The Affiliate Program has been temporarily paused as we make changes to create a fair and sustainable program for the Paxful community. Learn more here.

Imimiselo Yesevisi Yenkqubo Yehlakani

Umhla Wokusebenza: Oktobha 21, 2019

Enkosi ngokubhalisa njengelungu leNkqubo yeHlakani lakwa-Paxful. Inkcazelo oyinikeleyo ku-Paxful njengenxalenye yenkqubo yokubhalisa iza kugcinwa ize iphathwe ngu-Paxful ngokuvumelana noMthetho wokuKhuselwa kweNkcazelo eQhelekileyo (“GDPR”) ye-European Union. Ipolisi Yabucala yokuthobela i-GDPR yakwa-Paxful uye wayamkela njengenxalenye yenkqubo yokubhalisela iHlakani.

Ngokuqhubeka usebenzisa iwebhsaythi yakwa-Paxful (nokuba uliHlakani okanye akunjalo), uza kugqalwa njengowuvumileyo noyamkeleyo Ipolisi Yabucala, kuquka nokuba ngamanye amaxesha kungafuneka ulungiswe, ufakelwe, okanye kungenjalo utshintshwe. Ipolisi Yabucala esebenzayo ngoku, unokufikelela kuyo kwiphepha lokuqala lale saythi okanye ngokucofa le linki https://paxful.com/privacy. Ukuze siphephe ukuthandabuza, nceda uqaphele ukuba inkcazelo yeakhawunti kungabelwana ngayo namaHlakani akho njengenxalenye yokuthatha kwakho inxaxheba kwiNkqubo yeHlakani, kuquka kodwa kungaphelelanga apho kunye neenkcukacha zendawo nokwenzeka kwiakhawunti.

Oku kulandelayo yiMimiselo neMiqathango esebenzayo kwiNkqubo yeHlakani. U-Paxful unelungelo (ngokokubona kwakhe ngokupheleleyo nangaphandle kokwazisa kusengaphambili) lokuba: (a) atshintshe nayiphi okanye yonke le Mimiselo neMiqathango, nangaliphi na ixesha nangamaxesha ngamanye, kuquka (kodwa kungaphelelanga apho) nokutshintsha iipesenti zokuhlawulwa kwekhomishini ezichazwe ngezantsi, (b) ukunqumamisa okanye ukurhoxisa iNkqubo yeHlakani, kunye/okanye (c) anqumamise okanye akuyekise ngokupheleleyo ukusebenza kweakhawunti yakho yeHlakani okanye yakwa-Paxful ukuba uzibandakanya ekuziphatheni okuthile okuchazwe ngezantsi.

NjengeHlakani, unethuba lokwazisa abantu besithathu kwiPlatfom ye-Bitcoin yakwa-Paxful uze ufumane iikhomishini ngokusekelwe kurhwebo lwe-BTC olwenziwe kwiplatfom yethu. U-Paxful uhlawula zonke iikhomishini zeHlakani kwi-BTC kuphela.

Inkqubo yeHlakani yakhelwe kwinkqubo yamanqanaba amabini esebenza kubasebenzisi abangabantu besithathu abaqalayo kuphela:

  • Inqanaba 1 loDluliselo
    Inqanaba 1 loDluliselo ngumntu wesithathu obhalisela ukusebenzisa iPlatfom ye-Bitcoin yakwa-Paxful esebenzisa ilinki yokubhalisa eyodwa owawuyinikiwe xa wawubhalisa kwiNkqubo yeHlakani.
  • Inqanaba 2 loDluliselo
    Inqanaba 2 loDluliselo ngumntu wesithathu obhalisela ukusebenzisa iPlatfom ye-Bitcoin yakwa-Paxful esebenzisa ilinki yokubhalisa eyodwa u-Paxful ayinika iNqanaba 1 loDluliselo lwakho.

Ukubhatalwa kweekhomishini.

