Nceda ulinde ngoxa sisakukhangelela awona maxabiso mahle.

Sell to

Get paid with

Price per Ethereum

Indlela yokuThengisa i-Ethereum ku-Paxful

U-Paxful wenza kube lula kokubini kwabo basakhasayo nakwabo bazingcaphephe ukuba bafumane inkululeko kwezemali. Kwaye kwanjengokuba siyiplatfomu yomhlobo kumhlobo, ungathengisa i-Ethereum (ETH) ngqo kubasebenzisi abaziimiliyoni abasehlabathini jikelele ngaphandle kwemfuneko yamaziko eebhanki okanye samashishini!

Naku okumele ukwenze:

Ngaphambi kokuba uqalise ukuthengisa i-Ethereum, umele kuqala uyile uze uqinisekise iakhawunti yakho yakwa-Paxful okanye uloge ungene kuleyo osele unayo. Emva kokuba uloge wangena, vele ulandele la manyathelo:

  1. Seta imimiselo yakho - Gqiba ngelona xabiso liphezulu le-ETH ofuna ukuyithengisa ngalo uze uzikhethele indlela yokubhatala. Ungaseta nekharensi oyithandayo kwanengingqi okuyo ukuba uyathanda.
  2. Khangela Amaxabiso - Emva kokuseta imimiselo yakho, cofa ku Khangela Amaxabiso ukuze ubone ukhetho lwamaxabiso afaneekileyo onokukhetha kuwo.
  3. Hlola ixabiso - Ngaphambi kokuba uqhubekeke, ungalibali ukuhlola zonke iinkcukacha ezibalulekileyo zomthengi wakho kuquka izinga lakhe loqinisekiso, inani lorhwebo oluphumeleleyo, noluvo olusuka kwabanye abasebenzisi.
  4. Qalisa ukurhweba - Ukuba ufumene umthengi onokuthenjwa, cofa ku Thengisa ukuze uhlole imimiselo nemiqathango emiselwe ngumthengi. Ukuba uvumelana nayo, faka imali ye-ETH olungele ukurhweba ngayo uze ucofe ku Thengisa Ngoku. Kuza kwandula oku kukuse kwincoko yezorhwebo kuze kudlulisele i-ETH yakho kwi-escrow yethu ekhuselekileyo okwexeshana.
  5. Lugqibe urhwebo: Emva kokuba ufumene intlawulo waze umthengi walugqiba olwakhe urhwebo kwelakhe icala, ungayikhulula i-ETH kwi-escrow uyise kwiwalethi yakhe. Uza kukwazi nokudawunlowuda irisithi kawonkewonke ukuba unqwenela ukugcina imbali yodluliselwano.
  6. Shiya uluvo - Ungalibali ukusixelela ngamava akho kunye neqabane lakho lezorhwebo emva kodluliselwano oluphumeleleyo.

Hlola Isiseko Solwazi sethu ukuze ufunde okungakumbi mayela nendlela yokuthenga i-ETH ngoko nangoko. Unga yila nexabiso ukuba ufuna ukuseta imimiselo yakho buqu okanye imiyalelo yorhwebo. Ungalibazisi ukuqhagamshelana neqela lethu lenkxaso ukuba unayo nayiphi na imibuzo. Yonwabela ukurhweba!