Isikhumbuzo Somthengisi seMimiselo yeSevisi

Le Mimiselo Yesevisi Yomthengisi yenzelwe kuphela ukuba isebenze njengembekiselo efutshanisiweyo yomthengisi, kwaye ayiyithatheli ndawo nangayiphi na indlela Imimiselo Yesevisiyakwa-Paxful.

Nceda ukhumbule ukuba uyayamkela le mimiselo ilandelayo xa ukhetha ukurhweba ku-Paxful.

  1. Njengomthengisi, wamkela yonke imingcipheko neembopheleleko zabo nabuphi na ubuqhetseba obenzekileyo kwintengiselwano yeeasethi zakho zedijithali.
  2. U-Paxful unelungelo lokungakubuyiseli nayiphi na imali elahlekileyo ngenxa yobuqhetseba okanye iintlawulo ezenziwe kumrhumo wethu we-escrow.
  3. Nayiphi nazo zonke iintlawulo zerhafu luxanduva lomthengisi.
  4. Ukuze uxele ingxaki ephathelele urhwebo, nceda ufake ibango uze ulinde umlawuli angenelele.
  5. U-Paxful akanalo ityala kwimeko apho uye wakhupha i-asethi yedijithali ngaphambi kokuba intlawulo igqityiwe.
  6. La manyathelo alandelayo awavumelekanga ku-Paxful yaye anokuphumela ekuvalweni kweakhawunti yakho:
    1. Ukuphinda uthengise amakhadi esipho
    2. Ukwabelana ngeenkcukacha ezingaphandle kwe-escrow kuqhubeka urhwebo
    3. Ukurhweba ngaphandle kwe-escrow
    4. Ukungaphenduli - abathengisi kulindeleke ukuba baphendule ngoko nangoko
    5. Ulwimi Oluthukayo
    6. Ukuzenza ngathi ungumlawuli
    7. Ukwenza iiakhawunti ezininzi (ngaphandle kwemvume)
    8. Uthethwano
    9. Ukuvalela ingqekembe ngabom
    10. Nasiphi isenzo sohlobo lobuqhetseba