Ngaphandle kokuba kuvunyelwene ngenye indlela ngu-Paxful, uza kufumana ikhomishini esuka ku-Paxful ngalo lonke ixesha umntu omazisileyo okwiNqanaba 1 loDluliselo okanye kwiNqanaba 2 loDluliselo egqiba intengiselwano yoku"Thenga" i-BTC kusetyenziswa u-Paxful.

Njengoko usazi, u-Paxful uhlawulisa uMrhumo we-Escrow ngokunxulumene norhwebo ngalunye olugqityiweyo kwiplatfom yakhe. UMrhumo we-Escrow ungatshintsha nanini na ngamaxesha athile. Ungayifumana ingcaciso yoMrhumo we-Escrow kunye nexabiso layo langoku ngokucofa le linki: https://paxful.com/support/en-us/articles/360013609793-Paxful-fees

  • Xa uDluliselo kwiNqanaba 1 lugqibe ngempumelelo intengiselwano yoku"Thenga" i-BTC kusetyenziswa u-Paxful, u-Paxful uza vuza iWolethi yakho yeHlakani ngesixa (se-BTC) esilingana ne 50 yoMrhumo we-Escrow osebenzayo ngelo xesha.
  • Xa uDluliselo kwiNqanaba 2 lugqibe ngempumelelo intengiselwano yoku"Thenga" i-BTC kusebenziswa u-Paxful, u-Paxful uza vuza iWolethi yakho yeHlakani ngesixa (se-BTC) esilingana ne 10 yoMrhumo we-Escrow osebenzayo ngelo xesha.
  • Kodwa ke, ukuba iHlakani lakho leNqanaba 1 liphumeza intengiselwano yoku"Thenga" i-BTC kunye neHlakani leNqanaba 1 lelinye ilungu leNkqubo yeHlakani, ngoko ngamnye wenu kunye nelo lungu niza kuyahlula ngokulinganayo ikhomishini eyi 50.
  • Ngokufanayo, ukuba iHlakani lakho leNqanaba 2 liphumeza intengiselwano yoku"Thenga" i-BTC kunye neHlakani leNqanaba 2 lelinye ilungu leNkqubo yeHlakani, ngoko ngamnye wenu kunye nelo lungu niza kuyahlula ngokulinganayo ikhomishini eyi 10.
  • Nanini na uthenga okanye uthengisa kwelinye leHlakani leNqanaba 1 okanye kwiHlakani leNqanaba 2 awuyi kufumana nayiphi ikhomishini.

Ikhomishini yakho oyifumene ngokunxulumene nayo nayiphi intengiselwano enjalo iza kufakwa kwiSipaji sakho seeHlakani kwangoko yakugqitywa ngempumelelo intengiselwano enjalo. Ngalo lonke ixesha intengiselwano enjalo igqitywe ngempumelelo, uPaxful uza kuthumela i-imeyile yokuqinisekisa. Ngale ndlela, uya kuyibona ibhalansi yeSipaji sakho seHlakani ikhula kwideshbhodi yakho ka-Paxful.

Kwiimeko ezithile, unokufanelekela nokufumana umrhumo wokudlulisela ngalo lonke ixesha uDlulisela kwiNqanaba 1 okanye uDlulisela kwiNqanaba lwentengiselwano yakho egqityiweyo yoku"Thengisa" i-BTC usebenzisa u-Paxful. Ukuze ubone ukuba uyakufanelekela ukufumana imirhumo kwiintengiselwano zoku"Thengisa" kuDluliselo lweNqanaba 1 nakuDluliselo lweNqanaba 2, nceda uqhagamshele Inkxaso yakwa-Paxful ku [email protected]. U-Paxful unelungelo lokumisela, ngokokubona kwakhe ngokupheleleyo, ukuba ungavunyelwa okanye ungavunyelwa ukuba ufumane nayiphi na imirhumo yeentengiselwano zoku"Thengisa".

Ukukhupha Iikhomishini Zakho.

