Ipolisi ye-AML

I-Paxful, Inc. kunye ne Paxful USA, Inc. (ngokukodwa nangokudibeneyo, "Inkampani"), zisekwe phantsi kwemithetho yePhondo laseDelaware obonelela ngeesevisi ezenziwa ngoko mhlobo kumhlobo kwi-intanethi kwindawo yokuthenga nokuthengisa ii-digital assets.

Inkampani ibhaliswe njengeShishini le Sevisi yeMali kunye ne United States Treasury Department’s Financial Crimes Enforcement Network (“FinCEN”). Imigaqo-nkqubo kunye neenkqubo ze Paxful Anti-Money Laundering ("AML") ziyilelwe ukuthintela iintshukumo ezingekho semthethweni kwiqonga, ukukhusela abasebenzisi, ishishini kunye nee digital kharensi kunye neenkonzo zezezimali zoluntu ekuxhatshazweni ngabaphuli-mthetho. Inkampani iyathobela iimfuno ze-Bank Secrecy Act kunye nemimiselo enxulumene ne-FinCEN kunye nesikhokelo.

Njengenxalenye yeMigaqo-nkqubo yokuThobela ye-Paxful, Imigaqo-nkqubo kunye neenkqubo Zokwazi Umthengi Wakho ("KYC")zomthengi ngamnye kunye neziko ziyilelwe ukwenza ukuba iNkampani ikwazi ukwenza inkolelo efanelekileyo yokuba iyabazi ubunyani bokwenene babathengi bayo olwenzelwe olo hlaziyo. Ipolisi isebenza kubo bonke abasebenzisi kwi platfomu kwaye ilandelwa ngabo bonke abasebenzi be-Nkampani, ii-khonsaltant, amagosa, abanini kunye nabalawuli.

Isebenzisa indlela esekwe kumngcipheko njengenxalenye yokuThobela i-KYC & AML, i-Paxful ithathe la manyathelo alandelayo:

  • Ukunyulwa kweGosa eliyiNtloko lokuThobela elinezinga elaneleyo lobugcisa nokuzimela, linembopheleleko yokongamela ukuthotyelwa komthetho, imiqathango, imigaqo nezikhokelo zenkampani ezifanelekileyo;
  • Ukuseka nokugcina usekelo lomngcipheko we-KYC, i-Customer Due Diligence (CDD) kunye nePolisi ye-Enhanced Due Diligence (EDD);
  • Ukuseka umqolo usekelwe kumngcipheko wokungqinisisa abasebenzisi beNkampani (ibhekiselele ku this Ipowusti ye-Blog);
  • Ukusebenzisana nezicelo zokunyanzeliswa komthetho kunye neemfuno zamagunya asekuhlaleni;
  • Ukufaka Ingxelo Yezenzo Ezirhanelekayo ("SARs);
  • Uqeqesho lwebo bonke abasebenzi beNkampani kwi-BSA/AML/OFAC;
  • Ukusetyenziswa kweenkqubo ezahlukeneyo zokulwa ubuqhetseba;
  • Ukubeka iliso ulawulo oluqhubekayo olusiseko sentengiselwano;
  • Ukwenza uphando kusetyenziswa uhlalutyo lwe-blockchain;

Sigcwalisa i-SARs ukuba siyazi, sikrokrela okanye sinesizathu sokukrokrela imisebenzi ekrokrisayo yenzekile kwiqonga lethu. Intengiselwano ekrokrisayo ihlala ingangqinelani neshishini elaziwayo nelisemthethweni lomsebenzisi, imisebenzi yomntu okanye iindlela zomntu. IGosa lethu eliyiNtloko yokuThobela liphonononga kwaye liphanda imisebenzi erhanelekayo ukufumanisa unokuba iinkcukacha ezaneleyo ziqokelelwe na ukuze kuqinisekiswe ukufayilwa kwe-SAR. IGosa lethu eliyiNtloko yokuThobela ligcina iirekhodi kunye namaxwebhu axhasayo azo zonke ii-SARs ezifayilishiweyo.

Inkampani iphinde yamkela imigaqo-nkqubo yezohlwayo ze-OFAC eziqhubekayo eziyilelwe ukukhusela platfomu ekubeni isetyenziselwe ukuthengiselana okungavumelekanga, ngabantu abathintelweyo okanye ngeenjongo zokuphepha, ukunqanda okanye ukuthintela izohlwayo zase-US kunye nehlabathi.

I-Paxful isebenzisana ngokupheleleyo nayo yonke i-OFAC, i-Specially Designed Nationals (SDN) kunye noluhlu labantu aba-Blocked. Nceda ujonge koku kulandelayo link uluhlu lweeNkampani zamazwe anomngcipheko wokuthintelwe ekusebenziseni iplatfomu ye-Paxful.

Apho i-Paxful ikunike inguqulelo yepolisi eguqulelwe kolunye ulwimi ukusuka kwisiNgesi, ngoko ke, uyavuma ukuba inguqulelo yolunye ulwimi ibonelelwe ukulungiselela wena kuphela kwaye neenguqulelo zolwimi lwesiNgesi zepolisi ziya kulawula ubudlelwane bakho ne-Paxful. Ukuba kukho nakuphi na ukungangqinelani phakathi koko kuthethwa yipolisi yolwimi lwesiNgesi kunye noko kuthethwa yinguqulelo, inguqulelo yesiNgesi iya kulawula.