IKiyoski ka-Paxful

Ifiat yethu eyomeleleyo ekwiplatfomu ukuxhasa usukelo lwakho lwedijithali

U-Paxful yiplatfomu ehamba phambili ye-Bitcoin yomhlobo kumhlobo. Izisa inkululeko yezemali kuzo zonke iimbombo zomhlaba. IKiyoski yethu iyayandisa le nkululeko kutshintsho lwekharensi edijithali ukuze incede abathengi babe ne-Bitcoin kwiiakhawunti zabo. Yintoni enye? Ufumana umvuzo wehlakani ngokuzenzekelayo kuko konke okuthengwayo ngabathengi abatsha oza nabo ku-Paxful, ngonaphakade.

Ngamanyathelo nje ama-3 alula

  • 1. Yenza ikiyoski ye-Bitcoin yakho e-virtual

  • 2. Yithumele kwiwebhsaythi yakho okanye kwijelo

  • 3. Qokelela ikhomishini yokuzikhethela ye- 2% kwintengiso nganye

Yenza iKiyoski yakho ye-Paxful uze unyuse ishishini lakho namhlanje!

Ngokubhalisa uyayivuma Imimiselo Yesevisi yakwa-Paxful, Imimiselo Yesevisi Yenkgubo Yehlakani, and Isaziso sobumfihlo

Isetyenziswa ngabantu abadumileyo kwikhriptho

Ngesisombululo sethu esilula iyakhawulela yaye ilula kubasebenzisi abatsha abasaqalayo ize ibenze abaqalise nge-Bitcoin. Abanye babantu abadumileyo kolu shishino sele beyisebenzisa ikiyoski yethu ngoko nawe umele wenze njalo!

u-Bitmart

Ubudlelane esinabo no-Bitmart benza abasebenzisi bathenge baze bathengise iikharensi zedijithali besebenzisa iKiyoski ye-Bitcoin yakwa-Paxful

Iinzuzo zokusebenzisa ikiyoski ye-Bitcoin yakwa-Paxful

Iinzuzo zokusebenzisa ikiyoski ye-Bitcoin yakwa-Paxful

Kuyakhawuleza ukuseta yaye kulula ukuyitshintsha

Ungayitshintsha ikiyoski yakho ufake amaxabiso achazwe kusengaphambili, iindlela zokubhatala, nezinye, kanti nangokutshintsha ukujongeka njengebala nokuyibhrenda.

Akukho ukubuya uhlawuliswe

Njengomrhwebi awunawo umngcipheko wokubuya uhlawuliswe kuba intlawulo yabathengi bakho yenziwa kwiplatfomu yethu ye-p2p.

Inkxaso kubavelisi

Sibonelela ngokutshintsheka okuninzi okuhambele phambi kwewijethi yeewebhsaythi nee-app. Fumanisa okungakumbi kumaxwebhu ethu omphuhlisi.

Iindlela zokubhatala ezingaphezu kwe-300

Abathengi bakho bangasebenzisa naluphi ukhetho lokubhatala olungaphezu kwe-350 ukuze bafake imali kwiiakhawunti zabo ze-Bitcoin kungekho ukubuya bahlawuliswe.

Uhambo lokusebenzisana

Ngaba ungumntu othanda ukuzibambela? Siyakufumana oko. Kwaye siza kukulungiselela! Masikubonise ngokukhawuleza ushwankathelo onokuba nenxhaxheba kulo ukuze sikuncede uqonde konke kusebenza njani. Oku kuza kukwenza ukhawuleze uyazi isebenza njani ngexeshana nje elingephi.

Yibone isebenza
Uhambo lokusebenzisana Uhambo lokusebenzisana
Uhambo lokusebenzisana Uhambo lokusebenzisana

Ngaphezulu kwe-300 fiat kwi-ramp ezikhoyo

Abathengi bakho bangasebenzisa naluphi ukhetho lokubhatala olungaphezu kwe-350 esilwamkelayo. I-Bitcoin idiphozithwa ngqo kwiakhawunti yakho kutshintsho lwekharensi lwakho okanye kwiplatfomu.

Udluliselo-mali lwebhanki

I-Paxful ixhasa zonke iinethiwekhi zebhanki zehlabathi. Udluliselo lwebhanki luhlala luhlala, kwaye iidiphozithi zenzeka ngosuku.

Izipaji ezikwi-Intanethi

Abasebenzisi bakho bangayibhatalela i-Bitcoin ngazo naziphi iiwalethi zedijithali ezaziwayo.

Amakhadi Esipho

Yaziwa kakhulu, iyakhawuleza, kwaye kulula ukubhatalela abasenzisi abasemhlabeni wonke, ukuze bakwazi ukufumana i-Bitcoin.

Intlawulo Ngemali

Yamkela idiphozithi yemali yasekhaya ngoko nangoko kwihlabathi jikelele nge-Paxful ekhulayo ye-p2p yemali ezindleleni. Igqibelele kwengafakwanga ebhankini.