Nanini na ibhalansi yakho kwiWalethi yeHlakani ifikelela kwi-US$10 (ixabiso le-BTC ngelo xesha), uza kukwazi ukuyidlulisela lo bhalansi yonke kwiWalethi yakho ye-BTC yakwa-Paxful. Yakube ibhalansi yeWalethi yakho yeHlakani ifikelele kwisixa esipheleleyo sexabiso le-$300, kuza kufuneka ufake uqinisekiso lwesazisi nolwedilesi. Wakukwenza oku, ukhululekile ukuba wenze nantoni na oyithandayo ngeengeniso zakho. Ngokusinika oku okanye nayiphi na enye inkcazelo enokufuneka, uyaqinisekisa ukuba yonke lo nkcazelo iyinyani, ichanile kwaye ayilahlekisi. Uyavuma ukusigcina sisexesheni ngokukhawuleza xa kukho nayiphi na kule nkcazelo uyinikeleyo itshintsha. Uyasigunyazisa ukuba sibuzise ngqo okanye ngomntu wesithathu, ukuba sibona kufanelekile ukuqinisekisa isazisi sakho okanye ukukukhusela wena kunye/okanye thina nxamnye nobuqhetseba okanye kolunye ulwaphulo-mthetho lwezezimali, kwanokuthatha naliphi na inyathelo esilibona libalulekile ngokusekelwe kwiziphumo zaloo mibuzo. Xa sibuzisa, uyaqonda kwaye uyavuma ukuba iinkcazelo yakho yobuqu ingatyhilwa kwimbekiselo yamatyala neyokuthintela ubuqhetseba okanye kwiiarhente zolwaphulo-mthetho kwezezimali kwaye ezi arhente zingaphendula kwimibuzo yethu ngokupheleleyo.

Icebiso Lengcaphephe: Sicebisa uthengise iingeniso zakho ze-BTC kwiplatfom yethu ukuze ufumane ingeniso eyongezelelekileyo.

Izenzo Ezingavumelekanga

Oku kulandelayo luluhlu olumela (kodwa ungaphelelanga) iindlela zokuziphatha kunye nezenzo ezinokubangela ukuba u-Paxful (ngokokubona kuka-Paxful ngokokugweba kwakhe ngokunokwakhe) (a) arhoxise okanye ubuyise intlawulo yeengeniso zakho zelo xesha (nokuba zikhutshiwe okanye akunjalo) zeeKhomishini, kunye/okanye (b) anqumamise okanye ayekise iakhawunti yakho yeHlakani neyakwa-Paxful.

