Yintoni u-Paxful?
I-Paxful yiplatfom yomhlobo kumhlobo ekuvumela ukuba uthenge uze uthengise ikhripto usebenzisa enye yeendlela zokubhatala ezingaphezu kwe-300. Ifana ne-eBay, kodwa yemali -- ibe akukho mida kwaphela.
Sinabasebenzisi abangaphezu kwe-4.8 miliyoni abasehlabathini jikelele. Lonke urhwebo oluku-Paxful lukhuselwe yisevisi ye-escrow, oko kuthetha ukuba intengiselwano ungayenza ngokukhuselekileyo usazi ukuba iimali zakho zikhuselwe.
Ndingazijonga phi iingeniso zam zehlakani?
Iingeniso zakho ungazijonga kwiideshbhodi yehlakani nakweyomthengisi.
Ndingalenza ikhonkco lehlakani lekhastom ukwenzela iinjongo zokulandelela?
Ewe. Kwideshbhodi yeHlakani, unokwenza iilinki efana yodwa elandelelwayo phantsi kwecandelo loKhangelo lwe-ID, ukuze wabelane nabantu obadlulisele kwikhriptokharensi.
Yintoni engavumelekanga?
Ukuqinisekisa ukuba sonke siziqonda ngendlela efanayo izinto ezivumelekileyo nezingavumelekanga, sidwelise apha ngezantsi ezinye zezinto onokuziphepha njengeHlakani.
- Ukwenza iiakhawunti eziliqela - kuvumeleke enye kuphela ku-Paxful.
- Ukusebenzisa ukwalathisela (ukudlulisela) okusuka kwiwebhsaythi yakho ukuya kwiwebhsaythi ka-Paxful.
- Ukuzibandakanya kwizenzo zobuqhetseba ukuze uzuze amahlakani.
- Ukuthenga intengiso yemibuzo enophawu, olunjengolu: Paxful, paxful.com, okanye olunye olusuka kula - kuquka nohlobo olungapelwanga kakuhle.
- Ukusebenzisa imibuzo enophawu lwezinye iinkampani ezikhuphisanayo ngelokwenza intengiso yebhrendi yakwa-Paxful - kwanokuthelekisa u-Paxful nezinye iibhrendi, ubonisa ukuzinyathelela phantsi.
- Ukupapasha inkcazelo yobuxoki ukuze utsale abathengi abangakumbi, okanye ukulahlekisa abathengi nangeyiphi na enye indlela.
- Ukubiza umrhumo phezu kweengeniso zakho zeHlakani eziku-Paxful.
Yintoni iNkqubo yeHlakani lakwa-Paxful, kwaye isebenza njani?
INkqubo yeHlakani yakwa-Paxful lithuba elimnandi lokuba uvuzwe ngokwabelana ngo-Paxful kunye nomntu wonke omaziyo. Eneneni kulula—uza nabantu ku-Paxful, uze ufumane isabelo semirhumo yabo ye-escrow ngalo lonke ixesha bethenga ikhripto ku-Paxful.
Uzokwenza i-50% yomrhumo we-escrow* ngabantu oza nabo ku-Paxful, kunye ne-10% yomrhumo we-escrow * ngabantu ababazisa ku-Paxful. Ibe oku akwenzeki kanye nje, kodwa ngalo lonke ixesha bethenga ikhripto ku-Paxful.
Unokwakha inethiwekhi yakho yokudlulisela ikhriptokharensi ngokulula xa ufaka ilinki yakho yehlakani lakwa-Paxful kwikhontenti oyiyilayo, yabelana ngayo kumajelo okuncokola, okanye uyibhengeze kwiwebhusayithi yakho.
Buthini ubume bekhomishini kwinqanaba ngalinye lale nkqubo?
Ufumana intlawulo ngalo lonke ixesha elinye lamahlakani akho, okanye abo bangamahlakani abo belugqiba ngempumelelo urhwebo ku-Paxful.
Imali oyifumanayo ibalwa ngokusekelwe kumrhumo wethu we-escrow oqhelekileyo, oyi-1% yemali erhwetyiweyo, ngaphandle kokuba umrhumo we-escrow ungaphantsi kwe-1%. Ukuba umrhumo we-escrow ungaphantsi kwe-1%, umrhumo wehlakani ubalwa ngokusekelwe kuwo nawuphi umrhumo we-escrow welo xesha.
Ukuma kwentlawulo kulandelela ngolu hlobo:
Inqanaba 1: Ufumana i-50% yomrhumo we-escrow oqhelekileyo xa umsebenzisi ethenga ikhripto ngempumelelo.
Inqanaba 2: Ufumana i-10% yomrhumo wethu we-escrow oqhelekileyo xa umsebenzisi ethenga ikhripto ngempumelelo.
Yiyiphi imithombo yekhontenti neyokubhengeza eyeyona ndlela ingcono yokutsala abantu kwilinki yam yehlakani?
Kukho imithombo emininzi eyahlukeneyo enokukusebenzela, kuquka iblog yakho, iwebhsaythi yakho, i-Google AdWords, i-Yandex Direct, iintengiso ze-Yahoo/i-Bing, iinethiwekhi zentengiso zemobhayile, i-YouTube kunye nezinye iiplatfom eziphambili zokuzonwabisa nezemali.
