Nceda ulinde ngoxa sisakukhangelela awona maxabiso mahle.

Buy from

Bhatala nge

Price per Bitcoin

Indlela yokuThenga i-Bitcoin ngeRevolut

I-Revolut isetyenziswa ngabathengi abangaphezulu kwe-2 miliyoni kwaye ibonelela uluhlu olubanzi lweenkonzo zebhanki, kuquka udluliselo-mali lwamazwe ngamazwe kunye neentlawulo zomhlobo kumhlobo. Ngoku, ungakwazi ukusebenzisa i-Revolut ukuthenga i-Bitcoin ku-Paxful ngaphandle kwemirhumo eyongezelelekileyo. Nantsi indlela yokukwenza:

Into yokuqala ekufuneka uyenzile kukungena kwiakhawunti yakho yakwa-Paxful okanye uyenze ngokucofa ku Yenza iakhawunti . Emva kokwenza inkqubo yokuqinisekisa iakhawunti, cofa ku Thenga i-Bitcoin seta i-Revolut njengendlela yokubhatala oyikhethayo ukuze ujonge amaxabiso akufaneleyo. Awona maxabiso abalaseleyo avela kubathengisi abanokuthenjwa kwaye eyona ndlela yokubafumana kukujonga iprofayile yomthengisi onolona luvo luhle luphezulu. Vele nje ucofe igama lomthengisi ukuze ubone imbali yakhe yorhwebo kunye nokubhalwe ngamaqabane akhe orhwebo.

Wakulifumana ixabiso olithandayo kumthengisi onokuthenjwa, cofa u Thenga ukuze ujonge iimfuno zakhe zorhwebo. Funda imiqathango yorhwebo ngokucokisekileyo uze uyilandele njengoko injalo. Cofa iqhosha elithi "Yamkela iMimiselo uze uThenge ii-Bitcoins Ngoku!" ukuba uyayithanda imimiselo yexabiso. Ibhokisi yencoko yangoku iza kuvela apho unokukwazi ukunxibelelana khona nomthengisi uze ubuze ukuba ikhona na enye into efunekayo.

Phawula ukuba u-Paxful usebenzisa inkqubo ye-escrow ukuze atshixele i-BTC yomthengisi lwakuqalisa urhwebo -- ngoko imali yakho ikhuselekile.

Wakuthumela intlawulo kwiakhawunti ye-Revolut yomthengisi, cofa ku Phawula njengeBhatelweyo ukuze umthengisi akwazi ukukhupha i-BTC kwi-escrow. Kanjalo nje! Uyithenge ngempumelelo i-Bitcoin usebenzisa iakhawunti yakho ye-Revolut.