  • Ukusebenzisa i-spam ukutsalela abantu kwiplatfom ka-Paxful.
  • Ukuzibandakanya kwizinto ezingekho mthethweni zalo naluphi uhlobo, nokuba zinxulumene okanye azinxulumenanga nokusetyenziswa kweplatfom neenkonzo zika-Paxful.
  • Ukwenza iiakhawunti ezongezelelekileyo kwiplatfom ka-Paxful ezixhamla kwiNkqubo yeHlakani lakwa-Paxful nangoluphi na uhlobo. Uvumeleke ukuba ube neakhawunti enye kuphela kwaye akuvumelekanga ukuba uthengise, uboleke, wabelane okanye wenze iakhawunti yakho ifumaneke okanye nayiphi na inkcukacha eyimfuneko yokufikelela kwiakhawunti yakho kubantu okanye kumaziko angaphandle kwakho. Ukwenza inkcazelo yobuxoki kwiakhawunti yakho, ukuxoka ngelizwe ohlala kulo okanye ukunikela ngamaxwebhu esazisi obuqhetseba akuvumelekanga ngokungqongqo.
  • Nakuphi na ukungathobeli okanye ukwaphulwa nguwe okanye ngabameli bakho kweembopheleleko zakho phantsi kwale Mimiselo neMiqathango.
  • Ukusetyenziswa - kwalo naluphi uhlobo lwezentengiso okanye enye imidiya okanye inkcazelo yalo naluphi uhlobo esuka kuwe okanye oyisasazayo okanye oyilawulayo ngandlel' ithile -- igama elithi "pax" okanye "paxful" okanye naliphi elifana nawo, elivakala njengawo, okanye amanye amagama, amaphawu, okanye amagama u-Paxful abona ngathi unokubangela kudidekwe afaniswe nophawu lwentengiso ka-PAXFUL.
  • Ukuhlazisa, ukunyelisa, okanye ukungcolisa (a) u-Paxful okanye nabaphi na abalawuli bakhe, amagosa, abasebenzi, iikontraki, iiarhente, okanye abameli, okanye (b) abasebenzisi beplatfom ka-Paxful, kuquka namanye amalungu eNkqubo yeHlakani.
  • Ukuzibandakanya kuyo nayiphi imisebenzi u-Paxful akholelwa ukuba (ngokokugweba kwakhe ngokunokwakhe) inokubangela uchanabeke kwezomthetho, kwigunya, esisizathu sokuba utshutshiswe phantsi komthetho, imigaqo, okanye ngamagunya alo naliphi ilizwe, iqumrhu lamazwe (kuquka i-European Union), okanye olunye ulawulo. okanye igunya likarhulumente kuquka, kodwa okungaphelelanga kungcakazo olungekho mthethweni, ubuqhetseba, ukufumana imali ngondlela-myama okanye imisebenzi yabanqolobi.
  • Ukuzibandakanya kwizinto ezingekho mthethweni zalo naluphi uhlobo, nokuba zinxulumene okanye azinxulumenanga nokusetyenziswa kweplatfom neenkonzo zika-Paxful.
  • Ukunikela inkcazelo yobuxoki, engachananga okanye elahlekisayo.
  • Ukunikela uqinisekiso lobuxoki, olungachananga okanye elulahlekisayo lwesazisi kunye nedilesi.
  • Ukukhuthaza okanye ukukhokela namphi umntu wesithathu ukuba abandakanyeke kuzo naziphi izinto ezingavumelekanga phantsi kweli Candelo.

Amalungelo Obunini Bemveliso

Ngaphandle kokuba kuboniswe ngenye indlela, onke amalungelo epropati yoyilo kwiWebhusayithi kunye nayo nayiphi ikhontenti enikeziweyo ngokunxulumene neenkonzo zethu, ziyipropati ka-Paxful okanye abaniki layisensi okanye abanikeli nkonzo bethu kwaye bakhuselwe yimithetho esebenzayo yepropati yoyilo. Asiniki nayiphi ilayisensi ecingelwayo yokusebenzisa iikhontenti zeWebhusayithi. Awunakuthengisa okanye utshintshe izinto zeWebhusayithi okanye uvelise kwakhona, ubonise, ukwenze oko esidlangalaleni, usasaze okanye kungenjalo usebenzise ezinye ezi zinto ngayo nayiphi na indlela ngenjongo kawonkewonke okanye yokuthengisa. Ukusebenzisa kwakho ezi izinto kuyo nayiphi na enye iwebhusayithi okanye ekwabelaneni ngefayile okanye inkonzo efanayo ngayo nayiphi injongo akuvumelekanga.

Awunakukopa nayiphi na into okanye ikhontenti equlathwe kwiWebhusayithi okanye efikelelekayo kwiWebhusayithi ngaphandle kwemvume yethu ebhaliweyo. Nawaphi amalungelo anganikwanga ngokucacileyo apha okusebenzisa izinto eziqulathwe kwiWebhusayithi agcinwe ngu-Paxful ngokupheleleyo.

Umlinganiselo Wokubopheleleka/Wokwala

Le saythi kunye neNkqubo yehlakani zibonelelwa "njengoko zinjalo" kunye "nokufumaneka kwazo" ngokusekelwe kwinkcazelo nokuzisebenzisa kwakho ngaphandle kwako nakuphi ukumelwa okanye ukuxhaswa. Ukufikelela kwelona nqanaba livunyelweyo ngumthetho osebenzayo, asenzi ziiwaranti zalo naluphi na uhlobo, nokuba zichaziwe okanye ziyacingelwa, ngokunxulumene nesaythi okanye iNkqubo yeHlakani, kuquka kodwa kungaphelelanga apho, iiwaranti ezicingelwayo zomgangatho owanelisayo, ukusebenza, ukufaneleka kwinjongo ethile, ukungaphuli migaqo, ukuhambelana, ukhuseleko, ukuchana, imeko okanye ukugqibelela, okanye nayiphi na iwaranti ecingelwayo evelayo ebudeni okanye kusetyenziso okanye kurhwebo.