Amajelo encoko nawo asisixhobo esihle sokukunceda ufumane i-Bitcoin ngokudlulisela abantu. Licebo elihle ukusebenzisa ukhangelo lwee-ID kuzo zonke izibhengezo ozenzayo, ukuze ubone ukuba yeyiphi eyona ikusebenzelayo uze ufunde kuyo.
Zihlaziywa kangaphi iinkcukacha-manani kwiDeshbhodi yeHlakani?
Iinkcukacha-manani ahlaziywa phantse ngexesha ezenzeka ngalo izinto kwiDeshbhodi yeHlakani. Ngoko nantoni na oyibonayo kwideshibhodi ichaza indlela izinto ezime ngayo ngalo mzuzu.
Kutheni amanye amahlakani am esenza urhwebo oluninzi, ngoxa amanye ebhalise nje ngaphandle kokwenza kwa urhwebo olunye?
Abantu baneemfuno ezahlukeneyo. Abanye bangafuna nje ukuthenga i-Bitcoin yabo yokuqala ku-Paxful baze bayibambe kangangeenyanga okanye iminyaka, ngoxa abanye bengaqhubeka besebenzisa iplatfom ukuthenga okanye ukuthengisa ngakumbi. Izinga lokusebenza lamahlakani akho linokuxhomekeka nakwikhontenti oyiyilayo ukuze ubadlulisele nokuba ngoobani ojolise kubo.
Ndihlawulwa nini?
Iingeniso zakho ozifumana ngokudlulisela abantu kwikhriptokharensi ziye zifakwe kwisipaji sakho seHlakani ngokukhawuleza emva kokuba ihlakani lakho ligqibe urhwebo.
Xa sowuqokelele i-10 USD yexabiso leengeniso zehlakani le-Bitcoin, ungazisa kwiwalethi yakho yakwa-Paxful nanini na ufuna. Wakuzuza i-300 USD yexabiso lee-Bitcoin, siza kucela wenze uqinisekiso lwesazisi nolwedilesi.
Icebiso Lengcaphephe: Iingeniso zakho ze-Bitcoin ungazithengisa kwiplatfom yethu ukuze ufumane ingeniso eyongezelelekileyo!
Ndingalifumana phi ikhonkco lam lehlakani?
Ikhonkco lakho lehlakani ungayifumana kwiideshbhodi yehlakani nakweyomthengisi.
Ndingalujonga phi ukhangelo lwee-ID lwekhastom lwam?
Kungekudala, uza kukwazi ukujonga ukhangelo lwee-ID kanye kwideshibhodi yakho. Hlala ukhona!
Ngawaphi amazwe endinokuya kuwo xa ndikhangela abantu endinobadlulisela?
U-Paxful usehlabathini jikelele kwaye unokusetyenziswa naphi na ngofikelelo lwe-intanethi. Ngoko ukuba ngabaphi abantu obafunayo kuxhomekeke kuwe—ekuhlaleni, kwiingingqi, kuzwelonke okanye ezinye iindawo. Okwangoku, uninzi lwabasebenzisi bethu ngabase-U.S., ngoxa iAfrika, iAsia, neLatin America izezona ndawo zethu zentengiso zikhula ngokukhawuleza.
Mangaphi amanqanaba akwiNkqubo yeHlakani lakwa-Paxful, yaye asebenza njani?
Ukuzuza i-Bitcoin akulinganiselwanga ngokudlulisela abantu babe ngamahlakani akho ngokuthe ngqo kuphela. Kunoko, kukho amanqanaba amabini kwiNkqubo yeHlakani yakwa-Paxful -- enye ngokuthe ngqo kunye nenye ngokungathanga ngqo:
Inqanaba 1: La ngamahlakani abhalise ngqo kwilinki yakho.
Inqanaba 2: La ngamahlakani abhaliswe kwilinki yelinye lamahlakani akho athe ngqo.
Ukuba ihlakani lam lirhweba nelinye ihlakani, ngaba ndisafumana ikhomishini epheleleyo?
Ukuba amahlakani akho ngokuthe nqqo amabini arhweba kunye, uza kufumana i-25% yemivuzo iyonke kolo rhwebo endaweni ye-50% ngokuqhelekileyo.
Umntu endiye ndamcebisa ajoyine u-Paxful, ubhalise engasebenzisanga ilinki yam. Ngaba ndisengayifumana ikhomishini?
Ngelishwa, hayi. Umvuzo wehlakani ubakho kuphela kubasebenzisi ababhalisa ngokusebenzisa ilinkiyakho yehlakani efana yodwa.
Ndinejelo lonxibelelwano lwencoko enxulumene ne-bitcoin, kwaye abalandeli bam banomdla wokuthenga okanye wokuthengisa i-bitcoin. Ngaba ndinokubathumela ku-Paxful njengendlela efanelekileyo yokwenza njalo?
Ngokuqinisekileyo! U-Paxful yenye yeendlela ezilula emhlabeni kuye nabani na, naphi na ukuba athenge okanye athengise i-Bitcoin. Abantu bakho obadlulisele kwikhriptokharensi bangabhalisa besebenzisa ilinki yehlakani baze baqalise ukuthenga okanye ukuthengisa i-Bitcoin ngemizuzu! Ngalo lonke ixesha bethenga ku-Paxful, ufumana umvuzo wehlakani.