Nceda ulinde ngoxa sisakukhangelela awona maxabiso mahle.

Buy from

Bhatala nge

Price per Ethereum

Indlela yokuThenga i-Ethereum ku-Paxful

Injongo ka-Paxful kukuzisa uquko kwezemali kwimiliyoni zabantu abangenamali ehlabathini jikelele. Sikwenza kube lula kwaye kukhuseleke ukutshintsha imali yakho okanye ezinye iikhripthokharensi ufumane i-Ethereum (ETH) uze uyisebenzise apho uyidinga kakhulu khona, ukususela ekuthengeni ukuya kutsho kutyalo-mali lwamaxabiso angazinzanga.

Iplatfomu yethu exhaswa ngabantu ikuvumela ukuba uthenge i-Ethereum ngqo kubasebenzisi abasehlabathini jikelele, ngaphandle kweebhanki okanye abantu abaphakathi ababandakanyekileyo. Nantsi indlela onokuthenga ngayo i-ETH ngoko nangoko:

  1. Ukubhalisela iakhawunti – Ubhalisela ukufumana iwalethi yasimahla edijithali apho unokugcina khona i-ETH yakho ngokukhuselekileyo.
  2. Khangela amaxabiso –Zikhethele indlela yokubhatala oyithandayo, faka imali oza kuyisebenzisa kuyo nayiphi ikharensi, uze ucofe ku Khangela Amaxabiso. Yihlole ngokucokisekileyo imimiselo yexabiso ngalinye uze uhlole iprofayile yomthengisi. Ziqwalasele ngokusondeleyo iireythi zakhe, ukubakho, noluvo olusuka kurhwebo lwangaphambili.
  3. Qalisa ukurhweba – Ukuba uyavumelana neemfuno zomthengisi, faka imali ofuna ukuyisebenzisa uze uqalise ukurhweba. oku kuza kuvulela incoko yangoku apho umthengisi aya kukubonelela ngemiyalelo eneenkcukacha. Landela imiyalelo yakhe njengokuba injalo kwaye ungalibazisi ukubuza nayiphi na imibuzo.
  4. Fumana i-ETH – Emva kokuba uthumele intlawulo waze waluphawula urhwebo njengolubhatelweyo, nika umthengisi imizuzu embalwa ukuze aqinisekise udluliselo-mali. Uza kwandula ayikhulule i-ETH ayise ngqo kwiwalethi yakho yakwa-Paxful.
  5. Shiya uluvo – Xelela thina nabanye abasebenzisi ngokuphathelele amava akho kunye neqabane lakho lezorhwebo. Oku kubalulekile ekugcineni iplatfomu yethu ikhuseleke kuwo wonke umntu.

Jonga indlela ekukhuseleke, nekukhawuleza, nekulula ngayo ukuthenga i-Ethereum ngokusuka ku-Paxful? Ngeendlela zokubhatala ezingaphezu kwe-300 onokukhetha kuzo, ukurhweba ikhriptho akusadingi mgudu ungako ngoku. Tyelela Isiseko Solwazi sethu okanye qhagamshela iqela lethu lenkxaso ukuze ufumane inkcazelo engakumbi.

Ngaphezulu kweendlela ezingama-300 zokuhlawula kubandakanya imali, ukudluliselwa kwebhanki, kunye namakhadi esipho, ukuthenga i-ETH akuzange kube lula. Awuyiboni indlela yokuhlawula oyikhethayo? Sazise kwaye siza kuzama ukuyongeza kwiqonga lethu. Ngolwazi oluthe vetshe, jonga Isiseko soLwazi okanye uqhagamshelane neqela lethu lenkxaso.