Ukuba kwaye ukufikelela kwelona nqanaba liphezulu livunyelweyo ngumthetho osebenzayo, asiyi kubopheleleka koku:

  • 1. Nayiphi na ilahleko kwezoqoqosho (kuquka ilahleko engenamlinganiselo yeengeniso, iinzuzo, iikhontrakthi, ishishini okanye ulondolozo-mali olulindelweyo);
  • 2. nayiphi ilahleko yokwenza okuhle okanye udumo;
  • 3. naziphi iilahleko ezikhethekileyo okanye ezingathanga ngqo okanye zomphumela, nokuba zenzeke njani.

Ukubuyekeza nokuziBophelela ngokuseMthethweni

Uyavuma ukungabopheleli ngokusemthethweni u-Paxful, Inc. (nakuye ngamnye wamagosa ethu, abalawuli, amalungu, abasebenzi, iiarhente kunye namahlakani) kulo naliphi ibango, imfuno, isenzo, umonakalo, ilahleko, indleko okanye inkcitho, kuquka okungaphelelanga apha iindleko ezisemthethweni nezifanelekileyo, ezivelayo okanye ezinxulumene: nokusebenzisa kwakho, okanye indlela yokuziphatha ngokunxulumene, neNkqubo yethu yeHlakani; okanye ukwaphula kwakho le Mimiselo neMiqathango. Ukongezelela, uyavuma ukuzibophelela ngokupheleleyo (kwaye usibuyekeze ngokupheleleyo kuwo) onke amabango, uxanduva, umonakalo, ilahleko, iindleko kunye nenkcitho, kuquka neendleko ezisemthethweni, esiye sanazo neziye zavela okanye ezinxulumene nako nakuphi ukwaphulwa kweMimiselo neMiqathango nguwe okanye naluphi olunye uxanduva esilwenzileyo oluvele ngenxa yokusebenzisa kwakho iinkonzo kunye neNkqubo yeHlakani, okanye ukusetyenziswa kwazo nguye namphi omnye umntu ofikelela ezi nkonzo esebenzisa iakhawunti yakho yomsebenzisi, isixhobo okanye iakhawunti yokufikelela kwi-intanethi; okanye ukwaphula kwakho nawuphi na umthetho okanye amalungelo akhe namphi umntu wesithathu.

Eziqhelekileyo

Le Mimiselo neMiqathango kunye nokusebenzisa kwakho iWebhusayithi neNkqubo yeHlakani ziya kulawulwa kwaye zithathwe ngokuvumelana noMthetho waseUnited States. Naliphi ibango elivelayo ngokunxulumene nale Mimiselo neMiqathango okanye lokusebenzisa kwakho iWebhusayithi okanye iNkqubo yeHlakani liya kusonjululwa kuphela kwiinkundla zaseUnited States. Akukho nto kule Mimiselo neMiqathango eya kuthathwa njengechaphazela amalungelo akho asemthethweni phantsi komthetho waseUnited States. Ukuba nayiphi inxalenye yale Mimiselo neMiqathango ichotshelwe yiyo nayiphi na inkundla yaseUnited States ukuba ayisebenzi okanye ayinyanzelisi ngokupheleleyo okanye ngokuyinxenye, ukusebenza okanye ukunyanzeliswa kwamanye amacandelo ale mimiselo nemiqathango akuyi kusetyenziswa. Naziphi iziphakamiso eziqulethwe kule Mimiselo neMiqathango zenzelwe iinjongo zolwazi kuphela kwaye ayingomalungiselo anyanzeliswayo ale Mimiselo neMiqathango.