Nceda ulinde ngoxa sisakukhangelela awona maxabiso mahle.

Buy from

Bhatala nge

Price per Bitcoin

Indlela yokuThenga i-Bitcoin ngeVenmo

Ukuba ufuna ukuthenga i-Bitcoin kodwa awunayo enye indlela yokuthumela imali okanye awukhathazeki ngobumfihlo, iVenmo yeyona ndlela yokubhatala ikulungeleyo. Kulula ukuyisebenzisa - kufuneka nje udawnlowude i-app uze uqhagamshele i-akhawunti yakho yebhanki kwi-Venmo.

Ukuze uthenge i-BTC ngeVenmo, kufuneka kuqala ubhalisele iwalethi yasimahla ye-Bitcoin ngokucofa u Yenza iakhawunti. Kuza kufuneka nokuba uqinisekise isazisi sakho ngaphambi kokuba uthenge i-BTC.

Emva kokuloga ungene, cofa ku Thenga i-Bitcoin uze ukhethe i-Venmo njengendlela yokubhatala ukuze uhluze amaxabiso anganxulumenanga. Sicebisa ukuba uhlole iprofayile yomthengisi ukuze ulinganise ukuthenjwa kwakhe ngokucofa igama lomsebenzisi lakhe ukuze ubone imbali yakhe yorhwebo noko kubhalwe ngaye ngamaqabane ezorhwebo adlulileyo.

Khetha elona xabiso ulithandayo uze ucofe u Thenga ukuze ujonge imiqathango yorhwebo uze uqale urhwebo. Kulungele ukuthumela i-selfie uphethe i-ID egunyazisiweyo okanye iskrinshoti seakhawunti yakho ye-Venmo xa ucelwa ngumthengisi. Imali yakho ikhuselwe kweli nqanaba yi-escrow yakwa-Paxful apho i-Bitcoin yomthengisi ibanjwe khona okwethutyana de kude kube kugqitywe urhwebo okanye lurhoxiswe.

Cofa ku Phawula njengeBhatelweyo ngokukhawuleza nje wakudlulisela imali ngokusuka kwiakhawunti yakho yeVenmo uze ulinde umthengisi ukuba akhulule i-Bitcoin yakho ekwi-escrow kwiwolethi yakho yakwa-Paxful. Kukanjalo! Imali ekwiakhawunti yakho yeVenmo ngoku iyi-Bitcoin.

Ukuba unoluvo mayela neplatfom yethu okanye ufuna ukupfaka ibango, zive ukhululekile ukuqhagamshela iqela lethu lenkxaso yabathengi. Sikwi-intanethi nanini na, nangaluphi na usuku lweveki ukuze sikuncede kwizinto ezikuxhalabisayo.