Buy from
Bhatala nge
Price per Tether
Indlela yokuThenga i-Tether ku-Paxful
Injongo ka-Paxful kukwenza iinkonzo zemali zifikeleleke kubantu abazimiliyoni abangenaziakhawunti zebhanki ehlabathini lonke. Sikunika inkululeko yokutshintsha imali yakho ukuze ufumane i-Tether (USDT) uze uyisebenzise ngendlela othande ngayo; kungaba kukubhatala izinto neenkonzo, ukukhusela izinto zakho kunyuko-maxabiso, ukuthenga iikharensi zedijithali, okanye ukuthintela ukungazinzi kwamaxabiso eekhripthokharensi.
Kwiplatfomu ka-Paxful exhaswa ngabantu, ungathenga i-Tether ngqo kubasebenzisi abafana nawe abasehlabathini lonke. Akukho zibhanki, mashishini, okanye bantu baphakathi ababandakanyekileyo.
Nantsi indlela yokuqalisa:
- Yenza iakhawunti okanye ubhalise kuleyo osele unayo. Ukubhalisa ku-Paxful kuphuma newalethi yasimahla apho unokugcina khona i-USDT yakho.
- Khetha indlela yokubhatala, faka imali ofuna ukuyisebenzisa kwikharensi oyithandayo, wandule ucofe ku Khangela Amaxabiso.
- Jonga ixabiso ngalinye uze uhlole imimiselo nemiqathango yalo. Qwalasela ixabiso elibekwe ngumthengisi, kwakunye namanqaku odumo lwakhe noluvo ukuze uhlole ukuthenjwa kwakhe.
- Wakulifumana ixabiso elingena gingci kwiimfuno zakho, qinisekisa imali oza kuyibhatala uze uqalise ukurhweba. Oku kuza kuvulela incoko yangoko nangoko apho uya kuthi unxibelelane ngqo kunye nomthengisi.
- Ebudeni bokurhweba, umthengisi uza kukunika iinkcukacha ezingakumbi zoko kuza kuqhubekeka. Yilandele kakuhle imiyalelo yakhe uze uqinisekise udluliselo-mali emva kokuba ubhatele.
- Akuba umthengisi eqinisekise intlawulo, uza kuyikhulula i-USDT yakho engcinwe ngokukhuselekileyo kwi-escrow yethu, iye ngqo kwiwalethi yakho ye-Tether yakwa-Paxful.
Wakulugqiba urhwebo, Ungayisebenzisa ibhalansi ye-Tether yakho kuyo nantoni na oyithandayo, okanye uyidlulisele kwenye iwalethi.
Ngeendlela zokubhatala ezingaphezu kwe-300 kuquka imali uqobo, udluliselo-mali lwasebhanki, namakhadi esipho, ukuthenga i-USDT zange kwaba lula ngolu hlobo. Awuyiboni indlela yokubhata oyithandayo? Sixelele kwaye siza kuzama ukuyifaka kwiplatfomu yethu. Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, hlolaIsiseko Solwazi sethu okanye uqhagamshele iqela lethu lenkxaso.