Nceda ulinde ngoxa sisakukhangelela awona maxabiso mahle.

Buy from

Bhatala nge

Price per Bitcoin

Indlela yokuThenga i-Bitcoin ngoPayPal

U-PayPal yenye yeenkqubo eziphambili zokudlulisa imali kwi-intanethi ehlabathini esebenza njengenye indlela kuneetsheki neeodolo zemali. Ubonelela ngendlela elula nekhawulezayo yokuthumela kunye nokufumana iimali kwihlabathi liphela, kunye nokudlilisela iintlawulo nanini na, naphi na.

Ukuthenga i-Bitcoin nge-PayPal ngoko nangoko kunokwenzeka kwiplatfom yomhlobo kumhlobo yakwa-Paxful. Ungafumana amaxabiso amaninzi amkela u-PayPal njengendlela yokubhatala kwiplatfom yethu. Ukuba awufumani xabiso likufaneleyo, ungayila elakho ixabiso ukuze utsale abasebenzisi abafuna ukurhweba i-BTC besebenzisa u-PayPal.

Ukuze ube namava okurhweba ngokhuselekileyo, abanye abathengisi banokufuna amanyathelo ongezelelekileyo ukuqinisekisa isazisi samaqabane arhweba nabo. La manyathelo angakucela ukuba ubonise amaxwebhu athile njengamakhadi e-ID, iiselfie, kunye/okanye izikrinshoti. Oku kunciphisa umngcipheko weentlawulo zobuqhetseba kunye nokusetyenziswa okungagunyaziswanga kweeakhawunti ze-PayPal, ngokwenjenje kwenza u-Paxful abe yiplatfom ekhuselekileyo.

Imimiseloo nemiqathango yexabiso inokuhluka kancinci kwixabiso ngalinye, ngoko qiniseka ukuba uyayifunda uze uvumelane neemfuno zomthengisi ngaphambi kokuqala urhwebo. Ungasebenzisa iKhatyhuleytha ye-Bitcoin yethu ekwi-intanethi ukuze uqikelele ukuba singakanani isixa se-BTC onokusithenga ngale mali unayo ngokwekharensi ekhethwe nguwe. Ukuze ufumane ulwazi oluthe kratya, ungabukela ne vidiyo yokukukhenkethisa yendlela yokuthenga i-Bitcoin ngo-Paypal ku-Paxful.

Apha ku-Paxful, sijolise ekwenzeni lula indlela oguqula ngayo iimali zakho ze-PayPal ziye kwi-Bitcoin ngeplatfom yethu yomhlobo kumhlobo ekhuselekileyo nesebenziseka lula. Fumana elona xabiso lakho libalaseleyo namhlanje.