Amakhadi Ebhanki/Etyala

Indlela elula, ekhuselekileyo nefanelekileyo kubasebenzisi yokuthenga i-Bitcoin kwi-intanethi.

Iikharensi ezidijithali

Abasebenzisi bangakwazi ukusiswapha lula nangokufanelekileyo isitokhwe sabo sezinye iikhripthokharensi ezaziwayo bafumane i-Bitcoin.

Imibuzo ebuzwa qho

Awukacacelwa? Nantsi eminye imibuzo exhaphakileyo ephakanyiswe ngabanye abasebenzisi beKiyoski abebengaphambi kwakho, kunye neempendulo zethu kubo, ukuze sikuncede ucacelwe nangakumbi.

Ewe. IKiyoski yakwa-Paxful sisicombululo esenzelwe wena. Ngokuseta iKiyoski yethu kutshintsho lwekharensi yakho, uhambisa i-fiat ekwiplatfomu ekhawulezayo nelula kubathengi bakho.

Yenza useto lweakhawunti ku Paxful.com, uze uzalise ifomu ye-KYC eyenzelwe amaziko.

I-Bitcoin yeklayenti yakho ingathunyelwa kwiwalethi yengqokelela ekugcino lwakho, okanye kwidilesi yewalethi yakhe ekhethekileyo kwiplatfomu yakho.

Ewe. Ungatshintsha umbala uze ufake ibhrendi yakho kuyo.

Ikiyoski ivumela ufikelelo kuzo zonke iikharensi neentlobo zokubhatala ezixhaswa ngu-Paxful.

Ewe, ungayisetela amaxabiso akho iKiyoski.

Umngcipheko wokubuya uhlawuliswe ubangelwa ngabathengisi abakwiplatfomu yakwa-Paxful. Yakuthunyelwa kuwe i-Bitcoin yeklayenti yakho, akukho mngcipheko wokubuya uhlawuliswe kwishishini lakho.

Sinabasebenzi abaninzi, abaqeqeshwe kakuhle abangaphaya kwe-100. Balungisa baze bacombulule amabango 24/7.

Yinkqubo enamanyathelo ama-3 alula kwaye ungakwazi ukuba nayo uze uyisebenzise ngemizuzu nje engephi.

Ikhuseleke ngokufanayo nokurhweba ku-Paxful.

IDeshbhodi yeKiyoski ekwiakhawunti yakho yakwa-Paxful iza kunika zonke iinkcukacha nobalo lweekiyoski zakho kunye neengeniso zazo.

Iingeniso zakho zibhatalwa nge-Bitcoin emva kodluliselwano lokuthenga ngalunye, ziya ngqo kwiwalethi yakho yakwa-Paxful.

Hayi, abathengi bakho akuyi kunyanzeleka bayishiye iwebhsaythi yakho. Bangakwazi ukuyithenga i-Bitcoin kanye phakathi kwiwebhsaythi yakho.

Sinenkqubo ye-KYC etshintshekayo nehlelekayo esekelwe kwisoftwe yomntu wesithathu i-Jumio. Abasebenzisi be-KYC badinga i-ID, i-selfie, ne-POA. Kukho iindlela ezinamanqanaba asekelwe kwivolyum nengingqi ezifuna abasebenzisi kwi-KYC.

Abathengi bakho baza kuba nokhetho lokusebenzisa naziphi na iindlela zokubhatala ezingaphezu kwe-300 ezamkelekileyo ku-Paxful. Siqhubeka sifaka iindlela zokubhatala ezintsha ezingakumbi kolu luhlu.

Iindlela zokubhatala eziphambili ziquka udluliselo-mali kwiibhanki zasekuhlaleni, u-Paypal, u-SEPA, i-Credit Card, i-Western Union, i-Alipay, no-Vanilla Card.

Ikiyoski yeyokusetyenziswa kumaphepha ewebhsaythi yobuqu, kwiiblog, kumajelo e-YouTube nakwezinye.

Ewe, singasebenza neqela lethu lentengiso ukuze sifumane iindlela ezahlukahlukeneyo zokusasaza obu budlelane butsha.

Ikiyoski ifumaneka kubo bonke abathengisi kwihlabathi jikelele nakwabo bangaphandle kumazwe e-OFAC, kanye njengoko kunjalo ngeplatffomu yethu eyintloko. Sineziseko ezinamandla zabasebenzisi kwilizwe eliphambili ngalinye nakwikharensi kazwelonke.

Imibuzo ebuzwa qho Imibuzo ebuzwa qho
Sele ulungele iKiyoski ye-Bitcoin ethi wena? Sele ulungele iKiyoski ye-Bitcoin ethi wena?

Sele ulungele iKiyoski ye-Bitcoin ethi wena?

Ukwenza useto lweKiyoski ye-Bitcoin yakwa-Paxful kuyakhawuleza yaye kulula. Vele nje wenze iakhawunti, nika ikiyoski yakho igama, ube sele ukulungele ukuya emanqwanqweni. Qalisa ngoku!

Yenza iakhawunti