahlakani ethu aquka iinkampani eziphantsi kolawulo olufanayo lwe-Paxful Holdings, Inc.

Abangengomahlakani

Iinkampani ezinganxulumenanga ngobunini obuqhelekileyo okanye ulawulo. Zinokuba ziinkampani zemali nezingezozamali

  • Abangengomahlakani esabelana nabo ngenkcazelo yobuqu baquka ababoneleli ngeenkonzo abenza iisevisi ezithile okanye imisebenzi ethile egameni lethu.

Udibaniselwano lwentengiso

Isivumelwano esisesikweni phakathi kweenkampani zemali ezingengomahlakani ezimaketha iimveliso zemali okanye iinkonzo zemali kuwe.

  • Amaqabane ethu okuthengisa aquka iinkampani zemali

Enye inkcazelo ebalulekileyo

Singadlulisela inkcazelo yobuqu kwamanye amazwe, umzekelo, kwinkonzo yabathengi okanye ukuqhubekekisa intengiselwano

E-California: Ukuba iakhawunti yakho yakwa-Paxful inedilesi yokuposa yaseCalifornia, asizokwabelana ngenkcazelo yakho esiyiqokelelayo malunga nawe ngaphandle kokuba siye savunyelwa phantsi komthetho waseCalifornia.

I-Vermont: Ukuba iakhawunti yakho yakwa-Paxful inedilesi yaseVermont, asizokwabelana ngenkcazelo yobuqu esiyiqokelelayo malunga nawe nabangengomahlakani ngaphandle kokuba umthetho uyavuma okanye unike imvume.