Nceda ulinde ngoxa sisakukhangelela awona maxabiso mahle.

Buy from

Bhatala nge

Price per Bitcoin

Indlela yokuThenga i-Bitcoin ngeCash App

I-Cash App yiwalethi ekwi-intanethi ekwayi-app yokubhatala ekwenza ukwazi ukuthumele nokufumana imali ngoko nangoko kusapho nakubahlobo. Ikwenza ukwazi ukwamkela iintlawulo zemobhayile nezekhadi kwishishini lakho uze udlulisele imali kwiakhawunti yakho yebhanki.

Kwiplatfom yomhlobo kumhlobo yakwa-Paxful, ngoku ungakwazi ukuthenga i-Bitcoin ngeCash App. Landela la manyathelo ukuze ufumane i-BTC yakho:

  1. Loga ungene ku-Paxful -Ngena kwiakhawunti yakho yakwa-Paxful okanye wenze entsha. Ukubhalisa ku-Paxful kukunika ilungelo lokuba neyakho iwalethi ye-Bitcoin ngaphandle kweendleko ezongezelelekileyo.
  2. Khetha indlela yakho yokubhatala - Khetha i-Cash App njengendlela yokubhatala ukuze ufumane uluhlu lwawo onke amaxabiso amkela le ndlela yokubhatala. Ungakwazi nokufaka isixa ofuna ukusisebenzisa ukuze uhluze amaxabiso anganxulumenanga. Ngaba ufuna ukwazi ukuba uza kufumana malini ngokwe-Bitcoin? Zama ikhatyhuleytha yethu ye-Bitcoin .
  3. Fumana ixabiso elihle - Bhrawuza kuluhlu lwamaxabiso uze uqiniseke uyalwenza uhlolo lwangaphambili. Cinga ngokufumaneka, amanqaku odumo, imbali yorhwebo yomthengisi, kunye nezinye izinto ezinjalo. Wakufumana ixabiso elihle elibonakala lisanelisa, jonga imimiselo yomthengisi ngocoselelo ngaphambi kokuba uqale urhwebo.
  4. Yamkela imimiselo uze uqale urhwebo - Xa uthenga i-Bitcoin nge-Cash App, ngalo lonke ixesha lungiselela i $Cashtag yakho kunye nobungqina bentlawulo ukuze uqiniseke ngentengiselwano etyibilikayo. Abanye abathengisi bangafuna nokuba ufake ikopi yekhadi lakho le-ID kunye namanye amaxwebhu ukuqinisekisa isazisi sakho. Ngoko ke zilungele izicelo ezinjalo. Lwakuqala urhwebo, landela imiyalelo yomthengisi. Qaphela ukuba uPaxful usebenzisa inkqubo ye-ascrow ebamba i-Bitcoin yomthengisi de ibe igqityiwe intengiselwano ukuze kukhuselwe wena kubuqhetseba obunokubakho. Lwakugqitywa ngempumelelo urhwebo, uza kufumana i-Bitcoin ngokuthe ngqo kwiwolethi yakho yakwa-Paxful.

Apha ku-Paxful, senza kube lula kwaye kukhuseleke ukuthenga i-BTC nge-Cash App. Ukuze ufunde ngakumbi mayela nokuthenga i-Bitcoin kwiplatfomu yethu, zive ukhululekile ukujonga isiseko sethu solwazi okanye uqhagamshele iqela lethu lenkxaso.