Nceda ulinde ngoxa sisakukhangelela awona maxabiso mahle.

Sell to

Get paid with

Price per Tether

Indlela yokuThengisa i-Tether ku-Paxful

Ku-Paxful, sinceda abantu basondele kwinkululeko yezemali baze babe ngoosomashishini abaziphetheyo. Yiloo nto ukongezelela kwi-Bitcoin, ngoku unokukwazi ukuthengisa ne-Tether (USDT) ngqo kubasebenzisi abangaphezu kweemiliyoni ezintathu ehlabathini jikelele. Iintlawulo ezixhaswa yi-escrow, inkululeko yokuseta ixabiso lakho, kunye neendlela zokubhatala ezingaphezu kwe-300 onokukhetha kuzo, iplatfomu yethu exhaswa ngabantu yenza kube lula ngeyona ndlela kuye wonke umntu ukwenza ingeniso.

Ukuze uqalise, bhalisa ku-Paxful okanye loga ungene kwiakhawunti osele unayo uze ulandele la manyathelo:

  1. Seta indlela yokubhatala oyithandayo nekharensi ofuna ukubhatalwa ngayo.
  2. Cofa ku Khangela Amaxabiso ukuze uhlole uluhlu lwamaxabiso ahambelana neemfuno zakho osanda kuzifaka.
  3. Xa ujonga amaxabiso, nikela ingqalelo kuzo zonke iinkcukacha. Oku kuquka amanqaku odumo lomthengi, ukufumaneka kwakhe, kunye nexabiso elibekiweyo. Ukuba awufumani nto ihambelana nawe, ungasuke uzenzele elakho ixabiso ukuze utsalele abasebenzisi abanomdla wokuthenga i-Tether ngokwemimiselo yakho.
  4. Wakulifumana ixabiso olithandayo, cofa ku Thengisa. Ayizokuluqalisa urhwebo okwangoku; endaweni yoko, uza kukwazi ukubona imimiselo nemiqathango yomthengi.
  5. Ukuba uyavumelana nemimiselo, faka ixabiso ofuna ukurhweba ngalo uze ucofe ku Thengisa Ngoku. Oku kuza kuqalisa urhwebo ize i-USDT yakho isiwe kwinkqubo ye-escrow ekhuselweyo.
  6. Phawula imiyalelo yomthengi uze unikele ngenkcazelo efunekayo kwincoko yangoku. Wakuyifumana intlawulo, ungayikhulula i-USDT ekwi-escrow yethu uyise kwiwalethi yomthengi, uze ugcine irisithi kawonkewonke.
  7. Emva korhwebo, cinga ngokusoloko ushiya uluvo kumthengi. Oku akuncedi nje ekwakheni udumo lwakhe, kodwa kukwanika abanye abarhwebi ingcebiso yokuba basebenzisana nabani.

Ukuze uqiniseke ngamava okurhweba ngokungenaxhala, funda imigaqo yethu yokuthengisa i-Bitcoin ne-Tether. Ungahlola nesikhokelo sethu sokuyila imimiselo yexabiso emihle ukuze ukwazi ukuyila amaxabiso abangenakuthi hayi kuwo abathengi bakho.

Apha ku-Paxful, sibeke imilinganiselo engqingqwa ukuze urhwebe ngokukhuselekileyo nanini na, naphi na. Bhrawuza kumawaka amaxabiso asemthethweni uze uqalise ukuthengisa i-Tether namhlanje!