Nceda ulinde ngoxa sisakukhangelela awona maxabiso mahle.

Buy from

Bhatala nge

Price per Tether

Indlela yokuThenga i-Tether ku-Paxful

Injongo ka-Paxful kukwenza iinkonzo zemali zifikeleleke kubantu abazimiliyoni abangenaziakhawunti zebhanki ehlabathini lonke. Sikunika inkululeko yokutshintsha imali yakho ukuze ufumane i-Tether (USDT) uze uyisebenzise ngendlela othande ngayo; kungaba kukubhatala izinto neenkonzo, ukukhusela izinto zakho kunyuko-maxabiso, ukuthenga iikharensi zedijithali, okanye ukuthintela ukungazinzi kwamaxabiso eekhripthokharensi.

Kwiplatfomu ka-Paxful exhaswa ngabantu, ungathenga i-Tether ngqo kubasebenzisi abafana nawe abasehlabathini lonke. Akukho zibhanki, mashishini, okanye bantu baphakathi ababandakanyekileyo.

Nantsi indlela yokuqalisa:

  1. Yenza iakhawunti okanye ubhalise kuleyo osele unayo. Ukubhalisa ku-Paxful kuphuma newalethi yasimahla apho unokugcina khona i-USDT yakho.
  2. Khetha indlela yokubhatala, faka imali ofuna ukuyisebenzisa kwikharensi oyithandayo, wandule ucofe ku Khangela Amaxabiso.
  3. Jonga ixabiso ngalinye uze uhlole imimiselo nemiqathango yalo. Qwalasela ixabiso elibekwe ngumthengisi, kwakunye namanqaku odumo lwakhe noluvo ukuze uhlole ukuthenjwa kwakhe.
  4. Wakulifumana ixabiso elingena gingci kwiimfuno zakho, qinisekisa imali oza kuyibhatala uze uqalise ukurhweba. Oku kuza kuvulela incoko yangoko nangoko apho uya kuthi unxibelelane ngqo kunye nomthengisi.
  5. Ebudeni bokurhweba, umthengisi uza kukunika iinkcukacha ezingakumbi zoko kuza kuqhubekeka. Yilandele kakuhle imiyalelo yakhe uze uqinisekise udluliselo-mali emva kokuba ubhatele.
  6. Akuba umthengisi eqinisekise intlawulo, uza kuyikhulula i-USDT yakho engcinwe ngokukhuselekileyo kwi-escrow yethu, iye ngqo kwiwalethi yakho ye-Tether yakwa-Paxful.

Wakulugqiba urhwebo, Ungayisebenzisa ibhalansi ye-Tether yakho kuyo nantoni na oyithandayo, okanye uyidlulisele kwenye iwalethi.

Ngeendlela zokubhatala ezingaphezu kwe-300 kuquka imali uqobo, udluliselo-mali lwasebhanki, namakhadi esipho, ukuthenga i-USDT zange kwaba lula ngolu hlobo. Awuyiboni indlela yokubhata oyithandayo? Sixelele kwaye siza kuzama ukuyifaka kwiplatfomu yethu. Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, hlolaIsiseko Solwazi sethu okanye uqhagamshele iqela lethu lenkxaso.