Nceda ulinde ngoxa sisakukhangelela awona maxabiso mahle.

Sell to

Get paid with

Price per Bitcoin

Indlela yokuThengisa i-Bitcoin ku-Paxful

Ngoku kulula ukuthengisa i-Bitcoin njengomthengisi wakwa-Paxful. Unenkululeko yokuseta amaxabiso akho siqu, kwaneendlela zokubhatala ezininzi onokukhetha kuzo ezingaphezu kwe-300 ukuze ukwazi ukubhatalwa i-Bitcoin oyithengisayo. Njengoko u-Paxful eyiplatfomu yomhlobo kumhlobo, ungathengisa i-Bitcoin yakho ngqo kubasebenzisi abangaphezu kweemiliyoni ezi-3 ehlabathini jikelele. Iplatfomu yethu yenza kube lula ngeyona ndlela ukwenza ingeniso kwabo basakhasayo kwanabo sebenamava.

Ukuthengisa i-Bitcoin ngoko nangoko, yenza iakhawunti yakwa-Paxful okanye uloge kuleyo osele unayo. Wakuloga ungene, vele ulandele la manyathelo:

  1. Seta iimfuno zakho – Khetha indlela yokubhatala oyithandayo kunye nelona xabiso liphezulu le-Bitcoin ofuna ukuyithengisa ngalo. Ungabonisa nengingqi okuyo kunye nokhetho lwekharensi. Wakukugqiba oko, cofa ku Khangela Amaxabiso. Uza kubona uluhlu lwamaxabiso akufaneleyo onokukhetha kuwo.
  2. Hlola amaxabiso – Ngaphambi kokukhetha ixabiso, qiniseka ukuba uyihlola yonke inkcazelo ebalulekileyo emayela nomthengi, kuquka kodwa kungaphelelanga kwigama lakhe, udumo, izinga loqinisekiso, kunye nexabiso le-Bitcoin nganye. Wakufumana ixabiso elifanelekileyo, cofa ku Thenga. Ayizukuluvula urhwebo okwangoku, kodwa iza kukukhokelela kwimimiselo nemiqathango yexabiso elimiselwe ngumthengi.
  3. Qalisa urhwebo – Ukuba wanelisekile yimimiselo yomthengi, faka ixabiso ongathanda ukuyirhweba ngalo uze ucofe ku Thengisa Ngoku. Oku kuza kuvula incoko yorhwebo yangoku ize i-Bitcoin yakho isiwe kwi-escrow yethu ekhuselekileyo. Yifunde kakuhle imiyalelo enikelweyo, uze uyilandele. Wakuba umthengi wakho elufikelele ekugqibeleni urhwebo lwakhe waze wena wayifumana intlawulo, ungayikhulula i-Bitcoin. Ungayidawunlowuda irisithi kawonkewonke emva korhwebo.
  4. Shiya uluvo – Emva kokuba uyithengise ngokuphumeleleyo i-Bitcoin yakho, sukulibala ukunika iqabane lakho lezorhwebo uluvo. Oku kubalulekile kwiplatfomu yethu kuba kunceda ekwakheni udumo lomsebenzisi.

Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, bukela ividiyo yethu eneenkcukacha efundisa ngendlela yokuthengisa i-Bitcoin ngokukhawuleza. Ungenza nexabiso lokuthengisa ngokulandela isikhokelo sethu sokuyila ixabiso ku-Paxful.

Iplatfomu ka-Paxful yomhlobo kumhlobo kulula ukuyisebenzisa, ikhuselwe yi-escrow, kwaye ifikeleleka ehlabathini lonke. Qalisa ukurhweba namhlanje!